Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Funa Inkxaso

Funa Inkxaso

Funa uncedo kwizalamane nabahlobo abanokuthenjwa

“Kwibandla lethu sinabahlobo abanenyameko. Bayasithanda yaye bayasixhasa. Bafana nqwa nentsapho kuthi.”—ULIZAAN, UMAMA WABANTWANA ABABINI ABAKWISHUMI ELIVISAYO.

Ingxaki.

UAlina onamakhwenkwana amabini uthi: “Eyona ngxaki yam kukusoloko ndidiniwe nokungabi naxesha.” Ingxaki ka-Alina iqhelekile koomama abangenamaqabane. Yiloo nto, abazali abaninzi abangenamaqabane beseka amaqela abantu ekuza kuba lula ukucela kubo uncedo bangabi nantloni.

Amacebiso.

Funa uncedo kwizalamane nabahlobo abanokuthenjwa. Kutheni ungenzi uludwe lwabantu onokuya kubo xa ufuna uncedo, lokugcinelwa umntwana, isithuthi, ukulungiselelwa indlu, okanye ukhuthazo? Ungalibali ukuluhlaziya. Khangela noncedo onokulufumana kurhulumente neminye imibutho.

URenata, oliNgqina likaYehova, uye wancedwa gqitha ngabazalwana bakhe. Uthi: “Basoloko bekulungele ukundinceda. Xa sahlaselwa ngumkhuhlane neentombi zam ezineminyaka esithoba ubudala, kwaba nzima ukupheka. Lathi ibandla lakukuva oko, yonk’ imihla kwakho umntu osiphathela ukutya.” Ububele obunjalo bundikhumbuza amazwi eBhayibhile akweyoku-1 kaYohane 3:18 athi: “Bantwana abancinane, masingathandi ngazwi nangamlomo, kodwa ngezenzo nangenyaniso.”

Ngaba yena umzali onganikwanga mvume yokugcina umntwana ngumthetho unokukwazi ukunceda? Ukuba omnye umzali, odla ngokuba ngutata uyinikiwe imvume yokuchitha ixesha nomntwana abe enenkathalo elungele nokunceda, kutheni kungacelwa yena nje? Enyanisweni, abantwana bamele bachithe ixesha noyise. *

Qeqesha abantwana bakho bakwazi ukunceda. Xa abantwana bakho ubanika imisebenzi efanele iminyaka yabo, unceda bona nawe. Umsebenzi ufundisa abantwana ukuba bathwale iimbopheleleko, yaye ubanceda bathande ukusebenza nto leyo eya kubanceda naxa bekhulile.

^ isiqe. 6 Abazali abangamaKristu bamele bayisebenzise kangangoko imigaqo yeBhayibhile ngendlela eza kunceda umntwana. Zimele zihlonelwe izigqibo zenkundla.