AMAZWE NABANTU | EKHAMBODIYA
Ukutyelela EKhambodiya
IILALI EZISEMANZINI, abantu abaquqa bebuyelela ezivenkileni kunye nezitrato ezizele izithuthuthu ezikhwelise iinkukhu eziphilileyo neefriji—ezi zezinye zezinto eziseKhambodiya.
Abantu baseKhambodiya baziwa ngokuba nobubele nobuhlobo, yaye basondelelene. Xa behleli kunye bezipholele, enokuba bayaqala ukudibana badla ngokubizana mntakwethu, dadewethu, makazi, malume, makhulu okanye tatomkhulu!
Irayisi sesinye sezidlo ezibalaseleyo eKhambodiya. Isidlo salapho siba neendidi ezintathu okanye ezine, kuquka isuphu. Intlanzi ithandwa gqitha kwelo lizwe. Iqhelekile into yokuba isidlo esinye sibe nokutya okuswiti, okumuncu, nokunetyuwa eninzi.
Malunga namawaka amabini eminyaka eyadlulayo, amaNdiya awayesiya eTshayina ngezorhwebo ayesima kunxweme lwaseKhambodiya, arhwebe nayo ngesilika nesinyithi, aze wona afumane izinongo, iziqholo, iimpondo zendlovu negolide. Ekuhambeni kwexesha, abantu baseKhambodiya baphenjelelwa zizithethe zaseIndiya nezaseTshayina, kwaza ngaloo ndlela kwanda ubuHindu nobuBhuda. Ngoku, ngaphezu kwe-90 pesenti yabantu abahlala eKhambodiya ngamaBhuda.
AmaNgqina kaYehova ashumayela ngethemba eliseBhayibhileni eKhambodiya. Ancede abantu abaninzi ngencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? Ifumaneka ngeelwimi ezimalunga ne-250, kuquka olwaseKhambodiya.
Incwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova, iyafumaneka nangolwimi lwaseKhambodiya (oluboniswe apha).