Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Okwenzeka Ehlabathini

Okwenzeka Ehlabathini

EJamani, malunga neepesente ezingama-33 kubantwana abazelwe ngowama-2010, baye bazalwa ngabantu abangatshatanga, xa kuthelekiswa neepesente ezili-15 zabo bazalwa ngowe-1993.—ÄRZTE ZEITUNG and THE LOCAL, EJAMANI.

Ngokwengxelo yokubalwa kwabantu yowama-2010, eUnited States ziipesente ezingama-69.4 abantwana abahlala nabazali babo bobabini, iipesente ezingama-23.1 bahlala nonina kuphela, iipesente ezi-3.4 bahlale nooyise, ngoxa iipesente ezi-4.1 zingahlali namzali.—U.S. CENSUS BUREAU, ENITED STATES.

Kuqikelelwa ukuba ngowama-2011 ihlabathi liye lachitha intywenka yemali efikelela kwi-R3.2 triliyon kumonakalo weentlekele zemvelo. Inyikima yaseJapan yaba “yeyona ityabula kanobom kunazo zonke, yemka ne-R1.8 triliyoni—ngaphandle komonakalo wenyukliya owenzeka eFukushima.”—NEW SCIENTIST, EBRITANI.

Ehlabathini lonke, okona kutya kubiwa gqitha yitshizi. Minyaka le kuduka itshizi engaphezu kweepesente ezi-3 kuleyo iveliswa lihlabathini, ngenxa yokubiwa ezivenkileni nangabasebenzi.—CENTRE FOR RETAIL RESEARCH, EBRITANI.

Iingozi “Zokungquba” Ibhola Ngentloko

Ibhola ekhatywayo idlalwa nangentloko. Noko ke, uphando olwenziwe kutshanje ngezixhobo zale mihla luyaxhalabisa ngokuphathelele ukhuseleko lwalo mkhwa wokungquba ibhola ngentloko. Ngokutsho kwabaphandi beAlbert Einstein College of Medicine, eNew York, eUnited States, lo mkhwa “wandisa amathuba okwenzakala kwengqondo.” Oku kwenzakala kwaphawuleka ngamandla kubadlali abangenamava abaye badlala ibhola ngentloko izihlandlo ezingaphezu kwe-1 000 ukusa kwi-1 500 ngonyaka—nto leyo ethetha ukuyingquba izihlandlo ezimbalwa ngemini “kubadlali abaqhelekileyo.”

Iimoto Ezihamba Ngombane Nepetroli Ziyingozi Ngakumbi Kubahambi Ngeenyawo

IU.S. Department of Transportation ithi: “Amaqela alwela amalungelo aye avakalisa inkxalabo ngokhuseleko lwabahambi ngeenyawo kolu hlobo lweemoto. Athi ezi moto zithi cwaka zize ke zingeviwa ngabo bahamba ngeenyawo nabakhweli zibhayisekile xa zisiza.” Enyanisweni, xa bekusenziwa uvavanyo, le ngxelo ithi, “kuye kwacaca ukuba aphindwe kabini amathuba okuba ezi moto zitshayise abahambi ngeenyawo” kunalawo eemoto eziqhelekileyo. Ngenxa yoko, iNational Highway Traffic Safety Administration iye yenza isicelo sokuba kwezi moto kufakelwe izinto eziza kwenza ingxolo ethile xa zihamba ngesantya esiphantsi.