Abantwana Abaxinezelekileyo
Abantwana Abaxinezelekileyo
◼ “Andikhange ndilifumane ixesha. Ndidiniwe,” waphendula njalo uPablo, umfana oneminyaka esibhozo ubudala, xa utitshala wakhe embuza ngomsebenzi wesikolo. Njengalo mfana udiniweyo waseSpeyin, abantwana abaninzi basebenza iiyure ezininzi ngosuku, ezinokuquka iiyure ezili-12 nangaphezulu, besenza umsebenzi wesikolo. Kutheni benomsebenzi omninzi kangaka nje?
Abanye abazali bagcina abantwana babo bexakekile ngezinto ezenziwa emva kwesikolo bade nabo bafike ekhaya. Abanye baxakekisa abantwana ngomsebenzi omninzi kuba befuna baphume emagqabini esikolweni baze kamva bafumane eyona misebenzi iphambili. Ngenxa yoko, abazali abaninzi baseMzantsi Korea bathumela abantwana babo kwizikolo ekufundiswa kakhulu kuzo, yaye ngamanye amaxesha kuye kufuneke baqale ngentsimbi ye-7:30 ekuseni baze bagoduke ezinzulwini zobusuku, iintsuku ezisixhenxe ngeveki. INew York Times ithi: “Benza nantoni na ukuze abantwana babo baye kwezona yunivesithi ziphambili.”
IMujer hoy ephuma veki nganye yaseSpeyin ithi: “‘Abazali abanganelisekiyo’ babafunela okona kusemagqabini abantwana babo, kodwa oko kufuna ukuba abantwana bazibhokoxe.” Kuba befuna ukwanelisa abazali, abantwana basebenza ngokugqithiseleyo, nto leyo enokubabangela uxinezeleko. UAntonio Cano, umongameli weSpanish Society for the Study of Anxiety and Stress uthi: “Into esiye sayiphawula kukuba abantwana baxinwa ngomsebenzi omninzi wesikolo.” Omnye unjingalwazi uthi, ama-40 ekhulwini abantwana abaseSpeyin abangaphantsi kweminyaka eli-15 ubudala baxinezelekile. Akufanelekanga ukuba abantwana baxinezeleke ngolo hlobo, kuba basenokude bazibulale. Ngokomzekelo, iThe New York Times ithi, eMzantsi Korea, “eyona nto ebangela ukuba abantwana abaphakathi kweminyaka eli-10 ukusa kweli-19 ubudala bafe, ngaphandle kwengozi yemoto, kukuzibulala.”
Kakade ke, abantwana bafanele bazibhokoxe esikolweni, yaye abazali bafanele babancede kangangoko kunokwenzeka, kuba abantwana abasayi kuphinda balifumane ithuba lokufunda. Kodwa “abantwana asingobantu abadala. Abakwazi ukumelana nomsebenzi omninzi wosuku lonke,” utsho njalo uIrene Arrimadas, ongutitshalakazi. Abazali abanothando nabakuqondayo oku bayaqiniseka ukuba abantwana babo bafumana ixesha elaneleyo lokuphumla nokwenza nezinye izinto zentsapho ezakhayo. Ethetha ngemfuneko yokulungelelana, uKumkani uSolomon, osisilumko wabhala wathi: “Kulunge ngakumbi ukuzalisa isandla ngokuphumla kunokuzalisa izandla zozibini ngomsebenzi onzima ngokusukelana nomoya.”—INtshumayeli 4:6. a
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngeengxaki abantwana abaninzi abajamelana nazo, funda amanqaku athi “Ukuxinezeleka Kwabafundi,” kuVukani! ka-Aprili 2009.