Iqokobhe Likaqongqothwane ICyphochilus
Ngaba Kwadalwa?
Iqokobhe Likaqongqothwane ICyphochilus
◼ Iqokobhe likaqongqothwane iCyphochilus linamaxolo amancinane, yaye kungafuneka aphindwe kalishumi ukuze alingane nonwele lomntu. UGqr. Pete Vukusic weYunivesithi yase-Exeter, eBritani wathi: “Xa ndawafaka phantsi kwemikroskopu, ndandingayikholelwa into endiyibonayo. Kwandimangalisa ngokwenene.”
Khawucinge ngoku: UVukusic wafumanisa into ebangela lo qongqothwane abe nombala omhlophe okhanyayo, ekubeni oku kungenanto yakwenza nesidali-bala. Into ebangela oku bubukhulu bemicu eyakha amaxolo nesithuba esiphakathi kwayo. Le micu ibangela ukukhanya okungaqhelekanga. IScience Daily ithi: “Ipeyinti, edla ngokusetyenziswa kwiphepha nakwiplastiki ekumgangatho ophezulu, kuya kufuneka iphindwe kabini ukuze ibe mhlophe ngolo hlobo.”
Izazinzulu zikholelwa ukuba iqokobhe leCyphochilus liyinceda ukuba ingabonakali phakathi kokungunda ekubeni idla ngokuhlala phakathi kwako. Kodwa iingcali zinomdla kakhulu kwindlela umbala walo qongqothwane mncinane onokuzuzisa ngayo abantu—ngokomzekelo, ekwenzeni izinto zibe mhlophe qhwa. Lo kaVukusic uthi izinto ezifana nephepha esibhala kulo, umbala wamazinyo ethu, kwakunye nokukhanya kwezibane “kunokuqaqamba nangakumbi xa amagcisa enokufunda kulo qongqothwane.”
Ucinga ntoni? Ngaba iqokobhe elimhlophe likaqongqothwane iCyphochilus lazivelela nje ngamabona-ndenzile? Okanye ngaba ladalwa?
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Uqongqothwane i-“Cyphochilus” ungaphantsi komnwe wakho (umfanekiso wenziwe wamkhulu)
[Inkcazelo]
Department of Entomology, Kasetsart University, Bangkok