Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukusebenzisa Amayeza Kagqirha Ngaphandle Kwemvume

Ukusebenzisa Amayeza Kagqirha Ngaphandle Kwemvume

Ukusebenzisa Amayeza Kagqirha Ngaphandle Kwemvume

E LINYE ibhinqa elinguLena a lithi: “Ndaqalisa ukusebenzisa amayeza kagqirha xa ndandineminyaka eli-14 ubudala. Ndandivakalelwa kukuba kufuneka ndibhitye ukuze ndibe mhle, ngoko ugqirha wandinika iipilisi zokunciphisa umzimba. Ndandisonwaba kuphela xa ndibona abafana bendincoma. Ekugqibeleni, ndasebenzisa neziyobisi ndaza ndaziphatha kakubi. Ndandidla ngokufuna ukunxila.”

Ibhinqa elinguMyra lalikhathazwa yintloko ebuhlungu, ngoko ugqirha walinika iipilisi zokuphelisa iintlungu. Ekuhambeni kwexesha, laqalisa ukuzisebenzisa kakhulu ezi pilisi—lalingazisebenziseli intloko kuphela kodwa lalisele lilikhoboka lazo. Ngaphezu koko, laqalisa ukusebenzisa iipilisi zamanye amalungu entsapho.

Iingxelo zibonisa ukuba liyanda inani labantu abaselula kwakunye nabantu abadala abawasebenzisa kakubi amayeza kagqirha kuba befuna ukuphumla, ukuhlangabezana noxinezeleko, ukuhlala bephaphile, ukunciphisa umzimba okanye ukunxila. Amayeza adla ngokusetyenziswa kakubi ngalawo afumaneka kumakhaya amaninzi: amayeza okuphelisa iintlungu, athomalalisayo nadlamkisayo. b Amanye amayeza ngalawo afumaneka ngaphandle kwemvume kagqirha nanceda umntu akwazi ukulala, amayeza aphelisa ukuxinana neepilisi ezinceda umntu xa esaliwa yinto ethile.

Le ngxaki yandile yaye iqhubeka isanda. Ngokomzekelo, kwezinye iindawo eAfrika, eYurophu, naseMzantsi Asiya, abantu abasebenzisa kakubi amayeza kagqirha baya besiba baninzi kunabo basebenzisa kakubi iziyobisi. Inani labantu abaseUnited States, abasebenzisa kakubi amayeza kagqirha lingaphezu kwelabo basebenzisa zonke iintlobo zeziyobisi ngaphandle kwentsangu. Ingxelo yakutshanje yelinye iphephandaba ithi, abantwana abaneminyaka eli-12 ukusa kweli-17 ubudala “basebenzisa kakubi amayeza kagqirha kunecocaine, iheroin nemethamphetamines.” Eneneni, le ngxaki inkulu kakhulu kangangokuba ishishini lamayeza kagqirha liyachuma.

Unokuzikhusela njani wena nabantwana bakho ekusebenziseni kakubi amayeza kagqirha okanye iziyobisi? Amanqaku alandelayo aza kuphendula le mibuzo.

[Imibhalo esemazantsi]

a Amagama abantu kula manqaku atshintshiwe.

b Imigaqo emininzi exutyushwa kula manqaku iyasebenza nasekusebenziseni kakubi iziyobisi notywala.

[Ibhokisi ekwiphepha 3]

IPhysicians’ Desk Reference ithi: “Xa umntu elikhoboka leziyobisi akazisebenziseli nje ukunyanga into ethile, yaye uqhubeka ezisebenzisa enoba zibeka ubomi bakhe engozini.” Ikhoboka leziyobisi alikwazi ukuzibamba yaye lihlala lithe phithi zizo.

Xa isigulana sixhomekeke kumayeza kagqirha siyagula xa singawasebenzisi, njengeopioid. Oku kuqhelekile yaye akufani nokuba likhoboka leziyobisi.

Xa umzimba womntu uliqhelile iyeza elithile kuye kufuneke anikwe umlinganiselo ongakumbi welo yeza ukuze akwazi ukuphelisa ezo ntlungu.