Ukhozi Olukhulu Oluhlala Kumahlathi Ashinyeneyo Anemvula
Ukhozi Olukhulu Oluhlala Kumahlathi Ashinyeneyo Anemvula
NGUMBHALI KAVUKANI! E-ECUADOR
◼ Kusenokwenzeka ukuba abahloli bamazwe bokuqala eMzantsi Merika bamangaliswa kukubona le ntaka inkulu. Bamangaliswa kangangokuba bayithiya ngegama lerhamncwa eloyikekayo, elibubhinqa-buntaka ekuthethwa ngalo kwiintsomi zamaGrike.
Abantu basamangaliswa nanamhlanje xa bebona olu khozi. Le ntaka ifumaneka kumahlathi ashinyeneyo akuMbindi nakuMzantsi Merika iziisentimitha ezingama-91 ubude yaye amaphiko ayo amalunga neemitha ezi-2, yaye ilolona khozi lukhulu nolunamandla emhlabeni wonke. Iimazi zezona zinkulu yaye zinobunzima obuziikhilogram ezili-9.
Ezi nkozi zineenzipho eziqinileyo ezikhula zibe ziisentimitha ezili-13 ubude, yaye zibuphinda kabini ubude beenzipho zeenkozi ezinentloko emhlophe. Ngapha koko, ngokutsho kweNational Geographic Today, iinzipho zezi nkozi ziqine kangangokuba zinokwaphula “amathambo eesloth, eenkawu nezinye izilwanyana ezizingelwa zezi nkozi kula mahlathi, yaye zidla ngokuzibulala ngokukhawuleza ezo zilwanyana.” Nangona olu khozi lulukhulu yaye lunamandla okuzingela, akuvakali ngxolo xa lubhabha kangangokuba akulula ukulubona xa lusemoyeni.
Le Ntaka Isecicini Lokuphela
Akukho mfuneko yokuba abantu bayoyike le ntaka kodwa yiyo efanele yoyike abantu. Ukuzingela ngaphandle kwemvume nokutshatyalaliswa kwamahlathi kubangela ukuba ezi ntaka zibe secicini lokuphela yaye sithetha nje zinqongophele. Kwilinge lokuzama ukuhlangula olu khozi, iPanama yayibiza ngokuba yintaka yesizwe yaye abo babanjiweyo ngenxa yokuzingela ngaphandle kwemvume bajongene nezigwebo eziqatha.
Nase-Ecuador kuzanywa ngandlela zonke ukusindisa le ntaka. Kudliwano-ndlebe noVukani!, uGqr. Yara Pesantes weGuayaquil Historic Park, wachaza ukuba ezi nkozi azikwazi ukuba neentlobano zesini de zibe neminyaka emine okanye emihlanu ubudala. Naxa sele zizala ezi mazi, zibeka iqanda elinye okanye amabini ngexesha, kwisithuba seminyaka emibini. Ngenxa yoko kulucelomngeni ukulondoloza ezi ntaka. Kodwa kule paki kusetyenziswa inkqubo yokuvelisa amantshontsho eye yabangela ukuba kubekho amantshontsho asempilweni, watsho njalo uGqr. Pesantes.
Noko ke, kungekudala kuza kuyeka ukuba nzima ukulondoloza ezi ntaka. Ngoba? UMdali, uYehova uThixo, uya kulawula umhlaba ngokupheleleyo aze abonise ngokungathandabuzekiyo ukuba esi sijikelezi-langa nezidalwa ezikuso akazange azidalele ilize.—INdumiso 104:5; Isaya 45:18.
[Umfanekiso okwiphepha 25]
Umntu olungiselela ukufaka uphawu kukhozi
[Inkcazelo]
Pete Oxford/Minden Pictures
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 25]
Tui De Roy/Roving Tortoise Photos