Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Vumela UThixo Akukhokelele “Kubomi Bokwenene”

Vumela UThixo Akukhokelele “Kubomi Bokwenene”

Vumela UThixo Akukhokelele “Kubomi Bokwenene”

EYONA nto ibalulekileyo ngalo naluphi na ukhokelo kukuba lunokuthenjwa na. Abo bamaziyo uYehova, uMyili weBhayibhile, baqinisekile ukuba ungoyena mntu unokuthenjwa. Kaloku unguThixo “ongenakuxoka.” (Tito 1:2; 2 Timoti 3:16) UYoshuwa owayehlonel’ uThixo, nowakhokelela amaSirayeli kwiLizwe Ledinga, wangqina ukuba uThixo unokuthenjwa. Kwintetho awayinikela kuhlanga luphela, wathi: “Niyazi kakuhle ngeentliziyo zenu zonke nangemiphefumlo yenu yonke ukuba akusilelanga nalinye ilizwi kuwo onke amazwi alungileyo uYehova uThixo wenu awathethileyo kuni. Onke abe yinyaniso kuni. Akusilelanga nalinye ilizwi kuwo.”—Yoshuwa 23:14.

Ukususela ngexesha likaYoshuwa zininzi iziprofeto zeBhayibhile eziye zazaliseka. Le ngxelo ichane kangangokuba, isinika isiseko esihle sokuba nokholo kwiziprofeto ezingekazaliseki. Uninzi lwazo luquka injongo kaThixo ngomhlaba nangoluntu oluthobelayo.

Ngaba Unokuzuza Kukhokelo LukaThixo?

UYehova uluthando, yaye ufuna sonwabe size sizuze ubomi obungunaphakade. (Yohane 17:3; 1 Yohane 4:8) UThixo ufuna sikuvuyele ukuphila, ukuphila “ubomi bokwenene” ngonaphakade. (1 Timoti 6:12, 19) Ngenxa yesi sizathu, kukho ngaphezu kwezigidi ezithandathu zamaNgqina kaYehova athobela imiyalelo kaThixo yaye ngovuyo anesabelo ‘ekushumayeleni iindaba ezilungileyo zobukumkani’ kubamelwane bawo. (Mateyu 24:14) Namhlanje, lo msebenzi awenza kumazwe angama-235—phantse ehlabathini lonke!

UBukumkani bukaThixo ngurhulumente olawulwa nguYesu Kristu. (Daniyeli 7:13, 14; ISityhilelo 11:15) Phantsi kolawulo lwakhe bonke abangendawo—abo bangafuniyo ukuzithoba kwimilinganiselo kaYehova yobulungisa—baza kutshatyalaliswa. (INdumiso 37:10; 92:7) Ngoko ke, umhlaba wonke “uya kuzaliswa kukwazi uYehova njengamanzi egubungele ulwandle.”—Isaya 11:9.

Khawucinge nje ngoxolo oluya kubakho xa wonk’ umntu kweli gada eya kunqula uThixo “ngomoya nenyaniso” aze azithobe ngokuzithandela kukhokelo lothando nakwimilinganiselo efezekileyo. (Yohane 4:24) Ekugqibeleni, abantu baya kuphila “ubomi bokwenene” obuthenjiswe nguThixo!

Njengokuba kuprofetiwe, yimbinana kuphela eya kwamkela ukhokelo lukaThixo ize izuze ubomi. (Mateyu 7:13, 14) Ngaba uyafuna ukuba phakathi kwayo? Ukuba kunjalo, amaNgqina kaYehova akumema ngokufudumeleyo ukuba uhlolisise iZibhalo uze ufumane icebiso lokukukhokela. Ngokwenza oko, “uya kuva” ngokwakho ukuba uYehova ulungile ngokwenene. (INdumiso 34:8) Kanye njengokuba ithuku likhokela intaka kwindlela yayo, uYehova uya kukhokela abathembekileyo kubomi eParadesi.—Luka 23:43.

[Umfanekiso okwiphepha 8, 9]

“Banoyolo abo banomoya wobulali, kuba baya kuwudla ilifa umhlaba.”—MATEYU 5:5

“Kodwa abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba, baziyolise ngokugqibeleleyo ngobuninzi boxolo.”—INDUMISO 37:11

“Intente kaThixo iphakathi koluntu, . . . Uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa.”—ISITYHILELO 21:3, 4

“Kuba abathe tye bona baya kuhlala emhlabeni, nabangenakusoleka baya kusala kuwo. Bona ke abangendawo, baya kunqunyulwa emhlabeni; ke wona amaqhophololo, aya kuncothulwa kuwo.”—IMIZEKELISO 2:21, 22