Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Yintsomi Okanye Yinyaniso?

Ngaba Yintsomi Okanye Yinyaniso?

Ngaba Yintsomi Okanye Yinyaniso?

UmKristu ongumdala uTimoti wayalela abo bafuna ukunqula uThixo wenyaniso ukuba banganikeli ngqalelo “kwiingcamango ezingaqhelekanga” “nakwiintsomi.” (1 Timoti 1:3, 4, Byington) Ngaba kuyimfuneko ukuba nathi silumke namhlanje? Kunjalo, kuba iingcamango neemfundiso ezingachananga ngeBhayibhile zinokwenza abantu baluyeke unqulo lokwenyaniso. Ngezantsi kukho iingcamango eziqhelekileyo ngeBhayibhile. Phawula oko kuthethwa yiBhayibhile ngokwayo. Oku kunokukunceda uwazi umahluko phakathi kwentsomi nenyaniso.

Intsomi: Ayinakuba yenzeka imimangaliso eseBhayibhileni.

Inyaniso: Ininzi into emelwe ifundwe ngabantu ngendalo kaThixo. Ayikho inzululwazi enokuwuchaza ngokuzeleyo umthetho womxhuzulane, ichaze ngokucacileyo iinxalenye zeathom okanye ichaze indlela elisebenza ngayo ixesha. “Ngaba unokuzifumana izinto ezinzulu zikaThixo, okanye ngaba unokusifumana isiphelo sikaSomandla?” (Yobhi 11:7) Ekubeni singenakuyiqonda ngokupheleleyo indalo, iinzululwazi zikulumkele ukuthi into ethile ayinako ukwenzeka.

Intsomi: Zonke iinkonzo zikholelwa kuThixo omnye.

Inyaniso: UYesu wathi, “Ukuba nithe nahlala kulo izwi lam, ngokwenene ningabafundi bam, niya kuyazi inyaniso, yaye inyaniso iya kunikhulula.” (Yohane 8:31, 32) Ukuba zonke iinkonzo zikholelwa kuThixo omnye, ngaba bekuya kuba yimfuneko ukuba amalungu azo akhululwe? Enyanisweni, uYesu wafundisa ukuba bambalwa abantu ‘abakwindlela esa ebomini.’—Mateyu 7:13, 14.

Intsomi: Bonke abantu abalungileyo baya ezulwini xa besifa.

Inyaniso: “Abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba, baziyolise ngokugqibeleleyo ngobuninzi boxolo. Amalungisa aya kuwudla ilifa umhlaba, ahlale kuwo ngonaphakade. Thembela ngoYehova ugcine indlela yakhe, uya kukuphakamisa uwudle ilifa umhlaba.” (INdumiso 37:11, 29, 34) Ngabantu abali-144 000 abathembekileyo kuphela abaya ezulwini. Isabelo sabo abasinikwe nguThixo kukuba ‘balawule njengookumkani phezu komhlaba.’—ISityhilelo 5:9, 10; 14:1, 4.

Intsomi: “ITestamente Endala” ayisasebenzi kumaKristu.

Inyaniso: “Sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo kwaye siyingenelo.” (2 Timoti 3:16, 17) “Zonke izinto ezabhalwa kwixesha langaphambili zabhalelwa ukuyalela thina, ukuze ngonyamezelo lwethu nangentuthuzelo yeZibhalo sibe nethemba.” (Roma 15:4) “ITestamente Endala,” iZibhalo zesiHebhere, ibalulekile ekusiyaleleni ngokomoya yaye isenza sibe nokholo oluqinileyo “kwiTestamente Entsha,” iZibhalo zamaKristu zesiGrike.

Intsomi: Inkoliso yencwadi yeGenesis, kuquka ingxelo ka-Adam noEva, yimizekeliso nje.

Inyaniso: Umlibo wokuzalwa kaYesu ukususela kuAdam ubhalwe ngumbhali weVangeli uLuka. (Luka 3:23-38) Ukuba iGenesis ibiyintsomi, ngawaphi amagama okwenyani, ingawaphi awobuxoki? UYesu, owayesezulwini ngaphambi kokuza emhlabeni, wayekukholelwa oko kubhalwe kwiGenesis, kuquka ingxelo ka-Adam noEva. (Mateyu 19:4-6) Ngoko ke, ukuthandabuza incwadi yeGenesis kukuthandabuza uYesu ngokwakhe, kwakunye nabanye ababhali beBhayibhile abaninzi.—1 Kronike 1:1; 1 Korinte 15:22; Yude 14.