Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Umonde—Ukungalahli Ithemba

Umonde—Ukungalahli Ithemba

NGENXA yokuba zininzi izinto ezibangela amaxhala kule ‘mihla yokugqibela,’ abantu bakaYehova bawudinga nangakumbi umonde. (2 Tim. 3:1-5) Siphila nabantu abazithandayo, abangayithandiyo imvisiswano nabangakwaziyo ukuzibamba. Aba bantu abanamonde. Ngoko, umKristu ngamnye umele azibuze: ‘Ngaba nam andinamonde njengabantu endiphila nabo? Kuthetha ukuthini ukuba nomonde? Ndingenza njani ukuze ndihlale ndinolu phawu?’

YINTONI UMONDE?

EBhayibhileni igama elithi umonde lithetha into engaphaya kokunyamezela. Lithetha ukungalahli ithemba. Umntu onolu phawu akacingeli isiqu sakhe kuphela, ucingela nabanye abantu. Nokuba ucatshukisiwe, uhlala enethemba lokuba izinto ziza kuphinda zilunge. Yiloo nto iBhayibhile isithi umntu onothando ‘uzeka kade umsindo’ okanye unomonde. * (1 Kor. 13:4) Iphinda ithi umonde luphawu ‘lwesiqhamo somoya.’ (Gal. 5:22, 23) Yintoni ekufuneka siyenze ukuze sibe nomonde?

SINGENZA NJANI UKUZE SIBE NOMONDE?

Ukuze sibe nomonde kufuneka sicele uYehova asincede ngomoya wakhe oyingcwele, awunika wonke umntu othembela kuye. (Luka 11:13) Nakubeni sisazi ukuba umoya kaThixo unamandla, nathi simele sizame ukuyenza into esiyithandazelayo. (INdu. 86:10, 11) Le nto ithetha ukuba yonk’ imihla simele sizame ukuba nomonde de olu phawu lube bubuntu bethu. Kodwa ngamanye amaxesha kusenokuba nzima ukuba nomonde. Yintoni enye enokusinceda?

Enye into enokusinceda kukufunda ngoYesu size simxelise. Xa umpostile uPawulos wayethetha ‘ngobuntu obutsha’ ekukho kubo umonde, wasikhuthaza esithi: “Uxolo lukaKristu malulawule ezintliziyweni zenu.” (Kol. 3:10, 12, 15) Sinokuluvumela olu xolo ‘lulawule’ ezintliziyweni zethu ngokuthi sixelise uYesu owaba nokholo olungagungqiyo lokuba uThixo uza kuzilungisa iingxaki zethu ngexesha elifanelekileyo. Xa sixelisa uYesu, soze siphelelwe ngumonde nokuba kungenzeka ntoni na.—Yoh. 14:27; 16:33.

Njengoko silindele ihlabathi elitsha esilithenjiswe nguThixo, sifunda ukuba nomonde ngokucingisisa ngomonde anawo uYehova kuthi. IZibhalo zithi: “UYehova akacothi ngokuphathelele isithembiso sakhe, njengoko abanye becinga njalo, kodwa unomonde kuni ngenxa yokuba akanqweneli ukuba kutshabalale nabani na kodwa unqwenela ukuba bonke bafikelele enguqukweni.” (2 Pet. 3:9) Xa sicinga ngendlela anomonde ngayo uYehova kuthi, nathi simele sibe nomonde kwabanye. (Roma 2:4) Zeziphi ezinye izinto ezifuna sibe nomonde?

IZINTO EZIFUNA SIBE NOMONDE

Zininzi izinto ezinokufuna sibe nomonde. Ngokomzekelo, sisenokuba nento ebalulekileyo esifuna ukuyithetha, kodwa kusenokufuneka sibe nomonde, singaphazamisi abanye abantu besathetha. (Yak. 1:19) Kusenokufuneka sibe nomonde naxa sikunye nabazalwana bethu abathanda ukwenza izinto esingazithandiyo. Endaweni yokuba singabi namonde xa kusenzeka izinto ezifana nezi, kuhle ukuba sikhumbule indlela uYehova noYesu abenza ngayo xa nathi sisenza iimpazamo. Abahlalelanga ukujonga iimpazamo ezincinci esizenzayo. Endaweni yoko, bajonga iimpawu zethu ezintle baze basinike ixesha lokulungisa ubuntu bethu.—1 Tim. 1:16; 1 Pet. 3:12.

Enye into enokufuna sibe nomonde kuxa omnye umntu exoke ngathi. Loo nto isenokusicaphukisa size sifune ukuzithethelela. Kodwa iLizwi LikaThixo lithi masingayenzi loo nto. Lithi: “Kulunge ngakumbi ukuphela kombandela kunokuqalwa kwawo. Ulunge ngakumbi onomonde kunalowo unomoya onekratshi. Musa ukukhawuleza ukucaphuka ngomoya wakho, kuba ukucaphuka kuhlala esifubeni sabaziziyatha.” (INtshu. 7:8, 9) Nokuba sesityholwa kangakanani, kufuneka sibe nomonde, sicinge ngaphambi kokuba sithethe. UYesu wathobela loo mgaqo xa abantu babexoka ngaye.—Mat. 11:19.

Abazali nabo bamele babe nomonde xa kufuneka belungise abantwana babo. Khawucinge ngomzekelo kaMattias okhonza kwiBheteli YaseScandinavia. Wayegezelwa kakhulu ngabantwana awayefunda nabo esikolweni ngenxa yeenkolelo zakhe. Abazali bakhe babengayazi le nto. Basuka babona unyana wabo ethandabuza iinkolelo zabo. Utata kaMattias, uGillis uthi: “Kwafuneka sibe nomonde nyhani.” UMattias wayedla ngokubuza imibuzo efana nethi: “Ngubani uThixo? Niqinisekile ukuba iBhayibhile liLizwi LikaThixo? Siqiniseke ngantoni ukuba nyhani nguThixo ofuna siphile ngemigaqo yeBhayibhile?” Ngamany’ amaxesha wayesithi kutata wakhe: “Kutheni nindigxeka nje kuba ndingazikholelwa izinto enizikholelwayo?”

UGillis uthi: “Ngamanye amaxesha unyana wethu wayesibuza ecaphuka, engacatshukiswa sithi, kodwa ecatshukiswa kukuba ebona ngathi inyaniso yenza ubomi bakhe bube nzima.” UGillis wayilungisa njani le nto? Uthi: “Mna nonyana wam sasidla ngokuncokola ixesha elide. Ixesha elininzi ndandimmamela ndize ndimane ndimbuza imibuzo ukuze ndiqonde indlela aziva ngayo. Ndandiye ndimcacisele ngento, ndize ndithi makakhe ayokucinga ngayo, size siphinde sincokole ngayo ngelinye ixesha. Ngamanye amaxesha ndandiye ndithi makandinike nje iintsuku ezimbalwa, ndikhe ndicinge ngaloo nto ayithethileyo. Ezi zinto sasimane sincokola ngazo, zabangela ukuba uMattias aye eziqonda yaye ezamkela iimfundiso ezingentlawulelo, indlela uThixo alawula ngayo nothando lwakhe. Kancinci kancinci waya emthanda uYehova, ngoxa kwathatha ixesha kwaye kunzima. Mna nenkosikazi iyasonwabisa kakhulu into yokubona ukuba umonde wethu wamnceda wakwazi ukuyithanda inyaniso.”

UGillis nenkosikazi yakhe babemthembile uYehova ukuba uza kubanceda bakwazi ukunceda unyana wabo. Xa ecinga ngale nto, uGillis uthi: “Ndandisoloko ndimxelela uMattias ukuba indlela mna nomama wakhe esimthanda ngayo yabangela ukuba sithandaze kakhulu kuYehova simcela ukuba amncede ayiqonde inyaniso.” Aba bazali bavuya kakhulu kuba bakwazi ukusebenzisa olu phawu lomonde.

Kufuneka sibe nomonde naxa sinyamekela ilungu lentsapho okanye umhlobo ogulayo. Masenze umzekelo ngoEllen, * naye ohlala eScandinavia.

Malunga neminyaka esibhozo eyadlulayo, umyeni kaEllen wabethwa kabini sistrowukhu esamshiya ephazamisekile engqondweni. Ngenxa yoko, akasabonakali xa evuya, ekhathazekile okanye enovelwano. Le nto inzima kakhulu kuEllen. Uthi: “Kuye kwafuneka ndibe nomonde, ndingayeki nokuthandaza. Esona sibhalo ndisithandayo nesindithuthuzelayo ngamaFilipi 4:13, athi: ‘Ezintweni zonke ndinamandla ngenxa yalowo undomelezayo.’” Ngenxa yokomelezwa nguYehova, uEllen uqhubeka enomonde, enyamezele.—INdu. 62:5, 6.

YIBA NOMONDE NJENGOYEHOVA

Oyena mntu sinokufunda kuye ukuba nomonde, nguYehova. (2 Pet. 3:15) EBhayibhileni sisoloko sifunda ngomonde awaba nawo. (Neh. 9:30; Isa. 30:18) Ngokomzekelo, uYehova wenza ntoni xa uAbraham wayembuza ngesigqibo sakhe sokutshabalalisa iSodom? Okokuqala, wathula wamamela yonke imibuzo ka-Abraham nezinto ezazimkhathaza. Emva koko, wabonisa ukuba wayemmamele uAbraham kuba waphinda wathetha ngezinto awayesithi ziyamkhathaza. Wamqinisekisa ukuba akazukuyitshabalalisa iSodom xa enokufumana nokuba ngabantu abalishumi abangamalungisa kuyo. (Gen. 18:22-33) UYehova usoloko emamela ngomonde.

Umonde lolunye lweempawu ezibalulekileyo zobuntu obutsha ekufuneka onke amaKristu abe nabo. Ukuba sizama ngamandla ethu onke ukuba nolu phawu, siya kuzukisa uTata wethu wasezulwini osikhathaleleyo nonomonde kuthi, ibe siya kuba phakathi kwabo “bathi ngokholo nomonde bazidle ilifa izithembiso.”—Heb. 6:10-12.

^ isiqe. 4 Kwinqaku lokuqala lala manqaku athetha ngesiqhamo somoya kuthethwe ngothando.

^ isiqe. 15 Igama litshintshiwe.