INQAKU ELINGUMXHOLO | INDLELA ONOKUNYAMEZELA NGAYO XA KUSEHLA IINTLEKELE
Ukulahlekelwa Nalikhaya Eli
NgoLwesihlanu kaMatshi 11, 2011, inyikima enkulu efikelela kumyinge we-9.0 yahlasela iJapan yaza yabulala abantu abangaphezu kwe-15 000. Yonke ke lento yabangela umonakalo onokufikelela kwiibhiliyoni eziyi-2 000 zeerandi. Njengoko wayeve ngetsunami eza kwenzeka, uKei oneminyaka eyi-32 wabalekela kwinduli ethile. Uthi: “Kwintsasa elandelayo ndabuyela ekhaya ukuya kuqokelela oko ndandinokukufumana, kodwa yonke into yayidudulwe ngamanzi ukuya kutsho elwandle, kuquka nekhaya lam. Into eyayisele sisiza kuphela.
“Kwathatha ixesha ngam ukuyamkela into yokuba akulahlekanga nje kuphela iimpahla kodwa kwanomzi wam wonke. Yonke into yayithe shwaka—imoto yam, iikhompyutha zomsebenzi, isofa yokwamkela iindwendwe zam, ikhibhodi yomculo, isiginkci kunye neflute, izinto zam zokwenza imizobo, ioli, nayo yonke imizobo endandiyenzile.”
UKUNYAMEZELA INTLUNGU
Zama ukuxabisa izinto onazo ngoku kunokukhathazwa zezo ulahlekelwe zizo. IBhayibhile ithi: “Kwanaxa umntu enentabalala ubomi bakhe abuphumi kwizinto anazo.” (Luka 12:15) Xa ekhumbula imeko yakhe uKei uthi: “Ekuqaleni ndadwelisa izinto endizifunayo, kodwa oko kwandikhumbuza ngazo zonke izinto endaphulukana nazo. Ndagqiba ekubeni ndibhale ezo ndizidingayo kuphela, yaye ndaziyeka ezingeyomfuneko. Olo ludwe lwandinceda ekuqaliseni kwakhona impilo entsha.”
Kunokuzixakekisa de ulibale ngabanye, sebenzisa amava onawo ukuze ubancede. “Ndancedwa lisebe lezoncedo nangabahlobo, kodwa njengoko ndandisoloko ndiphiwa izinto, ndaqalisa ukuziva mncinci,” utsho uKei. “Kamva ndakhumbula amazwi akwiZenzo 20:35 athi, ‘kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.’ Kuba ndandingenanto ndinokunikela ngayo, ndazimisela ukubathuthuzela abo babengamaxhoba. Ukubonisa ububele ngolo hlobo kwandinceda nam.”
Cela kuThixo ngomthandazo ubulumko bokunyamezela iingxaki ezikukhathazayo. UKei wathembela nyhani kwisithembiso seBhayibhile sokuba uThixo “uya kuphethukela emthandazweni wabo baphangwe yonk’ into.” (INdumiso 102:17) Nawe unokwenza okufanayo.
Ngaba ubusazi? IBhayibhile iprofeta ngexesha apho kungekho mntu oya kukhathazeka kukulahlekelwa ngenxa yeentlekele zemvelo. *—Isaya 65:21-23.
^ isiqe. 9 Ukuze wazi ngenjongo kaThixo ngomhlaba, funda isahluko 3 sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova. Iyafumaneka nakwi-www.pr418.com/xh.