Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Okwenzeka Ehlabathini

Okwenzeka Ehlabathini

ESpeyin

Oososayensi bathi inyikima ka-2011 eLorca, ekumzantsi weSpeyin, eyathi yabulala abantu abasithoba yaza yangxwelerha abaninzi, kusenokwenzeka ukuba yabangelwa ngabantu. Izazi ngokwakhiwa komhlaba ziphawule ukuba le nyikima yenzeke kwindawo apho kuye kwembiwa imithombo emikhulu yokunkcenkceshela.

ETshayina

Abakhenkethi baseTshayina bachithe i-R918 bhiliyoni bekhenketha kwamanye amazwe ngo-2012. IWorld Tourism Organization yeZizwe Ezimanyeneyo ithi kokokuqala iTshayina ichitha eyona mali ininzi ekukhenketheni—ngaphezu kweJamani neUnited States. Kwilizwe ngalinye kula mabini, abakhenkethi bachithe malunga ne-R756 bhiliyoni.

EJapan

Iphephandaba lezamayeza laseBritani iBMJ lipapashe iziphumo zohlolisiso lweminyaka eyi-23 oluye lwenziwa kubantu baseJapan abamalunga ne-68 000. Kolo hlolisiso abaphandi bafumanise ukuba amabhinqa azelwe phakathi kuka-1920 no-1945 angazange atshaye, aphila iminyaka elishumi ngakumbi kunalawo aqalise ukutshaya ngaphambi kokugqiba iminyaka eyi-20, amadoda wona aphila iminyaka esibhozo ngakumbi.

EMauritania

Iibhegi zeplastiki azisathengwa kumazwe angaphandle, azisenziwa yaye azisasetyenziswa, ngenjongo yokukhusela izilwanyana zaselwandle, zasekhaya nezasendle, ezisenokufa xa zizityile. Urhulumente ukhuthaza ukuba kwenziwe iibhegi ezivuthuluka ziphele ekuhambeni kwexesha.

Ehlabathini

I-inshorensi ilahlekelwa yimali emalunga ne-R450 bhiliyoni ngonyaka ngenxa yeentlekele zemvelo. Le lahleko iye yaphindaphindeka kabini rhoqo emva kweminyaka elishumi ukususela ngeminyaka yee-1980, ngenxa yokunyuka kwamaxabiso.