Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ithetha Ngantoni IBhayibhile?

Ithetha Ngantoni IBhayibhile?

Ithetha Ngantoni IBhayibhile?

BAMBI bayigqala iBhayibhile njengencwadi yembali, ekubeni ithetha ngamawaka eminyaka endlela uThixo aqhubana ngayo nabantu. Abanye bayigqala njengencwadi emisela imilinganiselo yokuziphatha. Babhekisela kwimithetho nemimiselo engaphezu kwama-600 ephathelele imigwebo, intsapho, ukuziphatha nonqulo uThixo awayinika amaSirayeli. Sekunjalo abanye bayigqala iBhayibhile njengencwadi esityhilela iingcamango zikaThixo.

Eneneni, bonke aba bantu bachanile. IBhayibhile ithi: “Sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo kwaye siyingenelo ekufundiseni, ekohlwayeni, ekulungelelaniseni izinto, ekuqeqesheleni ebulungiseni, ukuze umntu kaThixo awufanelekele aze awuxhobele ngokupheleleyo wonke umsebenzi olungileyo.” (2 Timoti 3:16, 17) Enyanisweni zonke izinto ezikwiLizwi likaThixo zibalulekile, kuquka iingxelo zembali, imithetho nesiluleko sayo.

Kodwa ke, iBhayibhile asiyongqokelela nje yenkcazelo eluncedo. Ngokukhethekileyo, iBhayibhile sisityhilelo esivela kuYehova uThixo. Inikela isiluleko ezisebenzayo nesivela kuThixo sobomi bemihla ngemihla. Ikwatyhila nenjongo kaYehova ngomhlaba noluntu, yaye ibonisa indlela aya kubaphelisa ngayo oonobangela bokubandezeleka kwabantu. Okubaluleke ngakumbi, iBhayibhile ichaza ukuba kuye kwathethwa ubuxoki ngoThixo yaye ichaza indlela yokulungisa le mbambano.

Kuthiwa UThixo Lixoki Nomlawuli Ongafanelekanga

IBhayibhile ithi uThixo wadala abantu bokuqala, uAdam noEva, befezekile engqondweni nasemzimbeni waza wababeka kwindawo entle. Wathi mabanyamekele umhlaba nezilwanyana. (Genesis 1:28) Njengabantwana bakaThixo, uAdam noEva babenethuba lokuphila ngonaphakade emhlabeni, logama bethobela uBawo osemazulwini. Wabalela nje into enye. UYehova wathi: “Kuyo yonke imithi yomyezo ungadla wanele. Kodwa wona umthi wokwazi okulungileyo nokubi uze ungadli kuwo, kuba mhla uthe wadla kuwo uya kufa ngokuqinisekileyo.”—Genesis 2:16, 17.

Kodwa ke, isidalwa somoya iBhayibhile ethi nguSathana uMtyholi, sathetha okwahlukileyo: “Ngokuqinisekileyo anisayi kufa.” (Genesis 3:1-5) Ephikisana ngokuphandle noThixo, uSathana akazange athi uMdali lixoki nje kuphela kodwa wakwathi indlela yakhe yokulawula iphosakele—umntu angaziphilela bhetele ngaphandle kwakhe. USathana weyisela uEva ekukholelweni ukuba ukungamthobeli uThixo kuza kumkhulula aze azimele. Wathi uza kuba “njengoThixo”! Ngaloo ndlela uSathana wayehlasela igama elihle likaYehova nenjongo yakhe.

Oko kwaba nemiphumo enzulu. Eneneni, injongo kaYehova yokuthethelela igama lakhe ngumxholo weBhayibhile. Oku kushwankathelwa kumthandazo kaYesu ongumzekelo—abantu abadla ngokuthi Ngumthandazo WeNkosi okanye uBawo Wethu Osezulwini. UYesu wafundisa abalandeli bakhe kuba bathandaze benjenje: “Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho. Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni.”—Mateyu 6:9, 10.

Indlela UThixo Alithethelela Ngayo Igama Lakhe

USathana waphakamisa iimbambano ezibalulekileyo: Ngubani othetha inyaniso—nguYehova okanye nguSathana? Ngaba uYehova ulawula indalo yakhe ngokusesikweni nangobulungisa? Ngaba unalo ilungelo lokulindela ukuba abantu bamthobele? Ngaba abantu banokuzilawula ngaphandle kwakhe? Ukuze aphendule loo mibuzo, okwethutyana uYehova uye wavumela abantu ukuba bazilawule.

Uye waba yintoni umphumo? Ukususela kubuxoki bokuqala e-Eden, imbali yoluntu iye yazaliswa yintlungu nakukubandezeleka, nto leyo engqina ukuba uSathana ulibhedengu lexoki yaye ukuzimela geqe kuThixo kukhokelela kwintlekele. Kodwa ke ngenxa yokuba uYehova eluthando yaye ebalasele ngobulumko ufuna ukulithethelela igama lakhe ngokuphelisa zonke iingxaki ezaqala e-Eden. Uya kwenjenjalo ngoBukumkani bukaMesiya. Buyintoni obo Bukumkani?

Isicombululo SikaThixo—UBukumkani

Abantu abaninzi badla ngokucengceleza uMthandazo weNkosi. Makhe sihlolisise intsingiselo yawo. Qwalasela la mazwi: “Mabufike ubukumkani bakho.” (Mateyu 6:10) UBukumkani asiyomeko nje yentliziyo, njengoko abanye besitsho. Kunoko, njengokuba ibinzana elithi “kumkani” libonisa, ngurhulumente, osezulwini phantsi kukaYesu Kristu, “uKumkani wookumkani.” (ISityhilelo 19:13, 16; Daniyeli 2:44; 7:13, 14) IBhayibhile ifundisa ukuba uza kulawula phezu komhlaba, azise uxolo ngonaphakade baze abantu bavisisane, aphelise nobungendawo. (Isaya 9:6, 7; 2 Tesalonika 1:6-10) Ngale ndlela, uBukumkani bukaThixo, kungekhona urhulumente wabantu, buya kuzalisekisa amazwi kaYesu athi: “Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni.”

Ukuze aqinisekise ukuba loo mazwi ayazaliseka, uYesu wanikela ngobomi bakhe njengedini ukuze akhulule inzala ka-Adam kwisono nokufa. (Yohane 3:16; Roma 6:23) Ngoko ke, phantsi koBukumkani bukaThixo, bonke ababonakalisa ukholo kwidini likaKristu baya kubona imiphumo yesono sika-Adam ipheliswa baze abantu bafezeke ngokuthe ngcembe. (INdumiso 37:11, 29) Asisayi kuphinda sithwaxwe kukugula, okusithwaxa ngakumbi ekwaluphaleni. Nentlungu eziswa kukugula nokufa ebantwini iya ‘kudlula.’—ISityhilelo 21:4.

Sinokuqiniseka njani ukuba uThixo uya kuzizalisekisa izithembiso zakhe? Okokuqala, iziprofeto ezingamakhulukhulu zeBhayibhile ziye zazaliseka. (Bona iphepha 9.) Kucacile ke ukuba ukukholelwa eBhayibhileni asingomnqweno nje kuphela kodwa kusekelwe kwizizathu nobungqina obubambekayo.—Hebhere 11:1.

Isiluleko Esisebenzayo Kumhla Wethu

Ngaphandle kokusinika ithemba eliqinileyo ngekamva, iBhayibhile ikwasinceda sinandiphe ubomi kwanangoku. Ngokomzekelo, iLizwi likaThixo lisinika icebiso elingenakuthelekiswa nanto nelisebenzayo ngokuphathele umtshato, ubomi bentsapho, ukuba nolwalamano oluhle nabanye, ukufumana ulonwabo nezinye izinto ezininzi. Makhe siqwalasele amacebiso ambalwa.

Cinga ngaphambi kokuba uthethe. “Kukho othetha engacinganga njengokuhlaba kwekrele, kodwa ulwimi lezilumko luyaphilisa.”—IMizekeliso 12:18.

Wuphephe umona. “Intliziyo ezolileyo ibubomi kumzimba wenyama, kodwa ikhwele likukubola emathanjeni.”—IMizekeliso 14:30.

Baqeqeshe abantwana bakho. “Yiqeqeshe inkwenkwe ngokwendlela yayo; naxa indala ayisayi kuphambuka kuyo.” “Inkwenkwe eyekelelwayo iya kumhlazisa unina.”—IMizekeliso 22:6; 29:15.

Xolela. UYesu wathi: “Banoyolo abanenceba, kuba baya kwenzelwa inceba.” (Mateyu 5:7) UKumkani uSolomon wabhala: “Uthando lugubungela konke ukunxaxha.” (IMizekeliso 10:12) Ukuba umntu othile ukone kangangokuba akunako ukumxolela nokukulibala oko akwenzileyo, iBhayibhile ithi: “Yiya usidandalazise isiphoso sakhe phakathi kwakho naye ninedwa.”—Mateyu 18:15.

Kuphephe ukuthanda imali. ‘Ukuthanda imali yingcambu yazo zonke iintlobo zobubi, yaye ngenxa yokusukelana nolo thando bambi baye bazingxwelerha ngeentlungu ezininzi.’ (1 Timoti 6:10) Phawula ukuba iBhayibhile igxeka “ukuthanda imali,” kungekhona imali ngokwayo.

“Ileta” Evela KuBawo Wethu Wasezulwini

Ngoko ke iBhayibhile ithetha ngezinto ezininzi. Njengoko sele sibonile, ngokuyintloko ithetha ngoThixo nenjongo yakhe. Kodwa ikwathetha nangathi—thina bantu—nendlela esinokuphila ngayo ubomi obonwabileyo ngoku nangonaphakade phantsi kolawulo loBukumkani bukaThixo. Ngamanye amazwi, iBhayibhile injengencwadi evela ‘kuBawo wethu osemazulwini,’ uYehova. (Mateyu 6:9) Kuyo, uYehova uye wasityhilela iingcinga zakhe ezibalulekileyo yaye uye wasixelela ukuthanda kwakhe nobuntu bakhe.

Ngokufunda iBhayibhile nokucamngca ngayo, siqalisa “ukubona” uThixo njengoko enjalo. Iintliziyo zethu ezinyanisekileyo zisenza sisondele kuye. (Yakobi 4:8) IBhayibhile ayithethi nje ngembali, iziprofeto nemithetho. Ikwathetha nangolwalamano lwethu noThixo. Oku kwenza le ncwadi ikhetheke ngokwenene ize ixabiseke.—1 Yohane 4:8, 16.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 19]

Umxholo weBhayibhile ushwankathelwe kakuhle kwizivakalisi zokuqala zomthandazo kaYesu ongumzekelo

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 21]

INDLELA YOKUFUNDA IBHAYIBHILE

Ukufunda iBhayibhile kubangel’ imincili gqitha. Eneneni, iingxelo zayo ezininzi nezifundo eziphathelele indlela yokuziphatha zaziwa ngokubanzi kangangokuba kwiilwimi ezininzi kukho iincwadi ezithetha ngazo. IBhayibhile isinceda sazi uMdali wethu, uYehova uThixo. Ikwangumthombo onzulu wobulumko. Umzekeliso weBhayibhile uthi: “Ubulumko yinto eyintloko. Zuza ubulumko; kunye nako konke oko ukuzuzayo, zuza ukuqonda.” (IMizekeliso 4:7) Unokungenelwa njani ngakumbi xa ufunda iBhayibhile?

Zama ukufunda xa ingqondo yakho ithe qwa. Musa ukufunda ngokungxama. Injongo yakho ifanele ibe kukuzalisa ingqondo yakho ngeengcinga zikaThixo, uqiniseke ukuba ziyabetheleleka engqondweni yakho. Xa ugqiba kufunda, cingisisa ngoko ukufundileyo uze ukuthelekise noko sele ukwazi. Oku kuya kukwenza ukuqonde kakuhle oko ukufundayo uze ukuxabise nangakumbi.—INdumiso 143:5.

Abanye basenokuzibuza, ‘Ndiza kuqala ngaphi xa ndifunda iBhayibhile?’ Eneneni, unokuqala ekuqaleni. Noko ke, abanye abantu abaqalayo ukufunda iBhayibhile badla ngokufumanisa kulula ukuqala ngeencwadi zeVangeli—uMateyu, uMarko, uLuka noYohane—iingxelo ezithetha ngobomi nobulungiseleli bukaYesu. Emva koko abanye baye bafunde iincwadi zemibongo ezibhalwe kakuhle nezingumthombo wobulumko—IiNdumiso, IMizekeliso neNtshumayeli. Emva koko, unokuba nomdla wokufunda nezinye iincwadi zeBhayibhile. (Funda ngezantsi.) Ungabi njengabanye abacinga ukuba bafanele bafunde iTestamente Entsha kuphela. Khumbula ukuba, “sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo kwaye siyingenelo.”—2 Timoti 3:16.

Eyona ndlela iphumelelayo yokufunda iBhayibhile kukuyifunda ngokwemixholo. Ngokomzekelo, kwincwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? esetyenziswa ngamaNgqina kaYehova kubulungiseleli bawo, kukho umxholo othi “Indlela Yokwenza Intsapho Yakho Yonwabe,” nothi “Unqulo Olumkholisayo UThixo,” nothi “Baphi Abafileyo?”—Bona ibhokisi ekwiphepha 18.

[Ibhokisi ekwiphepha 21]

UKUFUNDA IBHAYIBHILE NGOKWEMIXHOLO

Imvelaphi yobomi nendlela umntu awawela ngayo esonweni IGenesis

Ukunyulwa kohlanga lwakwaSirayeli IEksodus ukusa kwiDuteronomi

Iingxelo ezibangel’ umdla UYoshuwa ukusa kuEstere

Imibongo neengoma ezihlab’ umxhelo UYobhi, IiNdumiso, INgoma yazo iingoma

Amacebiso obulumko IMizekeliso, INtshumayeli

Iziprofeto nokhokelo ngendlela yokuziphatha UIsaya ukusa kuMalaki neSityhilelo

Ubomi bukaYesu neemfundiso zakhe UMateyu ukusa kuYohane

Ukusekwa nokwanda kobuKristu IZenzo

Iileta eziya emabandleni AbaseRoma ukusa kuYude