OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE
Uxinezeleko
Yintoni uxinezeleko?
“Ndiphazamisekile, ndithobe ngomlinganiselo ogqithileyo; Imini yonke ndihambahamba ndibuhlungu.”
—INdumiso 38:6.
OKO KUTHETHWA NGABAPHANDI
Wonk’ umntu ukhe azive ephantsi ngamathub’ athile, kodwa lona uxinezeleko yinto ehlala ikho yaye lumphilisa kabuhlungu umntu. Nangona oogqirha bengavumelani ncam ngomahluko okhoyo phakathi kokukhathazeka “okuqhelekileyo” “noxinezeleko,” esikwaziyo kukuba sonke sikhe sizive sikhathazekile, ibe ngamaxesha athile ude uzive ungento yanto yaye unetyala ngaphandle kwesizathu.
OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE
IBhayibhile ithetha ngamadoda namabhinqa awakha abuhlungu. Ngokomzekelo, ‘umphefumlo kaHana wakha wakrakra’
AmaKristu enkulungwane yokuqala ayalelwa ukuba ‘athuthuzele imiphefumlo edandathekileyo.’ (1 Tesalonika 5:
Ukuxinezeleka, lityala likabani?
“Yonke indalo iyagcuma kwaye isentlungwini de kube ngoku.”
—Roma 8:22.
OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE
IBhayibhile ifundisa ukuba ukugula kwabangelwa yimvukelo ka-Adam noEva. Ngokomzekelo, iNdumiso 51:5 ithi: “Khangela! Ngenimba ndazalelwa esiphosweni, yaye uma wandikhawulela esonweni.” Wona amaRoma 5:
Unokwenza ntoni ukuze umelane noxinezeleko?
“UYehova usondele kwabo baphuke intliziyo; Yaye abo bamoya utyumkileyo uyabasindisa.”—INdumiso 34:18.
KUTHENI UMELE UBE NOMDLA
Izinto azinakusoloko zihamba ngendlela ofuna ngayo, maxa wambi uya kwehlelwa zizinto ezibuhlungu. (INtshumayeli 9:
OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE
IBhayibhile ithi kufuneka ugqirha kwabagulayo. (Luka 5:
Kungakunceda nokuchazela umhlobo wakho osenyongweni ingxaki onayo. (IMizekeliso 17: