Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Okwenzeka Ehlabathini

Okwenzeka Ehlabathini

“Phantse basisiqingatha abantu abahlaselwa ngumhlaza [eUnited Kingdom] nyaka ngamnye—bangaphezu kwe-130 000—abahlaselwa ngenxa yezinto ebebenokuziphepha ebomini babo eziquka ukutshaya, ukunxila nokutya ukutya okungafanelekanga.”—BBC NEWS, EBRITANI.

“Kwande kakhulu ukunaniselana ngamalungu ezilwanyana zasendle ngokungekho mthethweni yaye kutshabalalisa ezi zidalwa sizithandayo. . . ngomkhamo omkhulu ongaze wabonwa.”—WILDLIFE CONSERVATION SOCIETY, EUNITED STATES.

Abantu abachitha iiyure ezintandathu suku ngalunye bebukele umabonwakude kulindeleke ukuba kucutheke iminyaka emi-4.8 kwiminyaka ebebeza kuyiphila, kunabantu abangayibukeliyo kwaphela. Lo nto ithetha ukuba yure ngaye umntu ebukele iTV, oko kunciphisa ubomi bakhe kangangemizuzu engama-22.—BRITISH JOURNAL OF SPORTS MEDICINE, EBRITANI.

EJamani, angaphezu kwama-90 eepesente amabhinqa ekuthiwa abantwana bawo abangekazalwa banesifo iDown syndrome yaye akhetha ukubabulala ngokuqhomfa.—DER TAGESSPIEGEL, EJAMANI.

Uxinezeleko Lobomi Basedolophini

Uphando lubonisa ukuba “abantu abahlala ezidolophini baba nogonyamelo xa bexenezelekile kunabantu abahlala kwiidolophu ezincinane,” ngokutsho kwephephancwadi lasePolish iPrzekrój. Ugqirha wezifo zengqondo uMieczysław Jaskulski weWarsaw’s Psychoeducation Laboratory uthi, “zininzi izinto ezibangela ukuba abantu bathande ukuhlala ezidolophini. Bangaphezu kweepesente ezingama-21 abantu abahlala ezidolophini abanengxaki yokuxhalaba, kunabantu abahlala emaphandleni, yaye bangaphezu kweepesente ezingama-39 abanengxaki yeemvakalelo.” Abantu abahlala edolophini banokujamelana njani nale ngxaki? Eli phephancwadi lithi, “Musa ukuzikhathaza ngezinto ezingaphezu kwamandla akho, hamba ubethwe ngumoya,uze ungoyiki ukuthatha ikhefu”.

Ingakanani Inkcazelo Egcinwa Yinkampani YeFacebook?

Umfana ofundela ubugqwetha waseOstriya, wayefuna ukuqonda ngenkcazelo yakhe ukuba yayingakanani na ngoxa wayekufacebook, waza wacela ukuba athunyelelwe ikopi. Le nkampani yathumela kuye iCD enamaphepha ali-1 222. Ngokutsho kwephephandaba laseJamani iDer Tagesspiegel, eli tyendyana lathi: “Yonke into yayigciniwe—imiyalezo, ukuncokola, kuquka nenkcazelo eyimfihlo eyayiphathelele abahlobo bam.” Kwaqukwa naleyo wayeqinisekile ukuba wayeyicimile!