Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Uyayibona Imfuneko Yokwenza Inkqubela?

Ngaba Uyayibona Imfuneko Yokwenza Inkqubela?

“Qhubeka uzibhokoxa kufundo lwasesidlangalaleni, ekubongozeni nasekufundiseni.”—1 TIM. 4:13.

IINGOMA: 45, 70

1, 2. (a) UIsaya 60:22 uzaliseke njani kule mihla yethu yesiphelo? (b) Yiyiphi indingeko enkulu ekhoyo ngoku kwinxalenye esemhlabeni yentlangano kaYehova?

“OMNCINANE uya kuba liwaka, nophantsi abe luhlanga olunamandla.” (Isa. 60:22) Loo mazwi esi siprofeto ayazaliseka kule mihla yokugqibela. Ngonyaka wenkonzo ka-2015, bebeyi-8 220 105 abavakalisi boBukumkani emhlabeni wonke! Inxalenye yokugqibela yeso siprofeto imele ichaphazele onke amaKristu, kuba uBawo wethu wasemazulwini uthi: “Mna, Yehova, ndiya kukukhawulezisa oko ngexesha lako.” Njengabakhweli kwisithuthi esiya sibaleka ngakumbi, siyakubona ukukhawuleza komsebenzi wokwenza abafundi. Sivakalelwa njani koko kukhula kwesantya somsebenzi? Ngaba senza konke esinokukwenza njengabavakalisi boBukumkani abanenzondelelo? Abazalwana noodade abaninzi, bafaka izicelo zobuvulindlela obuthe ngxi okanye bobuncedani. Ngaba asivuyiswa kukubona abaninzi besabela kukhuthazo lokukhonza apho kukho indingeko, okanye bebandakanyeka kwezinye iinxalenye zenkonzo?

2 Kwelinye icala, sibona ikhula indingeko yabasebenzi abangakumbi. Kusekwa amabandla amatsha amalunga ne-2 000 nyaka ngamnye. Xa ibandla ngalinye elitsha belinokuba nabadala abahlanu, loo nto ithetha ukuba ziyi-10 000 izicaka zolungiselelo ebekuya kufuneka zimiselwe njengabadala nyaka ngamnye. Oko bekuya kuthetha ukuba baninzi abazalwana abamele bafanelekele ukuba zizicaka zolungiselelo. Ukongezelela koku, enoba singabazalwana okanye oodade, ngokuqinisekileyo ‘sinokuninzi kokwenza emsebenzini weNkosi.’—1 Kor. 15:58.

OKO KUTHETHWA KUKWENZA INKQUBELA ELUKHOLWENI

3, 4. Kuthetha ukuthini ukwenza inkqubela kuwe?

3 Funda eyoku-1 kuTimoti 3:1. Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi ‘ukuzabalazela’ lithetha ukolula ingalo ngenjongo yokubamba into ethile, mhlawumbi ekude kuwe. Xa wasebenzisa elo gama, umpostile uPawulos wayegxininisa ukuba inkqubela ifuna umgudu. Khawucinge ngomzalwana ofuna ukwenza inkqubela ebandleni. Mhlawumbi okwangoku akakhonzi njengesicaka solungiselelo, kodwa uyaqonda ukuba umele omeleze ukholo lwakhe. Uqala ngokuzama ukufanelekela ukuba sisicaka solungiselelo. Kamva, unethemba lokufanelekela ukukhonza njengomdala. Kuzo zombini ezi meko, usebenza nzima ukuze afanelekele iimbopheleleko ezingakumbi ebandleni.

4 Ngendlela efanayo, bonke abazalwana noodade abafuna ukukhonza njengoovulindlela, eBheteli, okanye njengamatsha-ntliziyo akha iiHolo zoBukumkani, benza kakuhle xa bezama ukufikelela usukelo lwabo. Makhe sithethe ngendlela iLizwi likaThixo elisikhuthaza ngayo ukuba senze inkqubela kunqulo lokwenyaniso.

ZAMA UKWENZA INKQUBELA ENGAKUMBI ELUKHOLWENI

5. Abantu abasebatsha banokuwasebenzisa njani amandla abo kwinkonzo yoBukumkani?

5 Abantu abatsha banamandla afunekayo okwenza okuninzi enkonzweni kaYehova. (Funda iMizekeliso 20:29) Abanye abazalwana abasebatsha eBheteli basebenza kwisebe lokuprinta nelokwenza iiBhayibhile kunye neencwadi zeBhayibhile. Abazalwana noodade abaninzi bafaka isandla kumsebenzi wokwakha nowokulungisa iiHolo zoBukumkani. Xa kusehla intlekele, abazalwana abasebatsha basebenza kunye namaNgqina anamava ekunikeleni uncedo ngaloo maxesha. Oovulindlela abasebatsha abaninzi bashumayela iindaba ezilungileyo kubantu abathetha olunye ulwimi kunye nolwimi lomthonyama.

6-8. (a) Omnye umfana osemtsha wayitshintsha njani imbono yakhe ngenkonzo kaThixo, yaye waba yintoni umphumo? (b) Singenza njani ukuze ‘singcamle size sibone ukuba uYehova ulungile’?

6 Kusenokwenzeka ukuba uyakuqonda ukubaluleka kokukhonza uThixo ngentliziyo epheleleyo. Kodwa kuthekani ukuba uvakalelwa ngendlela umzalwana ogama linguAaron awakhe wavakalelwa ngayo? Nakubeni wakhulela kwikhaya lamaKristu, uthi: “Iintlanganiso nentsimi zazindikruqula.” Wayefuna kona ukukhonza uThixo ngovuyo, kodwa wayengasazi isizathu sokuba angonwabi. Wenza ntoni?

7 UAaron wazenzela ucwangciso lofundisiso lweBhayibhile, ukulungiselela iintlanganiso, nokugqabaza kuzo. Waqalisa nokuthandaza rhoqo. Njengoko uthando lwakhe ngoYehova lwalusiya lukhula, wenza inkqubela entle. Ukususela ngoko, uAaron uye wakuvuyela ukuba nguvulindlela, ukusebenza nabanye encedisa xa kwehle intlekele, nokushumayela kwelinye ilizwe. Ngoku, ukhonza eBheteli yaye ungumdala. Uvakalelwa njani ngenyathelo aye walithatha? “Ndiye ‘ndangcamla ndabona ukuba uYehova ulungile.’ Ngenxa yentsikelelo yakhe, ndivakalelwa kukuba ndiyamtyala, kwaye oko kundenza ndifune ukwenza okungakumbi kwinkonzo yakhe, nto leyo endizisela iintsikelelo ezingakumbi.”

8 Umdumisi wathi: “Abo bafuna uYehova, abayi kuswela nantoni na elungileyo.” (Funda iNdumiso 34:8-10) Ngokwenene, uYehova akaze abaphoxe abo bamkhonza ngenkuthalo. Siye ‘singcamle size sibone ukuba uYehova ulungile’ njengoko sisenza konke esinako enkonzweni yakhe. Xa sikhonza uThixo ngomphefumlo uphela, sifumana uyolo olungenakuthelekiswa nanto.

NYAMEZELA UNGATYHAFI

9, 10. Kutheni kubalulekile ukuba ‘nesimo sengqondo sokulindela kuThixo’?

9 Njengoko usebenzela kusukelo lwakho, “bonisa isimo sengqondo sokulindela kuThixo.” (Mika 7:7) UYehova usoloko ebaxhasa abakhonzi bakhe abathembekileyo, nangona maxa wambi, esenokubavumela ukuba balinde ixesha elithile ngaphambi kokufumana amalungelo. Wathembisa uAbraham unyana, kodwa kwafuneka abe nokholo nomonde. (Heb. 6:12-15) Nangona walinda iminyaka emininzi ngaphambi kokuba uIsake azalwe, uAbraham akazange atyhafe yaye uYehova akazange amphoxe.—Gen. 15:3, 4; 21:5.

10 Akukho lula ukulinda. (IMize. 13:12) Ukuba besinokuqumba ngenxa yokudana, besiya kudimazeka kakhulu. Kunoko, kububulumko ukulisebenzisa kakuhle ixesha lethu sikhulisa ukholo lwethu. Ngoku siza kuthetha ngeendlela ezintathu onokukwenza ngazo oku.

11. Ziziphi iimpawu ezimkholisayo uThixo esinokuzihlakulela, yaye kutheni zibalulekile?

11 Hlakulela iimpawu ezimkholisayo uThixo. Xa silifunda yonke imihla iLizwi likaThixo, siya kuba nobulumko, nengqiqo, senze izigqibo ezifanelekileyo, sibe nolwazi, namandla okucinga, size siphile engqondweni. Iimpawu ezinjalo zibalulekile kwabo bakhokelayo kunqulo lokwenyaniso. (IMize. 1:1-4; Tito 1:7-9) Njengoko sifunda iimpapasho ezisekelwe eBhayibhileni, sinako ukuqonda iimvakalelo zikaThixo kwimibandela emininzi. Yonke imihla, sijongana nokhetho lokuzonwabisa, isinxibo, indlela yokusebenzisa imali kunye nokusebenzisana kakuhle nabanye. Ngokusebenzisa oko sikufunda eBhayibhileni, sinako ukwenza izigqibo ezimkholisayo uYehova.

12. Amalungu ebandla anokuzingqina njani enokuthenjwa?

12 Zingqine unokuthenjwa. Enoba singabazalwana okanye oodade, simele senze konke esinokukwazi ukukwenza ukuze siphumeze izabelo esizifumanayo ebandleni. Njengerhuluneli, uNehemiya kwakufuneka akhuphe izabelo phakathi kwabantu bakaThixo. Wakhetha oobani? Wakhetha abo bamoyikayo uThixo, abathembekileyo nabanokuthenjwa. (Neh. 7:2; 13:12, 13) Nanamhlanje, “okufunekayo kumagosa kukuba ahlale ethembekile.” (1 Kor. 4:2) Imisebenzi emihle ayilolize.—Funda eyoku-1 kuTimoti 5:25.

13. Unokuwuxelisa njani umzekelo kaYosefu xa abanye bengakuphathi kakuhle?

13 Vumela uYehova akusulungekise. Yintoni onokuyenza xa abanye bengakuphathi kakuhle? Mhlawumbi usenokukwazi ukuyilungisa ngokukhawuleza loo meko. Kodwa, ngamanye amaxesha, xa uzama ukuzithethelela unokuyenza mbi nangakumbi imeko. UYosefu waphathwa kakubi ngabantakwabo, kodwa akazange abaqumbele. Kamva, uYosefu watyholwa waza wabanjwa. Nangona kunjalo, wavumela uYehova amkhokele kuloo maxesha anzima. Waba yintoni umphumo? “Intetho kaYehova yamsulungekisa.” (INdu. 105:19) Xa olo vavanyo lwaphelayo, uYosefu wakufanelekela ukufumana amalungelo akhethekileyo. (Gen. 41:37-44; 45:4-8) Xa ujamelene neemeko ezinzima, thandazela ubulumko, yenza uze uthethe ngobulali, ucele amandla kuThixo yaye uya kukunceda.—Funda eyoku-1 kaPetros 5:10.

YENZA INKQUBELA ENTSIMINI

14, 15. (a) Kutheni simele ‘siyilumkele’ indlela esishumayela ngayo? (b) Unokuyitshintsha njani indlela oshumayela ngayo kwiimeko ezahlukahlukeneyo? (Jonga umfanekiso osekuqaleni nebhokisi ethi “ Ngaba Ukulungele Ukuzama Indlela Eyahlukileyo?”)

14 UPawulos wabongoza uTimoti ngelithi: “Qhubeka uzibhokoxa kufundo lwasesidlangalaleni, ekubongozeni nasekufundiseni. Zilumkele wena nemfundiso yakho.” (1 Tim. 4:13, 16) Ngelo xesha, uTimoti wayesele engumvakalisi woBukumkani onamava. Kodwa, ubulungiseleli bakhe babuya kuba yimpumelelo kuphela xa ‘eqhubeka ezibhokoxa’ ekufundiseni. Wayengenakucinga ukuba abantu baza kusuka ngokuzenzekelayo basabele kwindlela aqhele ukufundisa ngayo. Ukuze aqhubeke efikelela iintliziyo zabo, wayemele ayitshintshatshintshe indlela yakhe yokufundisa. Njengabavakalisi boBukumkani, simele senze okufanayo.

15 Siphawula ukuba abantu abasoloko befumaneka emakhayeni abo xa sishumayela kwindlu ngendlu. Kwezinye iindawo, asikwazi kungena kwiiflethi nakwimizi ebiyelweyo. Ukuba kunjalo nakweyakho intsimi, kutheni ungazami iindlela ezahlukileyo zokushumayela iindaba ezilungileyo?

16. Unokuphumelela njani xa ushumayela esidlangalaleni?

16 Ukushumayela esidlangalaleni kuyenye yezona ndlela zibalaseleyo zokuvakalisa iindaba ezilungileyo. AmaNgqina amaninzi ayisebenzisa ngokuphumelelayo le ndlela yokushumayela. Azinik’ ixesha lokuncokola nabantu abakwisititshi sikaloliwe nesebhasi, evenkileni, epakini, nakwezinye iindawo zikawonke-wonke. Ayiqala ngobuchule incoko kunye nomntu, mhlawumbi ngokuthetha ngeendaba zakutshanje, ngokuncoma abantwana bakhe, okanye ngokumbuza ngomsebenzi wakhe. Njengoko beqhubeka nencoko, umvakalisi usenokukhankanya ingongoma eseBhayibhileni, aze amcele ukuba agqabaze ngayo. Impendulo idla ngokubenza baqhubeke nencoko yeBhayibhile.

17, 18. (a) Yintoni enokukunceda uzithembe xa ushumayela esidlangalaleni? (b) Kutheni amazwi kaDavide ekukhuthaza njengoko ushumayela?

17 Ukuba ukufumanisa kunzima ukushumayela esidlangalaleni, musa ukutyhafa. UEddie, onguvulindlela kwiSixeko saseNew York, wayerhuq’ iinyawo xa kufuneka eshumayele esidlangalaleni. Kodwa, ethubeni wazithemba. Wancedwa yintoni? Uthi: “Xa sisenza unqulo lwentsapho, mna nowakwam siye senze uphando ngendlela esinokuphendula ngayo kumazwi athintela incoko, nakwizinto abantu abazithethayo. Siye sicele amacebiso nakwamanye amaNgqina.” Ngoku, uEddie usoloko ekhangele phambili ekushumayeleni kwiindawo zikawonke-wonke.

18 Njengoko usiya ufumana ubuchule nokuzithemba ekushumayeleni iindaba ezilungileyo, ukuhambela phambili kwakho kuya kubonakala. (Funda eyoku-1 kuTimoti 4:15.) Ngaphezu koko, ngaphandle kwamathandabuzo uya kumbonga uBawo wethu wasemazulwini njengoDavide, owathi: “Ndiya kumbonga uYehova ngamaxesha onke; indumiso yakhe iya kuba semlonyeni wam rhoqo. Uya kuqhayisa ngoYehova umphefumlo wam, abalulamileyo baya kuva babe nemihlali.” (INdu. 34:1, 2) Kusenokwenzeka ukuba ngenxa yokushumayela kwakho, abalulamileyo baya kukuvuyela ukukhonza kunye nawe.

ZUKISA UTHIXO NGOKWENZA INKQUBELA

19. Kutheni umkhonzi kaYehova othembekileyo emele avuye, nokuba uphantsi kweemeko ezinzima?

19 UDavide waphinda wathi: “Yonke imisebenzi yakho iya kukubonga, Yehova, nabanyanisekileyo bakho baya kukubonga. Baya kuthetha ngozuko lobukumkani bakho, nangamandla akho baya kuthetha, ukuba babazise oonyana babantu izenzo zakhe zamandla nozuko lobungangamsha bobukumkani bakhe.” (INdu. 145:10-12) Loo mazwi, azichaza kakuhle iimvakalelo zawo onke amaNgqina kaYehova athembekileyo. Kodwa, kuthekani ukuba ukugula okanye ukwaluphala kukwenza ungakwazi ukuphumeza oko unomnqweno wokukuphumeza? Hlala ukhumbula ukuba, njengoko ushumayela iindaba ezilungileyo kwabo banyamekela abantu abagulayo nabalupheleyo nakwabanye, inkonzo yakho engcwele iyamzukisa uThixo wethu omangalisayo. Ukuba uvalelwe entolongweni ngenxa yokholo lwakho, kusenokwenzeka ukuba uyashumayela xa iimeko zikuvumela, yaye oko kwenza intliziyo kaYehova ivuye. (IMize. 27:11) Okanye kusenokwenzeka ukuba ukwikhaya elahluleleneyo ngonqulo, kodwa namathela kucwangciso lwakho lokwakha ukholo. (1 Pet. 3:1-4) Nakwezona meko zinzima, unako ukumzukisa uYehova uze wenze inkqubela.

20, 21. Ukuba unikwe umsebenzi ongakumbi kwintlangano kaYehova, ungazingqina njani uyintsikelelo kwabanye?

20 Ngokuqinisekileyo, uYehova uya kukusikelela ukuba uqhubeka usenza inkqubela. Mhlawumbi ngokwenza utshintsho kucwangciso lwakho, unganako ukuba nexesha elingakumbi lokwabelana nabanye ngenyaniso eseBhayibhileni. Kanti usenokufumana uvuyo lokunceda abathile bafumane inyaniso, ngenxa yokuzincama kwakho. Ngenxa yokusebenza ngokuzithoba ebandleni, uya kuthandwa, uxatyiswe uze uxhaswe nangakumbi ngabo bathanda uYehova.

21 Enoba sele sinethuba elide okanye sibatsha enkonzweni kaYehova, sonke sinako ukwenza inkqubela ekumnquleni. AmaKristu anamava angabanceda njani abasebatsha enyanisweni ukuba benze inkqubela? Siza kuthetha ngaloo nto kwinqaku lethu elilandelayo.