Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Zazi Ezona Zinto Zibalulekileyo

Zazi Ezona Zinto Zibalulekileyo

Zamani ukuba yonk’ imihla kubekho isihlandlo sokuba nitye kunye

“Ndandisoloko ndidiniwe—ndicinga ngendlela yokulungelelanisa umsebenzi wam, ukukhulisa umntwana, unqulo lwethu, imisebenzi yekhaya, nokuphumla.”—UYOKO, EJAPAN.

Ingxaki.

UMiranda, umama wamakhwenkwe amabini uthi, “Eyona ngxaki, kukuba ngumama osebenzayo ukanti yonke into ijonge kum—ngokomzimba, engqondweni, ngokwemvakalelo nangokomoya—kungekho qabane lomtshato ecaleni kwam.”

Amacebiso.

Zazi ezo zinto zibalulekileyo kuwe nakubantwana bakho, uze uqale ngazo.

Musa ukuvumela ezinye izinto zikuphazamise kuzo yaye funda indlela yokulisebenzisa kakuhle ixesha nemali yakho. Umzekelo: Impilo yabantwana bakho ibalulekile, ngoko sebenzisa loo mali uyisebenzele nzima ukubathengela ukutya okunesondlo. Yileyo into ebalulekileyo, kunokuyichitha ubathengela amayeza. Ngaphambi kokuba uye kuthenga, yenza uludwe lwezinto ozifunayo. Oku kuya kukunceda ungadyiwazi nje uwanqe yonke into. URoberto, ohlala eUnited States nonabantwana abane uthi: “Ndiyakuthanda ukupheka. Ndiye ndafunda ukuthenga izinto eziyimfuneko ngokwenene suku ngalunye.”

Sebenzisa imali yakho oyisebenzele nzima ukubathengela ukutya okunesondlo. Yileyo into ebalulekileyo, kunokuyichitha ubathengela amayeza

Musa ukuzigcina izinto ongazisebenzisiyo—iincwadi, impahla, njalo njalo. Omnye umama ongenaqabane wathi: “Izinto ezininzi zibangela uxinezeleko. Okukhona unezinto ezininzi, kokukhona kufuneka uzicoce, uzilungisile uze uzinyamekele. Ukuze uphile ubomi obulula, zama ukuphungula izinto onazo.”

Qeqesha abantwana bakho ukuze baqoqoshe izinto zabo rhoqo ngokuhlwa. Musa ukuvumela indlu yakho ibe xazalala. Loo ngqeqesho ifundisa abantwana bakho ukuba banyamekele igumbi labo kuquka nekhaya. Kakade ke eyona nto bayifunayo ngumzekelo omhle obamisela wona.

Nokuba sele uxakeke gqitha, umele uchithe ixesha nabantwana bakho—asithethi ngezihlandlo nje ezifutshane nikunye, kodwa kangangoko unako. Eyona nto bayifunayo kukuchitha ixesha nawe yaye ubahoye.—Duteronomi 6:7.

Zamani ukuba yonk’ imihla kubekho isihlandlo sokuba nitye kunye. UColette, onabantwana abathathu uthi: “Sagqiba ekubeni sitye kunye ngokuhlwa, xa siphelele, ukuze siphalazelane imbilini size sithethe nangoThixo. Elo xesha lesidlo, lisakhetheke nangoku kwintsapho yethu.”