Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Uncedo Oluvela ‘KuThixo Wentuthuzelo’

Uncedo Oluvela ‘KuThixo Wentuthuzelo’

UKUMKANI UDAVIDE wayeyindoda eyayibandezelekile yaye ‘ineengcamango eziphazamisayo.’ Sekunjalo akazange ayithandabuze into yokuba uMdali wethu usazi ngandlela zonke. Wabhala wathi, “Owu Yehova, undigocagocile, yaye uyandazi. Wena uyakwazi ukuhlala kwam nokuvuka kwam. Uziqwalasele iingcamango zam ukude. Kuba akukho lizwi elulwimini lwam, Kodwa, khangela! Owu Yehova, sele ukwazi konke.”—INdumiso 139:1, 2, 4, 23.

Nathi sinokuqiniseka ukuba uMdali wethu uyasiqonda yaye uyayazi imiphumo emibi enokubangelwa kukuxinezeleka kweengqondo nemizimba yethu engafezekanga. Uyamazi unobangela woxinezeleko kwanendlela yokumelana nalo phantsi kweemeko zale mihla. Ukongezelela ukwatyhile nendlela aza kuluphelisa ngayo uxinezeleko ngonaphakade. Akakho omnye umntu onokusinceda ngaphandle koThixo wethu onemfesane, ‘obomelezayo aze abavuselele abadakumbileyo.’—2 Korinte 7:6, iBhayibhile yesiXhosa yowe-1996.

Abantu abaxinezelekileyo basenokuzibuza ngendlela uThixo anokubanceda ngayo.

Ngaba uThixo ukude kwabo baxinezelekileyo?

UThixo usondele kubakhonzi bakhe abaxinezelekileyo ngendlela yokuba uhlala ‘nabatyumkileyo nabanomoya othobekileyo, evuselela umoya wabo bathobekileyo aze avuselele intliziyo yabo batyumkileyo.’ (Isaya 57:15) Kuyathuthuzela ukwazi ukuba, “uYehova usondele kwabo baphuke intliziyo; yaye abo bamoya utyumkileyo uyabasindisa.”—INdumiso 34:18.

UThixo unokubathuthuzela njani abo baxinezelekileyo?

Abanquli bakaThixo banokuthetha ‘nomphulaphuli wemithandazo’ nanini na befuna, yaye unokubanceda bamelane noxinezeleko kunye neemeko ezinzima. (INdumiso 65:2) IBhayibhile isibongoza ukuba siphalazele kuye yonke imbilini yethu, xa isithi: “Musani ukuxhalela nantoni na, kodwa ezintweni zonke zaziseni izibongozo zenu kuThixo ngomthandazo nesikhungo nombulelo; yaye uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzilinda iintliziyo zenu namandla enu engqondo ngoKristu Yesu.”—Filipi 4:6, 7.

Kuthekani ukuba ukuziva singoongantweni kusenza sicinge ukuba imithandazo yethu ayiphulaphulwa?

Uxinezeleko lunokusenza sicinge ukuba imigudu esiyenzayo yokukholisa uThixo ayanelanga. Kodwa uBawo wethu wasezulwini unovelwano ngeemvakalelo zethu ezibuthathaka “ekhumbula ukuba siluthuli.” (INdumiso 103:14) Nangona ‘iintliziyo zethu zisenokusigwebela isohlwayo, sinokuziqinisekisa ukuba uThixo mkhulu kunazo yaye uyazazi zonke izinto.’ (1 Yohane 3:19, 20) Ngoko ke, xa uthandaza unokucaphula iindinyana zeBhayibhile obuzifundile njengeNdumiso 9:9, 10; 10:12, 14, 17; neyama-25:17.

Kuthekani ukuba uxinezeleke kangangokuba akukwazi ukuyichaza indlela ovakalelwa ngayo?

Musa ukunikezela kuba nje uxinezeleko lukwenza ungakwazi nokuthetha! Qhubeka uthetha ‘noBawo onenceba noThixo wentuthuzelo yonke,’ usazi ukuba uyazazi iimvakalelo neemfuno zakho. (2 Korinte 1:3) UMaria ekuthethwe ngaye ekuqaleni kolu ngcelele lwamanqaku, uthi: “Maxa wambi xa ndididekile ndiye ndingazazi nokuba mandithandazele ntoni. Kodwa ndiyazi ukuba uThixo uyaqonda aze andincede.”

UThixo uyiphendula njani imithandazo yethu?

IBhayibhile ayitsho ukuba uThixo uza kuziphelisa ngoku zonke iingxaki zethu. Kodwa, uThixo usinika amandla okuba sizinyamezele ‘izinto zonke’—kuquka noxinezeleko. (Filipi 4:13) UMartina uthi: “Ukuqala kwam ukugula ngenxa yoxinezeleko, ndathandaza kuYehova ndimcela ukuba akhawuleze andiphilise ngenxa yokuba ndandicinga ukuba ndandingasakwazi ukunyamezela. Ngoku ndithandazela nje ukuba andiphe amandla suku ngalunye.”

IZibhalo ziyabomeleza ngokomoya yaye ziyabanceda abantu abaxinezelekileyo ukuba bamelane nako. USarah oneminyaka engama-35 exinezelekile uyakwazi ukubaluleka kokufunda iBhayibhile imihla ngemihla. Uthi: “Ndiluxabisa ngokwenene uncedo loogqirha. Ngaphezu koko ndiye ndayibona indlela ekubaluleke nekunceda ngayo ukufunda iLizwi likaThixo. Ndiye ndakwenza umkhwa ukulifunda.”

Uxinezeleko Luya Kuphela Ngonaphakade!

Ngoxa uYesu Kristu wayesemhlabeni wawabonakalisa amandla awayewanikwe nguThixo ngokuphilisa abo banezifo ezibuhlungu. UYesu wayezimisele ukubanceda abantu abagulayo. Ngapha koko, naye wayekhe akhathazeke. Ngobusuku obungaphambi kokuba afe kabuhlungu, “uKristu wanikela izikhungo kwanezibongozo kuLowo wayekwazi ukumsindisa ekufeni, esitsho ngezikhalo ezinamandla neenyembezi.” (Hebhere 5:7) Nangona kwakubuhlungu kakhulu oko kuYesu, ngoku siyangenelwa kuba “unako ukubanceda abo bavavanywayo.”—Hebhere 2:18; 1 Yohane 2:1, 2.

IBhayibhile ithi injongo kaThixo kukuba aziphelise zonke izinto ezibangela uxinezeleko. Uthembisa athi: “Ndidala amazulu amatsha nomhlaba omtsha; kwaye izinto zangaphambili aziyi kukhunjulwa, zinganyuki zithi qatha entliziyweni. Kodwa gcobani nize nivuye ngonaphakade koko ndikudalayo.” (Isaya 65:17, 18) “Amazulu amatsha,” uBukumkani bukaThixo, aya kubuyisela ‘umhlaba omtsha,’ ibutho labantu abalungileyo emhlabeni, emfezekweni emizimbeni, ngokweemvakalelo nangokomoya. Kuya kupheliswa konke ukugula ngonaphakade.

“Ndimemeze igama lakho, Yehova, ndisenzulwini yomhadi. Umele ulive ilizwi lam. Musa ukuyifihla indlebe yakho ekukhululekeni kwam, ekukhaleleni kwam uncedo. Usondele ngemini yokuqhubeka kwam ndikubiza. Uthe: ‘Musa ukoyika.’”—IZililo 3:55-57