OKUFUNDISWA YIBHAYIBHILE
Ukucamngca
Yintoni ukucamngca?
“Ndiya kucamngca ngayo yonke imisebenzi yakho, ndizixhalabise ngezenzo zakho.”
—INdumiso 77:12.
OKUTHETHWA NGABANTU
Abanye abantu bathi umntu angacamngca ngeendlela ezininzi, ibe uninzi lwazo zisusela mandulo kwizithethe zonqulo lwaseMpuma. Omnye umbhali wathi, “Ingqondo ifanele ingabi nanto ukuze ucinge kakuhle.” Amazwi alo mbhali abonisa ukuba xa ingqondo ingenanto ngoxa ucinga ngamagama nemifanekiso ethile oko kubangela ukuba kuthi ngco ngaphakathi, ingqondo ibethwe ngumoya.
OKUFUNDISWA YIBHAYIBHILE
IBhayibhile ikuchaza njengento ebaluleke kakhulu ukucamngca. (1 Timoti 4:15) Noko ke, xa iBhayibhile ithetha ngokucamngca ayithethi ukuba ingqondo ifanele ingabi nanto okanye ukuphindaphinda amagama athile. Kunoko, iBhayibhile ibonisa ukuba xa ucamngca umele ube nenjongo, ucinge ngobuntu bukaThixo, ngendlela afuna sizenze ngayo izinto nangendalo yakhe. Omnye umkhonzi kaThixo wathandaza wathi: “Ndicamngce ngawo wonke umsebenzi wakho; ngokuzithandela ndihleli ndizixhalabisa.” (INdumiso 143:5) Waphinda wathi: “Ndikukhumbule esingqengqelweni sam, ebudeni bemilindo yasebusuku ndicamngca ngawe.”
Ukucamngca kunokukunceda njani?
“Intliziyo yelungisa iyayicamngca impendulo.”
—IMizekeliso 15:28.
OKUFUNDISWA YIBHAYIBHILE
Ukucamngca kuyabuphucula ubuntu bethu, kwenza sikwazi ukuzibamba, sikwazi nokuziphatha kakuhle
Ukucamngca kuphucula indlela esiziqonda nesizikhumbula ngayo izinto. Ngokomzekelo, xa sifunda ngendalo okanye sifunda iBhayibhile siye sifumane izinto ezininzi ezibangel’ umdla. Xa sicamngca ngezo zinto siye sibone indlela ezifana ngayo noko besikhe sakufunda ngaphambili. Njengomchweli ohlanganisa izinto ukuze kuphume isakhiwo esihle ekugqibeleni, ukucamngca kusibangela “sihlanganise” kakuhle ulwazi esilufundileyo luze lucace ngakumbi.
Ngaba simele silumke xa sicamngca?
“Intliziyo inenkohliso kunayo nantoni na yaye iyatyhudisa. Ngubani na onokuyazi?”
—Yeremiya 17:9.
OKUFUNDISWA YIBHAYIBHILE
“Kuba ngaphakathi, entliziyweni yabantu, kuphuma iingcinga ezimbi: uhenyuzo, ubusela, ukubulala, ukukrexeza, iinkanuko, izenzo zobungendawo, inkohliso, ihambo evakalala, iliso elinomona, . . . ukungabikho ngqiqweni.” (Marko 7:21, 22) Njengokuba silumka xa sisebenzisa umlilo, simele silumke naxa sicamngca! Ukuba asilumkanga, sinokuba neengcinga ezinokusibangela senze izinto ezimbi.
Ngoko ke, iBhayibhile isikhuthaza ukuba sicamngce ‘ngezinto eziyinyaniso, nezibubulungisa, nezinyulu, nezithandekayo, nekuthethwa kakuhle ngazo, nezinesidima, nezincomekayo.’ (Filipi 4:8, 9) Xa sicamngca ngezi zinto zakhayo, siya kuba neempawu ezintle, sithethe amazwi akhuthazayo, yaye sibe nobuhlobo nabanye.