Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Amayeza Kagqirha—Ukuwasebenzisa Kakuhle Nakakubi

Amayeza Kagqirha—Ukuwasebenzisa Kakuhle Nakakubi

Amayeza Kagqirha—Ukuwasebenzisa Kakuhle Nakakubi

I NTWAZANA egama linguAngie yeva abazali bayo besithi iipilisi ezisetyenziswa ngumntakwabo zimenza aphelelwe ngumdla ekutyeni. Ekubeni uAngie wayekhathazeka ngesiqu sakhe, waqalisa ukuba iipilisi zomntakwabo, ethabatha ibe nye emva kweentsuku ezimbalwa. Ekubeni wayengafuni ukubhaqwa ngabazali, wazicela kumhlobo wakhe owayesebenzisa iipilisi ezifanayo. a

Kutheni abantu abaninzi bewasebenzisa kakubi amayeza kagqirha? Esinye isizathu sikukuba afumaneka lula—kusenokwenzeka ukuba akho ekhaya. Okwesibini, abantu abaninzi abaselula baqiqa ngelithi abophuli mthetho xa basebenzisa amayeza kagqirha ngaphandle kwemvume. Yaye okwesithathu, amayeza kagqirha asenokubonakala engeyongozi njengeziyobisi. Olunye ulutsha luqiqa ngelithi: ‘Ngapha koko, ukuba iyeza elithile linokusetyenziswa ngumntwana, limele ukuba aliyongozi.’

Liyinyaniso elokuba, xa esetyenziswa kakuhle, amayeza kagqirha anokuphucula impilo aze asindise nobomi. Kodwa ukuba asetyenziswa kakubi anokuba yingozi kanye njengeziyobisi. Ngokomzekelo, xa umntu ewasebenzisa kakubi amayeza, unokumelwa yintliziyo okanye axhuzule. Amanye amayeza anokwenza umntu angakwazi ukuphefumla kakuhle aze ambulale. Kwakhona iyeza elithile linokuba yingozi xa lisetyenziswa namanye amayeza okanye utywala. Iphephandaba iArizona Republic lithi, ngasekuqaleni kowama-2008, omnye umdlali odumileyo wabulawa “kukuxuba iipilisi ezintandathu zokuthomalalisa, iipilisi zokulala nezokuphelisa iintlungu.”

Ukanti enye ingozi kukuba umntu unokuba likhoboka lawo. Xa esetyenziswa kakhulu okanye esetyenziselwa ezinye iinjongo ezingafanelekanga, amanye amayeza anokufana neziyobisi—anokubangela umntu awathande aze ahlale ewanqwenela. Kodwa kunokuba kuncede umntu ahlale onwabile okanye kuncede abantu kwiingxaki zabo, ukuwasebenzisa kakubi amayeza kwenza izinto zibembi nangakumbi. Anokwenza umntu axinezeleke, adandatheke nakakhulu, akhoboze impilo yakhe yaye angakwazi ukuzenza kakuhle izinto, usenokuba likhoboka lawo okanye abe nazo zonke ezi ngxaki. Ngokuqinisekileyo, abantu abawasebenzisa kakubi amayeza kagqirha baba neengxaki ekhaya, esikolweni nasemsebenzini. Ngoko ke, sazi njani ukuba iyeza elithile likagqirha lisetyenziswa kakuhle okanye kakubi?

Ngaba Uwasebenzisa Kakuhle Okanye Kakubi?

Xa uwasebenzisa kakuhle amayeza kuxa uwasela ngendlela akuyalele ngayo ugqirha wakho noyaziyo impilo yakho. Oku kuquka ukuwasela ngokomlinganiselo ofanelekileyo ngexesha elifanelekileyo, uwasele kakuhle, yaye uwasebenzisele injongo efanelekileyo. Sekunjalo, asenokubangela ube neempawu ezingathandekiyo okanye ezingalindelekanga. Ukuba oko kuyenzeka, khawuleza uxelele ugqirha wakho. Yena unokukunika amanye amayeza okanye akuyekise wona. Oku kuyafana namayeza owafumana ngaphandle kwemvume kagqirha: Wasebenzise kuphela xa unesizathu esivakalayo, uze ulandele imiyalelo ebhalwe kuwo.

Kunokuba yingozi xa abantu besebenzisa amayeza ngezizathu ezingafanelekanga, bengayilandeli nemiyalelo ebhalwe kuwo, besebenzisa amayeza abanye abantu, okanye bawasebenzisa ngendlela ephosakeleyo. Ngokomzekelo, ezinye iipilisi zifanele ziginywe ziphelele ukuze zikwazi ukusebenza ngokuthe ngcembe emzimbeni. Abantu abazisebenzisa kakubi iipilisi badla ngokuyiphazamisa indlela ezisebenza ngayo ngokuziguba okanye bazihlafune, ngokuzifunxa, okanye ngokuzinyibilikisa emanzini baze bazitofe. Oku kusenokubangela umntu anxile, kodwa usenokuqala ngolo hlobo ukuba likhoboka lazo. Okubi nakakhulu kukuba zisenokumbulala umntu.

Kwelinye icala, ukuba umntu uwasebenzisa kakuhle amayeza kodwa urhanela ukuba uza kuba likhoboka lawo, ufanele axelele ugqirha wakhe ngokukhawuleza. Ugqirha uza kulazi inyathelo afanele alithabathe ngokuphathele le ngxaki ukuze akwazi ukunyanga lo mntu.

Abantu bawasebenzisa kakubi amayeza neziyobisi ngenxa yexesha esiphila kulo. Intsapho, ebekufanele ukuba yindawo elikhusi kwiingxaki zemihla ngemihla, nayo inezayo iingxaki. Abantu baphelelwe yimilinganiselo yokuziphatha neyokomoya, ukanti nobomi ababuhloneli. (2 Timoti 3:1-5) Elinye igalelo kukuba abantu abanathemba ngekamva. Ngenxa yoko, abacingi ngemiphumo emibi yoko bakwenzayo yaye benza nantoni na ukuze bonwabe, kwaye maxa wambi abakhathali. IBhayibhile ithi: “Apho kungekho mbono abantu abathintelwa.”—IMizekeliso 29:18.

Ukuba ungumzali, alithandabuzeki elokuba ufuna ukukhusela intsapho yakho kwiingxaki ezijamelene nehlabathi. Kodwa unokukwenza njani oku? Yaye unokulufumana phi ulwalathiso olufanelekileyo nethemba ngekamva? Amanqaku alandelayo aza kuyiphendula le mibuzo.

[Umbhalo osemazantsi]

a Le nkcazelo ithatyathwe kwiWeb site ethi TeensHealth.

[Ibhokisi ekwiphepha 4]

BENZA NANTONI NA UKUZE BANXILE

Abanye abantu bangenza nantoni na ukuze banxile. Imikhwa eyingozi kakhulu abadla ngokubandakanyeka kuyo kukufunxa izinto zokucoca, ipolishi yeenzipho, ipolishi yefenitshala, ipetroli, iglu, ipeyinti nezinye izinto ezitsha msinya. Ekubeni ubuchopho busondelelene neempumlo, izinto ezifunxwayo ziya ngqo ebuchotsheni, aze umntu anxile ngokukhawuleza.

Omnye umkhwa oyingozi kukusebenzisa kakubi amayeza owafumana ngaphandle kwemvume kagqirha anotywala okanye abangela umntu ozele. Xa eselwe ngomlinganiselo omkhulu, la mayeza enza izivamvo zingasebenzi kakuhle, ingakumbi ukuva nokubona, yaye asenokubangela ukuba umntu adideke, abe nemibono, abe ndindisholo aze aqaqanjelwe nasisisu.

[Ibhokisi ekwiphepha 5]

“IINDLELA ZOKUFUMANA AMAYEZA”

“Kuyinto eqhelekileyo ukuba abantu abangamakhoboka nabawasebenzisa kakubi amayeza bafune ‘iindlela zokufumana amayeza,’” itsho njalo iPhysicians’ Desk Reference. “Ezi ndlela ziquka ukucela uncedo longxamiseko ngasekupheleni kosuku emsebenzini, ukungafuni ukuhlolisiswa kakuhle ngugqirha, ukuhlala ‘ulahlekelwa’ okanye ukuhlala utshintsha into ebhalwe kwiphepha lokufumana amayeza, nokungafuni ukunikela inkcazelo yempilo yakho kwabanye oogqirha. Kuqhelekile ngabantu abasebenzisa kakubi amayeza nabangamakhoboka awo ukuba bacele amayeza nakwabanye oogqirha abahlukahlukeneyo.”

Amayeza adla ngokusetyenziswa kakubi ngala mathathu alandelayo:

Iiopioid—zenzelwe ukuphelisa iintlungu

IiCNS (central nervous system) Depressants—iibarbiturate neebenzodiazepine ezinikwa abantu abanengxaki yokuba nexhala nokungalali kakuhle (kudla ngokuthiwa zizithomalalisi)

Iistimulants—zinikwa abantu abaneattention-deficit hyperactivity disorder (ADHD) [ukungakwazi ukunikela ingqalelo epheleleyo ngenxa yokudlamka ngokugqithiseleyo], abanengxaki yokulala ekuthiwa yinarcolepsy okanye abatyebe ngokugqithiseleyo b

[Umbhalo osemazantsi]

b Le nkcazelo ivela kwiNational Institute on Drug Abuse.

[Ibhokisi ekwiphepha 6]

IMIGAQO YOKUWASEBENZISA KAKUHLE AMAYEZA KAGQIRHA

1. Wasebenzise ngendlela oyiyalelweyo.

2. Musa ukuthabatha umlinganiselo ongaphezulu ngaphandle kokuthetha nogqirha wakho.

3. Musa ukuyeka ukuwasebenzisa amayeza owanikwe ngugqirha ngaphandle kwemvume yakhe.

4. Musa ukuziqhekeza okanye uzigube iipilisi ngaphandle kokuba uyalelwe njalo.

5. Kwazi oko kunokubangelwa ngamayeza athile xa uqhuba imoto okanye usenza ezinye izinto.

6. Buza ngoko kusenokwenzeka xa usebenzisa elo yeza kunye notywala okanye namanye amayeza—enoba ulinikwe ngugqirha okanye uzithengele.

7. Ukuba wakha wazisebenzisa kakubi iziyobisi, mxelele ugqirha wakho.

8. Musa ukusebenzisa amayeza omnye umntu, yaye ungabaphi nabanye abantu amayeza akho. c

[Umbhalo osemazantsi]

c La macebiso avela kwiU.S. Food and Drug Administration.