Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Yile Nto Kanye Besiyifuna!”

“Yile Nto Kanye Besiyifuna!”

“Yile Nto Kanye Besiyifuna!”

Omnye umama waseItali watsho xa wayefumana incwadi ethi Funda Kumfundisi Omkhulu. Wathi: “Zange ndikwazi ukuzibamba, ndalila.” Ethetha ngentwazana yakhe wongezelela esithi: “Ayikakwazi ukufunda kodwa incedwa yimifanekiso, iyazikhumbula iingongoma eziziintloko. Iyaphulaphula yaye maxa wambi igqabaze kuba indlela ebhalwe ngayo le ncwadi yincoko ephakathi komfundi nomntu ophulaphuleyo. Esi sesona sipho umntu anokusifumana.”

Intloko-ntsapho yaseItali ithi, yona nenkosikazi yayo babezibuza ukuba bangamchazela njani unyana wabo ngezinto ezinokuthanani nesini. Bathi: “Xa kwakhululwa le ncwadi sasivakalelwa kukuba uThixo uyazazi izinto ezisixhalabisayo. Emva kokuba siyihlolisisile, saphawula ukuba le ncwadi intsha iye yamkhuthaza unyana wethu ukuba acinge aze asebenzise ingqiqo.”

Ibhinqa eliselula eJapan elalixhatshazwa ngokwesini ngoxa lalisengumntwana, libulela ngale ncwadi lisithi: “Ndatsho esofelweyo yaye ndandingayeki ukumbulela uYehova. Le ncwadi ithetha kanye ngezinto ulutsha olujamelene nazo kweli hlabathi lingendawo. Imibuzo yayo ikhuthaza umntwana aveze indlela avakalelwa ngayo. Isahluko 32 sikhusela abantwana kubantu abadala abacinga ngokwenza ububi. Ngendiphila ubomi obahlukileyo kunobu ndibuphilayo ukuba esi sixhobo singqale kangaka nesinemfundiso sasikho kwiminyaka engama-20 edluleyo.”

Unokuzicelela umbhalo wale ncwadi intle, inemifanekiso nenamaphepha angama-256, elingana neli phephancwadi ngobukhulu. Zalisa eli phetshana uze ulithumele kwiadres echaziweyo okanye kwefanelekileyo kwezikwiphepha 5 leli phephancwadi.

□ Ncedani nindithumelele incwadi eboniswe apha.

Ulwimi.

□ Ncedani niqhagamshelane nam ngokuphathelele isifundo seBhayibhile sekhaya sesisa.