AMAZWE NABANTU
Ukutyelela ECosta Rica
KUMAKHULU amahlanu eminyaka eyadlulayo, abantu baseSpeyin baba ngabokuqala ukutyelela kulo mmandla. Bawuthiya ngokuba yiCosta Rica, elithetha uNxweme Lobutyebi, kuba babecinga ukuba baza kufumana intabalala yegolide—elo themba labo laba lilize. Namhlanje, eli lizwe alaziwa njengelizwe elinamatye axabisekileyo, kodwa laziwa ngokuba neentlobo ntlobo zezinto eziphilayo.
Abantu baseCosta Rica baziwa ngokuba ziiTicos, ngenxa yokuba xa bethetha bayakuthanda ukusebenzisa “u-ico” osisinciphiso. Ngokomzekelo, kunokuba bathi “un momento” (umzuzu) banokuthi “un momentico” (umzuzwana). Xa bethetha badla ngokuthi “¡pura vida!” (ubomi obumnandi!) ukubonisa uxabiso okanye xa besenza isivumelwano okanye besithi “molo” okanye “ndlela ntle.”
Esinye sezidlo ezithandwayo eCosta Rica yigallo pinto (ngokoqobo elithetha “umqhagi ongqoqho”)—irayisi neembotyi eziphekwe ngokwahlukeneyo zaza zadityaniswa
ukuze zinongwe. IGallo pinto ingatyiwa kusasa, emini okanye ngokuhlwa. Isiselo abasithandayo yicafé chorreado—ikofu edutyelwa kwisihluzo selaphu.ECosta Rica kukho amabandla amaNgqina kaYehova amalunga ne-450. Iintlanganiso zawo ziqhutywa ngeelwimi ezilishumi, kuquka noLwimi Lwezandla lwaseCosta Rica neelwimi ezimbini zomthonyama isiBribri nesiCabecar.
NGABA UBUSAZI? Kuye kwafunyanwa amakhulu amatye aqingqwe aziimbokodo eCosta Rica. Elona likhulu ububanzi balo ziimitha eziyi-2.4. Amanye kuqikelelwa ukuba angaphezu kweminyaka eyi-1 400 ubudala. Akakho umntu owaziyo ukuba ayenzelwe ntoni!