Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Uyayibona Imfuneko Yokuqeqesha Abanye?

Ngaba Uyayibona Imfuneko Yokuqeqesha Abanye?

“Ngokuqinisekileyo ndiya kuninika uyalelo olulungileyo.”—IMIZE. 4:2.

IINGOMA: 93, 96

1, 2. Kutheni simele siqeqeshe abanye ukuba bafanelekele ukumiselwa?

UKUVAKALISA iindaba ezilungileyo zoBukumkani kwakungowona msebenzi uphambili kuYesu. Sekunjalo, wazinika ixesha lokuqeqesha abanye ukuze babe ngabalusi nabafundisi. (Mat. 10:5-7) Nangona uFilipu wayexakekile ngumsebenzi wobuvangeli, ngaphandle kwamathandabuzo wazinceda iintombi zakhe ezine zakwazi ukushumayela ngenyaniso yeBhayibhileni kwabanye. (IZe. 21:8, 9) Lubaluleke kangakanani olo qeqesho namhlanje?

2 Emhlabeni wonke, liyanda inani labantu abazamkelayo iindaba ezilungileyo. Abatsha enyanisweni nabangekabhaptizwa, badinga ukuqonda ukubaluleka kokuba nofundisiso lobuqu lweBhayibhile. Bakwafanele bafundiswe ukushumayela iindaba ezilungileyo nenyaniso. Emabandleni ethu, abazalwana bamele bakhuthazwe ukuba basebenze nzima ukuze bafanelekele ukumiselwa njengezicaka zolungiselelo nabadala. ‘Ngoyalelo olulungileyo’ amaKristu aqolileyo anganceda lawo matsha enze inkqubela yokomoya.—IMize. 4:2.

NCEDA ABATSHA ENYANISWENI BAFUMANE AMANDLA NOBULUMKO KWILIZWI LIKATHIXO

3, 4. (a) Ngokokutsho kukaPawulos, ukufundisisa iZibhalo kusinceda njani sivelise isiqhamo entsimini? (b) Ngaphambi kokuba sikhuthaze abanye ukuba bazenzele ufundisiso lobuqu lweBhayibhile, yintoni thina kuqala esimele siyenze?

3 Lubaluleke kangakanani ufundisiso lobuqu lweZibhalo? Impendulo siyifumana kumazwi kampostile uPawulos awawabhalela amaKristu aseKolose. Wabhala wathi: “Asiyekanga ukunithandazela nokunicelela ukuba nizaliswe ngolwazi oluchanileyo lokuthanda [kukaThixo] kubulumko bonke nokuqiqa kokomoya, ukuze nihambe ngokumfaneleyo uYehova nize nimkholise ngokupheleleyo njengoko niqhubeka nivelisa isiqhamo kuwo wonke umsebenzi olungileyo lusanda nolwazi lwenu oluchanileyo ngoThixo.” (Kol. 1:9, 10) Xa enolwazi oluchanileyo olunjalo, la maKristu aseKolose ayenokukwazi ‘ukuhamba ngokumfaneleyo uYehova aze amkholise ngokupheleleyo.’ Oko kwakuza kuwanceda aqhubeke ‘evelisa isiqhamo kuwo wonke umsebenzi olungileyo,’ ngokukodwa kumsebenzi wokushumayela iindaba ezilungileyo. Ukuze amkholise kakuhle uThixo, umkhonzi kaYehova umele abe nocwangciso lofundisiso lweBhayibhile. Siya kuba senza kakuhle ukuba sinceda abafundi beBhayibhile bayiqonde loo nto.

4 Ngaphambi kokuba sincede abanye bangenelwe kufundisiso lobuqu lweBhayibhile, simele thina kuqala seyiseke kukubaluleka kwalo. Enyanisweni, simele sikukhuthalele ukufundisisa iBhayibhile. Ngoko zibuze: ‘Xa umninimzi echaza inkolelo yakhe engahambisaniyo neemfundiso zeBhayibhile okanye ebuza imibuzo enzima, ngaba ndikulungele ukumnika iimpendulo ezisekelwe eBhayibhileni? Xa ndifunda ngendlela uYesu, uPawulos, nabanye abanyamezela ngayo entsimini, ngaba ndiye ndicamngce ngendlela unyamezelo lwabo olumele luyichaphazele ngayo inkonzo yam kuYehova?’ Sonke siyasidinga isiluleko nolwazi olusuka kwiLizwi likaThixo. Ukuba sixelela abanye indlela esingenelwe ngayo kufundisiso lwethu lobuqu lweBhayibhile, sinokubakhuthaza ukuba nabo bafumane ezo ngenelo ngokuthi bakukhuthalele ukufunda iBhayibhile.

5. Khawucebise ngendlela yokunceda isifundo ukuba sibe nocwangciso lofundisiso lobuqu lweBhayibile.

5 Usenokuzibuza uthi, ‘Ndingasiqeqesha njani isifundo sam sifundisise iBhayibhile rhoqo?’ Ungaqala ngokusibonisa indlela yokulungiselela isifundo enisiqhubayo. Usenokusicebisa ukuba sizifundele iinxalenye zesihlomelo esikwincwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? size sifunde nezibhalo ezibonisiweyo. Sincede isifundo sakho silungiselele ukugqabaza kwiintlanganiso. Sikhuthaze ukuba sifunde onke amanqaku kaVukani! neMboniselo. Ukuba iWatchtower Library ekwi-CD okanye ekwi-intanethi iyafumaneka ngolwimi lwaso, ungasibonisa indlela yokuyisebenzisa ukuze siphendule imibuzo yeBhayibhile. Xa sinokufumana uncedo olunjalo isifundo sakho, siya kulonwabela ufundisiso lwaso lobuqu lweLizwi likaThixo.

6. (a) Ungasinceda njani isifundo sakho sihlakulele uthando ngeBhayibhile entliziyweni yaso? (b) Siye sivakalelwe njani isifundo seBhayibhile xa lukhulile uthando lwaso ngeZibhalo?

6 Ewe kona, asimele sinyanzele nabani na ukuba afundisise iBhayibhile. Kunoko, masisebenzise izixhobo ezilungiselelwe yintlangano kaYehova ukuze sincede izifundo zethu ziyithande ngakumbi iBhayibhile. Ethubeni, isifundo esizimiseleyo sisenokuvakalelwa ngendlela awavakalelwa ngayo umdumisi owacula wathi: “Ukusondela kuThixo kulungile kum. Ndisabela kwiNkosi enguMongami uYehova.” (INdu. 73:28) Umoya kaYehova uya kusebenza kwisifundo esinjalo, esikuxabisayo ukufundisisa iBhayibhile.

QEQESHA ABATSHA ENYANISWENI BASHUMAYELE BAZE BAFUNDISE

7. UYesu wabaqeqesha njani abavakalisi beendaba ezilungileyo? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

7 KuMateyu isahluko 10, kukho imiyalelo uYesu awayinika abapostile bakhe abayi-12. Kunokuba athethe yonk’ into, wagubungela iingongoma eziphambili. [1] Abapostile baphulaphula njengoko uYesu wayebafundisa indlela yokushumayela kakuhle. Emva koko baya entsimini. Bakuba beyisebenzisile imiyalelo kaYesu, bakwazi ukuyifundisa ngokuphumelelayo inyaniso eseZibhalweni. (Mat. 11:1) Sinako ukuziqeqesha izifundo zethu zeBhayibhile ukuba zibe ngabavakalisi abakhutheleyo beendaba ezilungileyo. Makhe sifunde ngeendlela ezimbini zokuyenza loo nto.

8, 9. (a) UYesu wayethetha njani nabantu entsimini? (b) Singabanceda njani abavakalisi abatsha bancokole nabantu ngendlela uYesu awenza ngayo?

8 Ncokola nabantu. UYesu wayesoloko encokola nabantu ngoBukumkani. Ngokomzekelo, wakhe wanencoko eyakhayo nefundisayo nelinye ibhinqa kwiqula likaYakobi ngakwisixeko iSikare. (Yoh. 4:5-30) Waphinda wancokola noMateyu Levi, umqokeleli werhafu. Iincwadi zeVangeli azithethi nto ingako ngaloo ncoko, kodwa uMateyu wasamkela isimemo sikaYesu sokuba ngumlandeli wakhe. UMateyu nabanye bamva uYesu ethetha ngokungakumbi ebudeni besidlo ababenaso endlwini kaMateyu.—Mat. 9:9; Luka 5:27-39.

9 Ngesinye isihlandlo, uYesu wathetha ngobubele noNathaniyeli, owayebajongela phantsi abantu baseNazarete. Ngenxa yoko, uNathaniyeli wayitshintsha indlela acinga ngayo. Wagqiba ekubeni afunde okungakumbi ngoko uYesu osuka eNazarete wayekufundisa. (Yoh. 1:46-51) Ngoko sinesizathu esihle sokuqeqesha abavakalisi abatsha ukuba bancokole nabantu ngobubele yaye bazole. [2] Aba bavakalisi batsha, baya kuvuyiswa kukubona indlela abantu abaneentliziyo ezinyanisekileyo abasabela kakuhle ngayo xa bebonisa umdla kubo naxa bethetha ngobubele.

10-12. (a) UYesu wawuhlakulela njani umdla owaboniswa ngabantu kwiindaba ezilungileyo? (b) Singabanceda njani abavakalisi abatsha baphucule ubuchule babo bokufundisa inyaniso yeBhayibhile?

10 Hlakulela umdla. Lalilifutshane ixesha uYesu awayenalo lokuba ashumayele. Sekunjalo, wazinika ixesha lokuhlakulela umdla. Ngokomzekelo, wafundisa isihlwele ehleli kwisikhephe. Kweso sihlandlo, ngokungummangaliso, wabangela ukuba uPetros abambise iintlanzi ezininzi, waza wathi kuye: “Ukususela ngoku uya kubambisa abantu bephila.” Aba nawuphi umphumo amazwi kaYesu nezenzo zakhe? UPetros noogxa bakhe “babuyisela izikhephe emhlabeni, bashiya yonk’ into baza bamlandela [uYesu].”—Luka 5:1-11.

11 UNikodemo, ilungu leSanhedrin, waba nomdla kwimfundiso kaYesu. Wayefuna ukufunda okungakumbi, kodwa wayesoyika oko abanye ababesenokukutsho xa benokumbona ethetha noYesu esidlangalaleni. UYesu wayebhetyebhetye yaye ekulungele ukunikela ngexesha lakhe. Wadibana noNikodemo ebusuku kude nesihlwele. (Yoh. 3:1, 2) Sinokufunda ntoni kwezi ngxelo? UNyana kaThixo wayezibekela ixesha lokwakha ukholo lwabantu. Ngaba asimele sikhuthale ekwenzeni amabuyelo nasekuqhubeni izifundo zeBhayibhile?

12 Abavakalisi abasebatsha basenokuphucula ubuchule babo bokufundisa inyaniso yeBhayibhile, ukuba sisebenza nabo entsimini. Singabanceda baqaphele nabo babonisa umdla omncinane. Sisenokubamema abavakalisi abasebatsha ukuba, bahambe nathi xa sisiya emabuyelweni naxa siyokuqhuba izifundo zeBhayibhile. Xa abavakalisi abangenamava befumana uqeqesho nokhuthazo olunjalo, ngokuqinisekileyo baya kufuna ukuhlakulela umdla wabaninimzi baze baqhube ezabo izifundo zeBhayibhile. Baya kufunda nokuba banganikezeli ngokukhawuleza, kodwa babe nomonde baze banyamezele entsimini.—Gal. 5:22; jonga ibhokisi ethi “ Ukunyamezela Kubalulekile.”

QEQESHA ABASEBATSHA UKUBA BAKHONZE ABAZALWANA BABO

13, 14. (a) Uvakalelwa njani ngemizekelo eseBhayibhileni yabantu abazincamayo ngenxa yabanye? (b) Ziziphi iindlela esinobakuqeqesha ngazo abantu abatsha enyanisweni kunye nolutsha ukuba babathande abazalwana noodade?

13 Iingxelo zeBhayibhile zibalaselisa ilungelo esinalo ekuboniseni “umsa wobuzalwana” nasekukhonzeni abanye. (Funda eyoku-1 kaPetros. 1:22; Luka 22:24-27.) UNyana kaThixo wancama yonke into, kuquka ubomi bakhe, ukuze alungiselele abanye. (Mat. 20:28) UDorkas “wayephuphuma zizenzo ezilungileyo nezipho zenceba.” (IZe. 9:36, 39) UMariya, udade waseRoma, “wasebenza kakhulu” ngenxa yebandla. (Roma 16:6) Singabanceda njani abantu abatsha enyanisweni babone ukubaluleka kokunceda abazalwana noodade?

Qeqesha abasebatsha ukuba babonise uthando kubazalwana babo (Jonga isiqendu 13, 14)

14 AmaNgqina aqolileyo asenokumema lawo asematsha enyanisweni ukuba bahambe nawo xa esiya kutyelela abagulayo nabalupheleyo. Ukuba kufanelekile, abazali banokuhamba nabantwana babo xa besiya kula matyelelo. Abadala banokusebenzisana nabanye ekuqinisekiseni ukuba abolupheleyo banokutya okwaneleyo yaye amakhaya abo ayanyanyekelwa. Ngezi ndlela, ulutsha kunye nabo basebatsha enyanisweni bafunda ukubonisa ukulunga kwabanye. Ngoxa wayeshumayela, omnye umdala watyelela iNgqina elihlala kwingingqi yakhe, ukuze abuze impilo. Umzalwana osemtsha owayesoloko ehamba naye watsho wafunda ukuba, bonke ebandleni bamele bazive bethandwa.—Roma 12:10.

15. Kutheni kubalulekile ukuba abadala babonise umdla kwinkqubela yamadoda ebandleni?

15 Ekubeni uYehova esebenzisa amadoda ekufundiseni ebandleni, kubalulekile ukuba abazalwana bahlakulele ubuchule bokufundisa. Njengomdala, ngaba unokumamela njengoko isicaka solungiselelo siqhelisela intetho? Xa sinokufumana uncedo lwakho, siya kukwazi ukuphucula ubuchule baso bokufundisa iLizwi likaThixo.—Neh. 8:8. [3]

16, 17. (a) UPawulos wawubonisa njani umdla wokuqeqesha uTimoti? (b) Abadala bangabaqeqesha njani abalusi bangomso ebandleni?

16 Kukho indingeko enkulu yabalusi kwibandla lamaKristu, yaye abo baza kwenza lo msebenzi wokwalusa kwixesha elizayo badinga uqeqesho oluqhubekayo. UPawulos wachaza indlela abanokuqeqeshwa ngayo xa wathi kuTimoti: “Wena,  . . . mntwana wam, qhubeka uzuza amandla kububele obungasifanelanga obukuKristu Yesu, yaye izinto owazivayo kum ngokuxhaswa ngamangqina amaninzi, zidlulisele kubantu abathembekileyo, abakufanelekeleyo ukufundisa abanye.” (2 Tim. 2:1, 2) UTimoti wafunda lukhulu xa wayekhonza nalo mpostile osele ekhulile. Kamva wakusebenzisa ekushumayeleni nakwezinye iinkalo zenkonzo engcwele oko wayekufunde kuPawulos.—2 Tim. 3:10-12.

17 UPawulos akazange acinge ukuba ukuqeqeshwa kukaTimoti kuza kwenzeka ngamabona-ndenzile. Wahamba naye xa etyelela amabandla. (IZe. 16:1-5) Abadala banokuwuxelisa umzekelo kaPawulos, ngokuthi bahambe nezicaka zolungiselelo ezifanelekayo xa beya kwenza umsebenzi wokwalusa, nanini na oko kufanelekile. Xa bekwenza oko baya kuba bazinika ithuba lokuva imfundiso, lokubona ukholo, umonde, nothando olufunekayo kubaveleli abangamaKristu. Le ndlela inegalelo elihle ekuqeqeshweni kwabalusi ‘bomhlambi kaThixo’ bangomso.—1 Pet. 5:2.

ISIZATHU SOKUBA KUBALULEKILE UKUQEQESHA ABANYE

18. Kutheni simele sikujonge njengento ebalulekileyo ukuqeqesha abanye enkonzweni kaYehova?

18 Ukuqeqesha abanye kubaluleke ngeyona ndlela, kuba umsebenzi mninzi, namathuba okukhonza uYehova ayanda. Imizekelo yokuqeqesha eyamiselwa nguYesu noPawulos iyasebenziseka nanamhlanje. UYehova ufuna abakhonzi bakhe baqeqeshwe kakuhle ukuze balungele izabelo zabo. UThixo usinika ilungelo lokunceda abangenamava bakhulise ubuchule babo ukuze bakwazi ukwenza umsebenzi ofunekayo ebandleni. Njengokuba eli hlabathi lisiya liwohloka yaye namathuba okushumayela eqhubeka esanda, uqeqesho olunjalo lubalulekile yaye lungxamisekile.

19. Kutheni umele uqiniseke ukuba imigudu yakho yokuqeqesha abanye enkonzweni kaYehova iya kuphumelela?

19 Ewe kona, ukuqeqesha abantu kufuna ixesha nomgudu. Kodwa uYehova noNyana wakhe amthandayo baya kusixhasa baze basinike ubulumko bokukwazi ukuqeqesha. Siya kuvuyiswa kukubona abo sibancedayo behambela phambili, ‘besebenza nzima yaye bezibhokoxa.’ (1 Tim. 4:10) Nathi, kwanga singaqhubeka sikhula elukholweni yaye simkhonze ngakumbi uYehova.

^ [1] (isiqendu 7) Nazi ezinye zeengongoma uYesu awazigubungelayo: (1) Shumayela umyalezo ochanileyo. (2) Yaneliseka ngamalungiselelo kaThixo. (3) Kuphephe ukuxambulisana nomninimzi. (4) Thembela kuThixo xa uchaswa. (5) Musa ukuvumela uloyiko lukulawule.

^ [2] (isiqendu 9) Incwadi ethi Zuza Kwimfundo YeSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, iphe. 62-64, inamacibiso amahle ngendlela yokuncokola nabantu entsimini.

^ [3] (isiqendu 15) Incwadi ethi, Zuza Kwimfundo YeSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, iphe. 52-61, ichaza iimpawu ezifunekayo ukuze umntu afundise kakuhle.