Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Unokusinda Njani Ekutshatyalalisweni Kwehlabathi?”

“Unokusinda Njani Ekutshatyalalisweni Kwehlabathi?”

“Unokusinda Njani Ekutshatyalalisweni Kwehlabathi?”

◼ Ithetha ukuthini iBhayibhile xa ithetha ngokutshatyalaliswa kwehlabathi, okanye le nkqubo yezinto? Ngaba ibhekisela kwimfazwe yentlekele yenyukliya enokutshabalalisa bonke abantu? Okanye ithetha ngentlekele yendalo, njengokungqubana kwezijikelezi-langa? Okubangela umdla kukuba, iBhayibhile ithi “isihlwele esikhulu” sabantu siya kusinda ekutshatyalalisweni kwehlabathi. (ISityhilelo 7:9, 10, 14) Singoobani? Ngaba unokuba phakathi kwaso?

Loo mibuzo ibalulekileyo iza kuphendulwa kwintetho yesidlangalala ethi: “Unokusinda Njani Ekutshatyalalisweni Kwehlabathi?” Iya kunikelwa kwiindibano zamaNgqina kaYehova ezinomxholo othi, “HLALANI NILINDILE!” eziya kuqalisa ngoMeyi eUnited States, zize zilandele nakwezinye iindawo ehlabathini ngokubanzi. Umenywa ngokukhethekileyo ukuba ube khona kwindibano ekufutshane nawe. Qhagamshelana namaNgqina kaYehova akwindawo ohlala kuyo, okanye ubhalele abapapashi beli phephancwadi.