AMAZWE NABANTU
Ukutyelela EMongolia
UGENGHIS KHAN, ijoni elilikroti elaliphila ngeminyaka yee-1100, wayila uBukhosi baseMongolia. IMongolia namhlanje lilizwe elincinane kobo bukhosi elifumaneka phakathi kweRashiya neTshayina, ibe lelinye lamazwe anabemi abambalwa.
IMongolia inamathafa anengca, iinduli, iintaba eziphakamileyo kunye nemilambo. Kumazantsi eli lizwe kukho iNtlango iGobi edume ngokuba namathambo ezilwanyana ezafa kudala, iidinosaur. Abemi bakhona bayibiza ngokuba ‘Lilizwe Lesibhakabhaka Esiluhlaza.’ Eli gama liyayifanela, kuba amaxesha amaninzi izulu lisoloko lityhilile!
Imozulu yaseMongolia ibaxekile. Ehlotyeni amaqondo obushushu enyuka aye kufikelela ku-40° Celsius, kanti ebusika kubakho ingqele eqhaqhazelis’ amazinyo. Phantse isiqingatha sabemi baseMongolia ngoonothwal’ impahlana. Ekuseni amadoda namabhinqa asenga iibhokhwe, iinkomo, iinkamela namahashe.
Ukutya okuthandwayo apho yimveliso yobisi kunye nenyama, ingakumbi inyama yegusha.Abantu baseMongolia banobubele. Abazitshixi iintente zabo ukuze abantu abagqitha ngendlela bakwazi ukungena, baphumle, baze batye nezimuncumuncu abazibekelweyo. Iindwendwe zidla ngokwenzelwa iti eshushu enobisi nentwana yetyuwa.
Namhlanje olona nqulo ludumileyo eMongolia bubuBhuda. Bakhona abambalwa abangamashaman, amaSilamsi, kunye namaKristu, kodwa ke abaninzi abakhonzi. EMongolia kukho amaNgqina kaYehova angaphezu kwe-350, afundisa abantu abangaphezu kwe-770 iBhayibhile.