Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

stub

stub

● Incwadana enemifanekiso enamaphepha angama-32 ethi, Xa Umntu Omthandayo Esifa iqulethe kanye loo ntuthuzelo. Inokunceda abo basentlungwini bayamkele baze bayinyamezele imeko abakuyo yokufelwa. Elinye icandelo lale ncwadana lixubusha ngendlela esinokubathuthuzela ngayo abo basentlungwini.

Le ncwadana iphendula imibuzo efana nale: Ndinokuhlangabezana Njani Nentlungu Endikuyo? Liliphi ithemba elikhoyo ngabo bafileyo? Inenkcazelo yeBhayibhile ngokufa nangemeko yabafi. Enye into ebalulekileyo, ibalaselisa isithembiso sikaThixo asenze ngoYesu Kristu, sokuvusa abafileyo baze baphile kumhlaba ococekileyo oyiparadesi.

Kusenokwenzeka ukuba uya kuthuthuzeleka xa ufunda le ncwadana okanye omnye umntu omaziyo. Kutheni ungazifuneli eyakho ikopi nje?

Unokuzicelela eyakho ikopi yale ncwadana ngokuzalisa eli phetshana uze ulithumele kwiadresi efanelekileyo kwezidweliswe kwiphepha 5 leli phephancwadi.