Okwenzeka Ehlabathini
EUnited States
Kolunye uhlolisiso kwafunyaniswa ukuba phantse umntu omnye kwabathathu unqumla isitrato esiphithizelayo engajongisisanga ngenxa yezinto ezifana nokumamela umculo, ukuthetha efowunini nezinye. Eyona nto iphazamisayo nebangela ingozi kukubhalelana ngefowuni. Abo babhalelana ngefowuni ngabona bathatha ixesha elide xa bewela izitrato kunabantu abawela bengaphazanyiswa nto, ibe badla ngokuwela iirhobhothi zingekavuli, bawele kwindawo abangafanele bawele kuyo okanye bawele bengakhange babhekabheke.
ENigeria
Amabhinqa athathwa eNigeria ngabantu abashishina ngoonongogo bawase eYurophu, afungiswa kwiitempile zobugqwirha bejuju ukuba angachazi nanye into eyenzekayo. Ukuze baqiniseke ukuba la mabhinqa ekuthengiswa ngemizimba yawo enza nantoni na abayifunayo, bawoyikisa ngokuba aza kohlwaywa kwilizwe lemimoya.
ESpeyin
Abantu ekudala behleli bengaqashwa abaphakathi kwe-5 ne-10 pesenti baye bazikhupha izidanga neenkcukacha ngeendawo abebesebenza kuzo kwiiCV zabo ngenxa yokuba zibangela abaqeshi babajonge njengabantu abafunde kakhulu nekuza kufuneka babhatalwe kakhulu.
Ehlabathini
Umsi obangelwa zizitovu ezifana neembawula kuthiwa ngowona ubulala abantu kumazwe asakhasayo, apho kufa abantu abazizigidi ezine ngonyaka ngenxa yezigulo ezibangelwa kukuphefumla umsi. Abaphandi bathi ityhefu ekhutshwa zizitovu zeenkuni okanye zamalahle iyingozi njengetyhefu ekumsi wecuba.