Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Abantu Abaselula Bayabuza

Ndinokuhlangabezana Njani Noxinezeleko?

Ndinokuhlangabezana Njani Noxinezeleko?

Uxinezeleke kangakanani?

  • Uxinezeleko? Andazi nokuba yintoni leyo

  • Lusanyamezeleka

  • Lungxamele ukundongamela

  • Andisakwazi nokuthini

UKUHLANGABEZANA noxinezeleko kufana nokutsala icontainer enzima yokuthutha impahla. Kunokuba lula kwilori enkulu ukuyitsala iyise naphi na. Kodwa yona imoto ayinakukwazi. Injini yemoto ingonakala nokuba iyitsale umganyana omfutshane. Oku kunokuba njalo nangeyakho “injini” xa uxinezeleke ngokugqithiseleyo.

Ngaba likho ithemba xa kunjalo? Ewe! Ukuze injini yakho inganikezeli kufuneka uphungule umthwalo okanye ufumane injini enamandla. Enyanisweni, unokuzenza zombini. Masibone indlela onokukwenza ngayo.

Ziphungulele Umthwalo

INGXAKI: Ukuzingxixha.

“Ndiye ndicelwe ngumntu ukuba ndimenzele into okanye siye kuzonwabisa xa kanye kukho izinto endimele ndizenze. Andikwazi kuthi hayi umthetho wam.”—UKarina. *

ISICOMBULULO: Zifundise ukuthi hayi.

IBhayibhile ithi: “Bunabathozamileyo ubulumko.” (IMizekeliso 11:2) Ukuthozama, okanye ukuyamkela into yokuba unazo iintsilelo, kukunceda ukwazi ukuthi hayi xa ubona ukuba umthwalo uza kuba ngaphaya kwamandla akho.

Kakade ke, akunakusoloko ukwazi ukwala—umzekelo, njengaxa abazali bakho bekukhumbuza ngemisebenzi yasekhaya omele uyenze! Kodwa xa uvumela wonk’ umntu akwenze isifologu, uya kude unikezele. Nkqu nezona lori zinkulu uyalinganiselwa umthwalo wazo.

Icebiso: Ukuba kunzima ukwala kwangoko, zama ukuthi, “Ndicela ukubuyela kuwe.” Ngaphambi kokuphendula, zibuze oku, ‘Ngaba ndiza kuba nalo ixesha namandla okwenza oku?’

INGXAKI: Ukubekel’ amangomso.

“Xa umsebenzi unzima, ndiye ndiwuyeke ulinde. Emva koko ndiye ndixhalatyiswe yinto yokuba ndimele ndiwenze. Ndithi ndiwenza kube sekufuneka ndiwuleqe, loo nto indenza ndixinezeleke.”—USerena.

ISICOMBULULO: Wuqale—kwanokuba akuwugqibi ngoku.

IBhayibhile ithi: “Musani ukutshivela emsebenzini wenu.” (Roma 12:11) Ukujamelana nomsebenzi onzima ngokwakho kunzima, ngoko kutheni uzongezela umthwalo ngokuwubekel’ amangomso? Loo nto iwenza ufumbe umsebenzi!

Ukuvuselela umdla, zenzele uludwe lwezinto omele uzenze. Wucalucalule wenze lowo unokukwazi ukuwenza. Ibhinqa eliselula uCarol uthi: “Ndithanda ukuzenzela uludwe. Ndiye ndibhale ezo ndingathandi kuzenza kuqala, xa zona ndizigqibile utsho ube lula umsebenzi wam. Uthi usiya ekupheleni kube sekusele ezo zinto kumnandi ukuzenza kuphela!”

Icebiso: Ukuba kunzima ukuqalisa umsebenzi, zibekele ixesha lokuwenza imizuzu eli-10 okanye eli-15 ube sele uqalisa kwangoko. Liya kuthi liphela elo xesha ube umsebenzi wakho sele uwugabhule ngemizuzu eli-10 okanye eli-15. Xa sele uqalile, usenokumangaliswa yindlela ekulula ngayo ukwenza omnye.

Gcina igumbi lakho licocekile! Xa kunzima ukufumana umsebenzi wesikolo owenzelwa ekhaya okanye impahla ecocekileyo oza kuyinxiba ngenxa yokuthi saa kwezinto, oko kunyusa uxinezeleko. Ukuze kungabi nzima ekuseni, zibekele imizuzu emihlanu yokuqoqosha rhoqo ngaphambi kokuba ulale

Fumana “Injini” Enamandla

Qiniseka ukuba “injini” yakho iza kuwuthwala umthwalo wakho

Wunyamekele umzimba wakho.

Iingcali ziyavumelana ekubeni ukutya okusempilweni, ukuzilolonga rhoqo nokulala ngokwaneleyo kunokukunceda wenze izinto ezingakumbi. * Ungakhathazeki—ukunyamekela umzimba akukho nzima kangako. Kufuneka nje izinto ezilula nezimbalwa. Ngokomzekelo ukulala. Zama oku.

  1. Lala ngokwaneleyo. Zibekele ixesha elifanayo lokulala nelokuvuka, ubuncinane kwiintsuku zokuya esikolweni okanye emsebenzini.

  2. Nciphisa izinto ozenza ngaphambi kokuya kulala. Sukuzilolonga kwiyure ezintathu ngaphambi kokuba ulale yaye ukuphephe ukutya nekofu xa uza kulala.

  3. Xa uza kulala, zama ukuba kungakhanyi kwigumbi lakho, kuzole, uze uphumle kamnandi.

Nxibelelana nabanye.

Cela amacebiso kubazali okanye abahlobo. Ngaba kuluncedo ngokwenene oko? Kuluncedo, kuba uhlolisiso lubonisa ukuba xa uxhaswa ngokwemvakalelo ayancipha amathuba abangela uxinezeleko kwintliziyo, imithambo, nenkqubo yokuzikhusela yomzimba.

La macebiso avumelana neBhayibhile xa isithi: “Inyameko yokuxhalaba esentliziyweni yendoda iya kuyibangela ukuba iqubude, kodwa ilizwi elilungileyo liyenza ibe nemihlali.” (IMizekeliso 12:25) Xa “inyameko yokuxhalaba” ikwenza ube buthathaka, abahlobo bokwenene banokukunceda ‘ngelizwi elilungileyo’ lokhuthazo.

Ngaba usalufuna uncedo lokuhlangabezana noxinezeleko? Khangela ezi zahluko kwincwadi ethi Abantu Abaselula Bayabuza—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 1 nowesi-2, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

UMQULU 1

  • Isahluko 18: Ndinokuhlangabezana Njani Noxinezeleko Lwasesikolweni?

  • Isahluko 21: Ndinokulisebenzisa Njani Ixesha Lam Ngobulumko?

UMQULU 2

  • Isahluko 26: Ndinokuyilawula Njani Indlela Endivakalelwa Ngayo?

  • Isahluko 27: Kutheni Ndisoloko Ndifuna Ukwenza Izinto Ngokugqibeleleyo?

 

^ isiqe. 12 Amanye amagama atshintshiwe.

^ isiqe. 24 Ukuze ufumane amacebiso endlela yokutya nokuzilolonga, funda isahluko 10 sencwadi ethi Abantu Abaselula Bayabuza—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 1, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

KUTHENI UNGABUZI ABAZALI BAKHO?

Luxinezeleko olunjani enijamelana nalo ebomini? Nenza njani ukuze nihlangabezane nalo?