Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Kwakutheni ukuze iintshaba zikaYesu zibe nengxaki ngomba wokuhlanjwa kwezandla?

Lo yayingumba omnye kwemininzi iintshaba zikaYesu ezaziwukhalazela ngaye nangabafundi bakhe. UMthetho kaMoses wawunemiyalelo eliqela echaza indlela umntu amele azihlambulule ngayo xa ebhobhoza, xa eneqhenqa, naxa eye waphatha isidumbu nesilwanyana esifileyo. Wawukwaquka nemiyalelo yendlela okwakunokususwa ngayo nokunye ukungahlambuluki. Oku kwakunokwenziwa ngedini lesilwanyana, ukuhlamba, okanye ukufefa.—Lev., isahl. 11-15; Num., isahl. 19.

Oorabhi bamaYuda babesongezelela kuzo zonke iinkcukacha zale mithetho. Enye incwadi ithi, nayiphi na into ebangela ukungcola “yayihlolisiswa ukuba yayinokufumaneka njani, yayinokudluliselwa njani yaye kangakanani ebantwini. Kwakuhlolisiswa nezixhobo kunye nezinye izinto ezazinokungcoliseka okanye zingangcoliseki, yaye okokugqibela, kwakugqitywa ngamasiko neendlela ukungcola okwakunokuhlanjululwa ngazo.”

Iintshaba zikaYesu zambuza zathi: “Kutheni abafundi bakho bengaziphathi ngokuvumelana nesithethe sabantu bamaxesha angaphambili, kodwa besitya ngezandla ezidyobhekileyo?” (Marko 7:5) Ezi ntshaba zonqulo zazingathethi nje ngokuhlamba izandla okuqhelekileyo. Ngokwesithethe soorabhi, kwakumele kubekho umntu owagalelayo amanzi ezandleni xa zihlanjwa ngaphambi kokuba kutyiwe. Kwale ncwadi icatshulwe ngaphambilana yongezelela ngokuthi: “Kwakuxanjuliswana nangokuba sisiphi isitya samanzi esasimele sisetyenziswe, ngamanzi anjani ayemele asetyenziswe, ngubani omele awagalele yaye zazimele zigutyungelwe ngamanzi ukusa kuwuphi umkhamo izandla.”

Impendulo kaYesu kuyo yonke le mithetho eyenziwe ngabantu, yayilula. Wathi kwezo nkokeli zonqulo zamaYuda enkulungwane yokuqala: “UIsaya watyapha ukuprofeta ngani bahanahanisindini, njengoko kubhaliwe kwathiwa, ‘Esi sizwana sindibeka ngemilebe yaso, kodwa iintliziyo zaso zikude lee kum [mna Yehova]. Sindinqulela ilize, kuba sifundisa iimfundiso eziyimiyalelo yabantu.’ Kaloku niwuyekile umyalelo kaThixo, nabambelela nkqi kwisithethe sabantu.”—Marko 7:6-8.