Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imbono YeBhayibhile

Ngaba Ikho Into Onokuyizuza​—Ngokuqhayisa Ngezinto Onazo?

Ngaba Ikho Into Onokuyizuza​—Ngokuqhayisa Ngezinto Onazo?

“Ngokusuka nje azithi jini yodidi oluphezulu okanye esinye isinxibo esinegama elaziwayo, umntu uye aqale ukuzibona enguthile eqinisekile ukuba nabo bangamaziyo baya kuzibonela ukuba ‘uyinto kanantsi, ngokujonga nje igama lesinxibo sakhe!’”—Isazi ngengqondo uChaytor D. Mason.

UKUZE bahlonelwe, abanye abantu bacel’ injezu ngempahla yodidi abayinxibayo okanye ngezinye izinto zale mihla. Ngokomzekelo, kwelinye ilizwe laseAsia, “abo basandul’ ukuba zizityebi bathanda izinto zobunewunewu—iibhegi ezivela eFransi, imigrugra yeemoto zaseItali—ibe ngaphezulu bathanda ukuqhayisa [ngobutyebi babo],” litsho njalo inqaku leThe Washington Post.

Enyanisweni, akukho nto iphosakeleyo ngokuba umntu anandiphe iziqhamo zomsebenzi wakhe. IBhayibhile ithi: “Wonk’ umntu ufanele adle, asele aze ngokwenene abone okulungileyo kuko konke ukusebenza kwakhe nzima. Sisipho sikaThixo eso.” (INtshumayeli 3:13) Kodwa ngaba kububulumko ukuqhayisa ngezinto onazo? Ithini yona iBhayibhile?

“Zininzi Izihlobo Zesityebi”

Xa izityebi okanye abo bazenza izityebi beqhayisa ngezinto abanazo, ngabahlobo abanjani abanokubafumana? IBhayibhile isithela tshuphe ngemeko yabantu: “Akukho mntu uthanda ihlwempu, nkqu nabamelwane balo, kodwa zininzi izihlobo zesityebi.”—IMizekeliso 14:20, Good News Translation.

Ingongoma yile: ‘Abahlobo abaninzi’ besityebi, ababi ngabahlobo baso ngokwenene kunoko baba ngabahlobo bobutyebi baso. Obo buhlobo benkwalambisa bobokuzingca, bufana nqwa nezincomo zabo. IBhayibhile ichaza amazwi abo ngokuthi ‘yimbonakalo yobuxoki yenkanuko,’ okanye ukubawa.—1 Tesalonika 2:5.

Umele uzibuze oku, ‘Ngabahlobo abanjani endibafunayo? Ngaba ngabahlobo abandithanda ngenxa yezinto endinazo okanye ngabokwenene abathanda umntu endinguye?’ IBhayibhile ibonisa ukuba indlela esiziphatha ngayo inokuba negalelo kubantu abafuna ukuba ngabahlobo bethu.

“Bunabathozamileyo Ubulumko”

Enye ingxaki ebangelwa kukuqhayisa ngobutyebi ichazwa kakuhle kwingxelo yeBhayibhile ephathelele uKumkani uHezekiya, owayephila eYerusalem mandulo. Ngesinye isihlandlo uHezekiya wabonisa “konke okwakufumaneka kubuncwane bakhe” kwiindwalutho zaseBhabhiloni. Kuyabonakala ukuba ezo ndwalutho zathatheka bubuncwane bakhe. Noko ke, kusenokwenzeka ukuba kwavuselela ukunyoluka kwazo. Emva kokuba zimkile, ngenkalipho umprofeti kaThixo uIsaya waxelela uHezekiya ukuba ngenye imini bonke obo buncwane babuya ‘kuthwalelwa eBhabhiloni. Kungabikho nto isalayo.’ Oko kwenzeka ngokwenene! Kwiminyaka kamva iBhabhiloni yabuya yaza yathimba bonke ubuncwane bentsapho kaHezekiya.—2 Kumkani 20:12-17; 24:12, 13.

Kusenjalo ke nanamhlanje, abo baqhayisa ngobutyebi babo basengozini yokuphulukana nabo bonke okanye inxalenye yobuncwane babo. Ingxelo yolwaphulo-mthetho nokhuseleko eMexico ithi: “Ukuhombisa ngobunewunewu kuko okutsala amasela kwisixeko saseMexico. Ukunxiba izinto zexabiso njengezacholo, iiwotshi, nokuqhayisa ngemali eninzi kukuzibizela amehlo ngokungeyomfuneko.” Bekuya kuba bubulumko ukuthobela icebiso leBhayibhile lokuba umntu ‘angazigwagwisi ngobutyebi bakhe.’ (Yeremiya 9:23) IMizekeliso 11:2 ithi: “Bunabathozamileyo ubulumko.”

Khangela Iimpawu Ezintle Kwabanye

Kunokuba afune kujongwe yena, umntu othozamileyo nothobekileyo uyayoliswa zimpawu nezinto ezintle ezenziwa ngabanye. EyabaseFilipi 2:3 ithi: “Ningenzi nanye into ngokusukuzana okanye ngokuzigwagwisa, kodwa ngokuthobeka kwengqondo, nibagqala abanye njengabongamileyo kunani.” EyabaseGalati 5:26, ithi: “Masingazigwagwisi, sikhuphisana, simonelana.”

Ngaba ufuna abahlobo abakuthanda ngenxa yezinto onazo okanye abathanda umntu onguye?

Ngokufanayo, abantu abanobulumko baphezulu bayazi ukuba ukungazingci nokuhlonelana kungundoqo ekwakheni ubuhlobo bokwenene, yaye obo buhlobo abupheli xa ubutyebi buphela. Kunoko, bomelela ngakumbi. IMizekeliso 17:17 ithi: “Iqabane lokwenyaniso lithanda ngamaxesha onke.” Ngaphezu koko, umntu olumkileyo uzabalazela ukukholisa uThixo. Uyazi ukuba uThixo akakhohliswa yimbonakalo yangaphandle kunoko ukhangela ‘umntu ofihlakeleyo wentliziyo’—umntu esinguye ngaphakathi. (1 Petros 3:4) Ngoko, usebenza nzima ukuze abe neempawu ezintle ezivumelana noko iBhayibhile ithi ‘bubuntu obutsha.’ (Efese 4:24) Ezinye zezo mpawu zezi zichazwa kuMika 6:8: “Yintoni ayibizayo kuwe uYehova ngaphandle kokuqhelisela okusesikweni nokuthanda ububele nokuthozama ekuhambeni noThixo wakho?”

Yinyaniso ukuba kweli hlabathi abahlonelwa tu abantu abathozamileyo, nto leyo engabothusiyo abafundi beBhayibhile. Ngoba? Ithetha “ngemihla yokugqibela,” iBhayibhile yathi abantu ngokubanzi babeya kuba ‘ngabathandi bemali, abazidlayo, abanekratshi nabanyelisi.’ (2 Timoti 3:1-5) Kwimeko enjalo, abantu abaqhayisa ngezinto abanazo bamele bazive besekhaya. Noko ke, yena uThixo ukhuthaza ukuba “sizikhwebule kwabanjalo,” ukuze singafani nabo.