Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Undoqo Ekuqondeni IBhayibhile

Undoqo Ekuqondeni IBhayibhile

“Wazi njani ukuba indlela oyichaza ngayo iBhayibhile ichanile? Inokuchazwa ngeendlela ezininzi ezahlukeneyo!”

Ngaba ukhe wabeva abantu besitsho njalo? Noko ke, ngaba ubusazi ukuba xa sihlolisisa iBhayibhile inokusikhanyisela? Imfihlelo yile: Ukuba ivesi ethile ayicacanga, yithelekise nenye eseBhayibhileni ethetha ngento efanayo. Ngale ndlela, sivumela iBhayibhile isikhokele kunokuba sivumele iimbono zethu.

Cinga ngokomzekelo, ngemfundiso yeBhayibhile ngemeko yabafi. Ngezantsi kukho iivesi ezicatshulwe eBhayibhileni. Phawula indlela ezithetha ngayo ngoku.

  • “Asingabafileyo abamdumisayo uYehova, asingabo bonke abehlayo baye kwelokuzola.”INdumiso 115:17. *

  • “Musani ukukholosa ngamanene, ngonyana womntu, yena ungenalo usindiso. Uyaphuma umoya wakhe, abuyele yena emhlabeni wakhe; ngaloo mini ayatshitsha amabhongo akhe.”INdumiso 146:3, 4.

  • “Ngokuba abadla ubomi bayazi ukuba baya kufa: ke bona abafileyo abazi lutho.”INtshumayeli 9:5.

  • “Kuba elabafileyo alinakukuncoma, ukufa akunakukudumisa . . . Ophilileyo, ophilileyo nguye owokuncoma, njengam nje namhla.”Isaya 38:18, 19.

  • “Umphefumlo owonayo, kuya kufa wona.”Hezekile 18:4.

  • Ngokuphathelele umhlobo wakhe osandul’ ukufa uLazaro, uYesu Kristu wathi: “ULazaro, umhlobo wethu, ulele; ndiyaya ukuba ndimvuse. Bathi ngoko abafundi bakhe, Nkosi, ukuba ulele wosinda. . . . Wandula ngoku uYesu wathi kubo ngokungafihlisiyo, ULazaro ufile.”Yohane 11:11-14.

Ngaba uyakubona oko kuthethwa zezi vesi? Ngokwahlukileyo kwiinkolelo zabantu, iBhayibhile ifundisa ukuba abantu abafileyo bafile nyhani. Abekho sezulwini okanye kwenye indawo kodwa ngokungathi kunjalo balele ubuthongo obunzulu, abanzi nto kwaphela. Noko ke, abanako ukumdumisa uThixo okanye bacinge. *

Nantsi eyona ngongoma: Xa sihlolisisa umbandela othile eBhayibhileni, imfundiso yayo esisiseko itsho icace. Inyaniso yeyokuba, le ndlela esetyenziswa ngamaNgqina kaYehova ifuna umgudu. (IMizekeliso 2:1-5) Kodwa kunjalo nakwizinto zonke ezibalulekileyo.

^ isiqe. 5 Ezi zibhalo zicatshulwe kwiBhayibhile YesiXhosa.

^ isiqe. 11 IBhayibhile ifundisa ukuba abantu abafileyo abakwinkumbulo kaThixo baza ‘kuvuka,’ okanye bavuswe ngexesha likaThixo alibekileyo kwikamva.—Funda uYobhi 14:14, 15; Yohane 5:28, 29; IZenzo 24:15.