Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Funa Into Exabiseke Ngakumbi Kunegolide

Funa Into Exabiseke Ngakumbi Kunegolide

Ngaba wakha wafumana iqhekeza legolide? Bambalwa kakhulu abantu abakha balifumana. Kodwa abaninzi baye bafumana into exabiseke ngakumbi kunegolide. Bubulumko bukaThixo ‘obungenakunikelwa okanye obungenakuthengwa ngegolide.’—Yob. 28:12, 15.

NGANDLEL’ ITHILE, abafundi beBhayibhile abanyanisekileyo bafana nabantu abakhangela igolide. Kufuneka bazimisele, baqhubeke bephengulula iZibhalo ukuze bafumane ubulumko obuxabisekileyo. Njengabafundi beBhayibhile, yintoni esinokuyifunda ngokuhlolisisa iindlela ezintathu efumaneka ngazo igolide?

ULIFUMENE IQHEKEZA LEGOLIDE!

Khawube nombono wakho uhamba ngasemlanjeni uze ubone into engathi liqhekeza lelitye elinqabileyo libengezela elangeni. Uyalichola, uze uvuyiswe kukufumanisa ukuba liqhekeza legolide elingaphantsi nakwintloko yomcinga wematshisi. Umgangatho walo ungaphezu kwedayimani yexabiso eliphezulu. Uyajonga ukuba akunakufumana amanye amaqhekeza na.

Ngokufanayo ke, mhlawumbi nawe unemini ongasoze uyilibale, mhla kwankqonkqoza umkhonzi kaYehova emzini wakho eze kukuxelela ngethemba eliseBhayibhileni. Mhlawumbi usalikhumbula kakuhle ixesha owafumana ngalo iqhekeza legolide eLizwini likaThixo. Kusenokwenzeka ukuba kuxa wawuqala ukubona igama likaThixo, uYehova eBhayibhileni. (INdu. 83:18) Okanye mhlawumbi kuxa wafunda ukuba unokuba ngumhlobo kaYehova. (Yak. 2:23) Ngoko nangoko waqonda ukuba ufumene into exabiseke ngakumbi kunegolide! Waqonda ukuba ufuna ukufumana amanye amaqhekeza egolide aseLizwini likaThixo.

UFUMANA ANGAKUMBI!

Ngamany’ amaxesha iingceba zegolide zinokufumba emithonjeni okanye emilanjeni. Kubakho ixesha laxa abantu abakhangela igolide besenokufumana igolide eninzi kuloo mfumba, mhlawumbi ebiza intywenka yeedola.

Xa wawuqala ukufunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova, kusenokwenzeka ukuba waziva njengomntu okhangela inkunkuma efumbileyo yegolide. Ukucingisisa nzulu ngeevesi zeBhayibhile ozifundileyo mhlawumbi kongeza kulwazi owawusele unalo, nto leyo eyakwenza walazi ngakumbi iLizwi likaThixo. Njengoko usiya ufunda inyaniso exabisekileyo eseBhayibhileni, ufumana indlela onokusondela ngayo kuYehova ukuze akuthande uze ufumane ubomi obungunaphakade.—Yak. 4:8; Yude 20, 21.

Njengomntu osebenza ngamandla ukuze afumane igolide, ngaba wenza konke okusemandleni ukuze ufunde ngenyaniso exabisekileyo eseBhayibhileni?

Ngokufanayo nomntu okhangela kwinkunkuma enegolide exabisekileyo, kusenokwenzeka ukuba uye wazimisela kakhulu ekufuneni ubutyebi beLizwi likaThixo. Emva kokuba ufunde inyaniso ebalulekileyo yeBhayibhile, mhlawumbi wafuna ukuzahlulela nokubhaptizwa.—Mat. 28:19, 20.

QHUBEKA UFUNA!

Umntu okhangelayo unokufumana amaqhekeza egolide kumatye aphume phantsi komhlaba. Kuloo matye unokufumana iindawo ezinamaqhekeza amaninzi egolide anokuthi xa ewaqhekeza afumane loo golide. Ekuqaleni, isenokungabonakali igolide kuloo matye. Ngoba? Kaloku, isenokuba incinane kakhulu! Kodwa kumntu oyikhangelayo, incinane injalo ixabiseke kakhulu.

Kwanaxa umntu sele edlulile “kwimfundiso esisiqalelo engoKristu,” kusafuneka asebenze ngamandla. (Heb. 6:1, 2) Kufuneka usebenze ngamandla xa ufunda iBhayibhile, ukuze ufumane iimfundiso ezintsha noza kuzisebenzisa. Ngoko yintoni omele uyenze ukuze uqiniseke ukuba usoloko uzuza sihlandlo ngasinye ufunda iBhayibhile, nokuba sele uneminyaka uyifunda?

Hlala ukulambele ukufunda. Hlolisisa iingongoma ezibalulekileyo. Qhubeka uzifundisisa nzulu iZibhalo, uya kufumana amaqhekeza axabisekileyo obulumko nokhokelo oluvela kuThixo. (Roma 11:33) Ukuze uzazi ngakumbi iZibhalo, zisebenzise ngendlela efanelekileyo izixhobo zokuphanda ezikhoyo ngolwimi lwakho. Khangela ulwalathiso olufunayo neempendulo zemibuzo yeBhayibhile onayo ungangxamanga. Buza abanye ukuba ziziphi izibhalo namanqaku abaye bawafumanisa eluncedo kwaye ekhuthaza. Ncokola ngezinto ezibangel’ umdla oye wazifumana xa ubufunda iLizwi likaThixo.

Inyaniso kukuba, usukelo onalo ayikokwandisa ulwazi oluchanileyo nje kuphela. Umpostile uPawulos walumkisa ngelithi “ulwazi luyakhukhumalisa.” (1 Kor. 8:1) Ngoko ke, sebenza ngamandla ukuze uhlale uthobekile kwaye womelele elukholweni. Unqulo lwentsapho nokuzifundela iBhayibhile rhoqo, ezi zinto ziya kukunceda uphile ngokuvisisana nemigaqo kaYehova, ukwazi nokunceda abanye. Ngaphezu kwayo yonke loo nto, uya kuvuyiswa kukuba ufumene into exabiseke ngakumbi kunegolide.—IMize. 3:13, 14.