Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Oko Kwenzeka Ehlabathini

Oko Kwenzeka Ehlabathini

IArctic

UPeter Wadhams, unjingalwazi ophanda ngeelwandle kwiYunivesithi yaseCambridge, eBritani uthi: “Umlinganiselo womkhenkce ehlotyeni uyikota nje yomkhenkce owawukho kwiminyaka eyi-30 eyadlulayo. Ngo-2012, iinqanawa eziyi-50 zawela iNorthern Sea Route kuba umkhenkce sele wanyibilika ngenxa yobushushu.

Ehlabathini

Uhlolisiso lubonisa ukuba ubisi lwamabele oomama abasandula ukufumana abantwana luneebacteria ezingaphezu kwe-700, nani elo ebelingalindelwanga ngabaphandi. Abaphandi basajonga indlela ezi bacteria eziyingenelo ngayo ekomelezeni inkqubo yeentsana yokucola ukutya nokulwa nezifo.

EBritani

Uphando oluye lwenziwa ngoososayensi baseBritani, lubonisa ukuba abaqhubi abanomkhuhlane oqhelekileyo basabela kade kwiingxaki ezivela endleleni kunabaqhubi abasele utywala.

EDemocratic Republic Of Congo

IAfrika ijongene nento abaninzi abathi “zange yabonwa ngaphambili,” ukubulawa kwamashumi amawaka eendlovu nyaka ngamnye kufunwa iimpondo zazo. Ngesinye isihlandlo, kwadutyulwa iindlovu entloko, ngabantu abakhwele kwihelicopter.

EOstreliya

Kule minyaka iyi-27 kuye kwafa iikorale eziphilayo ezifumaneka kwiGreat Barrier Reef. Oososayensi bathi unobangela woku ziinkanyamba, ukugcwala kweestarfish ezitya ezi korale [Acanthaster planci ], ukujika kombala wazo, kunye nokuntinga kwamaqondo obushushu.