Yiya kwinkcazelo

Abantu Abaselula Bayabuza

Ndinokuzonwabisa Njani Ngendlela Efanelekileyo?

Ndinokuzonwabisa Njani Ngendlela Efanelekileyo?

Xa ungumKristu, uyayikheth’ indlela ozonwabisa ngayo. Awubukeli, ufunde okanye uphulaphule nantoni na kuba nje abanye besitsho. Ngoba kutheni? Kuba iindlela ezininzi zokuzonwabisa namhlanje zikwenza kube ngathi yinto entle ukulala nomntu ongatshatanga naye, ugonyamelo nokusebenzelana nemimoya—zinto ezo omele uzilumkele. Noko ke, zikho iindlela zokuzonwabisa ezifanelekileyo. Makhe sibone ukuba unokuzifumana njani. *

IIMOVIE

Beka olu phawu ✔ ecaleni kohlobo lwemovie oyithandayo.

  • Ezihlekisayo

  • Idrama

  • Ekuliwayo kuzo

  • Ezenzululwazi

  • Ezinye

Ngaba ubusazi . . . ? EIndiya kuye kwenziwe iimovie ezingaphezu kwewaka ngonyaka—inani elikhulu ngaphezu kwalo naliphi na elinye ilizwe.

Oko umele ukulumkele. Iimovie ezininzi zikhuthaza iindlela zokuphila ezingqubanayo nemithetho kaThixo. Ezinye zibonisa amanyala nogonyamelo oluhlasimlis’ umzimba ngoxa ezinye zibonisa ubugqi. Kodwa iBhayibhile ithi: “Lahlani konke, ingqumbo, umsindo, ububi, yaye makungaphumi ntetho itshabhisayo, nantetho ingamanyala emlonyeni wenu.” (Kolose 3:8) Ngaphezu koko, uThixo uyakucekisa nakuphi na ukusebenzelana nemimoya.—Duteronomi 18:10-13.

Indlela yokukhetha. “Xa ndingaqinisekanga ukuba imovie ethile iyafaneleka, andiyibukeli.”—UJerrine. *

“Andiyibukeli imovie kuba nje ithandwa ngomnye umntu, ngaphandle kokuba loo mntu uphila ngendlela endiphila ngayo.”—UCaitlyn.

“Ukuba ndithi ndisabukele imovie kusuke kwenzeke into engathandekiyo ndiye ndiphakame ndihambe.”—UMarina.

“Ndiye ndiqale ndikhangele iinkcukacha zayo kwi-Intanethi imovie endiceba ukuyibukela ukuze ndibone enoba ibonisa isini, ubundlobongela nentetho engcolileyo kusini na.”—UNatasha.

Icebiso: Khetha iifilimu ezingenakufane zibonise izinto ezingafanelekanga. UMasami okwishumi elivisayo uthi: “Ndiyazithanda iifilimu zakudala—ezidlala amabali asekelwe kwiincwadi zakudala.”

Zibuze,

‘Ngaba “iimovie” endizibukelayo zikwenza kube nzima okanye kube lula ukuba ndithobele umthetho kaThixo ophathelele isini, ugonyamelo nokusebenzelana nemimoya?’

IINCWADI

Apha ngezantsi beka olu phawu ✔ ecaleni kohlobo lweencwadi ozithandayo.

  • Amabali

  • Amabali ezinto ezakha zenzeka

  • Iincwadi zakudala

  • Ezinye

Ngaba ubusazi . . . ? EUnited States nje kuphela kupapashwa iincwadi ezingaphezu kwewaka veki nganye.

Ishishini lezolonwabo alilahlekelwa nayipen’ emdaka—kunoko lizuza lukhulu—xa ungasinanzi isazela sakho esiqeqeshwe ngeBhayibhile uze ubukele, ufunde okanye uphulaphule nantoni na kuba nje ithandwa ngabantu abaninzi.

Oko umele ukulumkele. Ngokufanayo neemovie, iincwadi ezininzi zikhuthaza imilinganiselo engqubana nemithetho yeBhayibhile. Ngokomzekelo, ezinye zithetha ngamanyala okanye zinemixholo ethetha ngobugqi. Kodwa iBhayibhile ithi: “Uhenyuzo nako konke ukungahlambuluki nokubawa makungakhe kukhankanywe kwaukukhankanywa phakathi kwenu.” (Efese 5:3) Ikwabonisa ukuba ukusebenzelana nemimoya ‘kubi emehlweni kaYehova.’—2 Kumkani 17:17.

Indlela yokukhetha. “Xa ndifuna ukuthenga incwadi, ndiye ndiqale ndifunde iqweqwe nemixholo yayo ukuze ndibone ukuba ithetha ngantoni. Ukuba ndibona nantoni na ethandabuzekayo, andiyithengi loo ncwadi.”—UMarie.

“Njengoko ndandikhula ndaye ndabona ukuba kubalulekile ukuthobela isazela sam. Xa ndiphawula into engalunganga ngencwadi endiyifundayo ndandiye ndiyeke ukuyifunda. Ndandiye ndiqonde ukuba ayivisisani nemithetho kaThixo.”—UCorinne.

Icebiso: Zama izinto ezahlukahlukeneyo. ULara oneminyaka eli-17 ubudala uthi: “Ndiye ndafumanisa ukuba iincwadi zakudala zimnandi kuneencwadi zamabali zanamhlanje. Zinamabali amnandi!”

Zibuze,

‘Ngaba iincwadi endizifundayo zithetha ngezinto angazifuniyo uThixo?’

UMCULO

Beka olu phawu ✔ ecaleni kohlobo lomculo owuthandayo.

  • Ikwaito

  • Iklasiki

  • Ijazz

  • I-R&B

  • Ihip-hop

  • Ezinye

Ngaba ubusazi . . . ? Iinkampani ezine zomculo nezizezona zinkulu zikhupha amacwecwe amalunga nama-30 000 ngonyaka.

Oko umele ukulumkele. Ngokufanayo neemovies neencwadi, iingoma ezininzi zanamhlanje zinamazwi angcolileyo. Amazwi neevidiyo zeengoma ezingcolileyo zinokukwenza kube nzima ukuba ulawule inkanuko yakho yesini. (1 Korinte 6:18) ULeigh oneminyaka engama-21 ubudala uthi: “Umculo omninzi wanamhlanje ukhuthaza ukuziphatha okungqubanayo nemithetho yeBhayibhile yaye isingqi sawo senza abantu bafune ukudanisa ngendlela evuselela isini.”

Indlela yokukhetha. “Ndiye ndizibuze, ‘Ukuba bendinokucela umKristu omdala ngeminyaka ukuba aphulaphule umculo wam, ngaba bendingayi kuba neentloni?’ Oko kuyandinceda ukuba ndikwazi ukukhetha umculo endimele ndiwuphulaphule.”—ULeanne.

Icebiso. Zama iintlobo ezahlukahlukeneyo zomculo. Igatyana lomfana ekuthiwa nguRoberto lithi: “Utata uyawuthanda umculo weklasiki, ngoko nam ndiyathanda ukuwuphulaphula. Ukufunda ngomculo weklasiki—ngoxa ndandifunda ukudlala ipiyano—kwandivul’ ingqondo!”

Zibuze,

‘Ngaba umculo endiwuphulaphulayo wenza kube lula—okanye kube nzima—ukulawula iminqweno yesini?’

FUNDA OKUNGAKUMBI!

Funda incwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2, Isahluko 31 nesama-32 epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

 

^ isiqe. 3 UVukani! akaxhasi yaye akagxeki nanye ifilimu, incwadi okanye ingoma ethile. Injongo yeli nqaku kukukunceda uqeqeshe isazela sakho ukuze singakuvumeli ukuba wenze izinto ezingqubana nemithetho kaThixo.—INdumiso 119:104; Roma 12:9.

^ isiqe. 13 Amanye amagama kweli nqaku atshintshiwe.