Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 33

‘Abo Bakumamelayo’ Baza Kusindiswa

‘Abo Bakumamelayo’ Baza Kusindiswa

“Zilumkele wena nemfundiso yakho. Hlala kwezi zinto, kuba ngokwenza oko uya kuzisindisa wena nabo bakuphulaphulayo.”​—1 TIM. 4:16.

INGOMA 67 ‘Shumayela ILizwi’

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Yintoni esinqwenela ukuba yenzeke kumalungu eentsapho zethu?

UDADE ekuthiwa nguPauline uthi: “Ndathi ndakukwazi inyaniso, ndanqwenela ukuba bonke abantu basekhaya babekunye nam eParadesi. * Kodwa abona bantu ndandifuna bakhonze uYehova kunye nam, ngumyeni wam, uWayne nonyana wethu.” Ngaba akhona amalungu entsapho yakho angamkhonziyo uYehova? Mhlawumbi njengoPauline, unqwenela ukuba nawo akhonze uYehova.

2. Yeyiphi imibuzo esiza kuyiphendula kweli nqaku?

2 Asinakuwanyanzela amalungu eentsapho zethu ukuba azimamele iindaba ezilungileyo. Kodwa ke, sinako ukuwenza acinge aze azenze izinto eziseBhayibhileni. (2 Tim. 3:14, 15) Kutheni simele sishumayele kumalungu eentsapho zethu? Kutheni simele siwacingele? Zeziphi izinto esinokuzenza ukuze siwancede athande uYehova njengathi? Abazalwana noodade ebandleni bangasinceda njani?

KUTHENI SIMELE SISHUMAYELE KUMALUNGU EENTSAPHO ZETHU?

3. Ngokutsho kweyesi-2 kaPetros 3:9, kutheni simele sishumayele kumalungu eentsapho zethu?

3 UYehova uza kulitshabalalisa eli hlabathi kungekudala. Ngabantu ‘abanotyekelo olufanelekileyo ngobomi obungunaphakade’ kuphela abaza kusinda. (IZe. 13:48) Amaxesha amaninzi siye sishumayele ebantwini esingabaziyo. Ngokuqinisekileyo siyashumayela nakumalungu eentsapho zethu ukuze nawo akhonze uYehova. Kuba uTata wethu, uYehova ebathanda abantu “akanqweneli ukuba kutshabalale nabani na kodwa unqwenela ukuba bonke bafikelele enguqukweni.”​—Funda eyesi-2 kaPetros 3:9.

4. Yeyiphi impazamo esisenokuyenza xa sishumayela kumalungu eentsapho zethu?

4 Simele sikhumbule ukuba kukho iindlela ezifanelekileyo nezingafanelekanga zokushumayela. Ngokomzekelo, sisenokuthetha kakuhle nabantu esingabaziyo size sithethe kakubi namalungu eentsapho zethu.

5. Yintoni esimele siyikhumbule xa sishumayela kumalungu eentsapho zethu?

5 Abantu abaninzi kuthi basenokuzisola xa becinga ngendlela abathetha ngayo xa babeqala ukushumayela kumalungu eentsapho zabo. Umpostile uPawulos wathi xa ethetha namaKristu: “Amazwi enu makasoloko ekholekile, enongwe ngetyuwa, ukuze nikwazi ukuphendula bonke ngabanye.” (Kol. 4:5, 6) Kubalulekile ukuba silikhumbule eli cebiso xa sithetha namalungu eentsapho zethu. Ukuba asithethi kakuhle nawo, asenokukhubeka endaweni yokuba asimamele.

SINGAWANCEDA NJANI AMALUNGU EENTSAPHO ZETHU?

Amalungu entsapho yakho angancedakala ukuba uyawacingela uze uziphathe kakuhle(Jonga isiqendu 6-8) *

6-7. Yenza umzekelo obonisa indlela ekubaluleke ngayo ukuba amaKristu abacingele abantu abatshate nabo?

6 Wacingele. UPauline ebesikhe sathetha ngaye uthi: “Ekuqaleni, ayikho enye into endandifuna ukuthetha ngayo nomyeni wam ngaphandle kweBhayibhile noThixo. Sasingasathethi ngezinto eziqhelekileyo.” Kodwa ke kwakungekho nto ingako ayaziyo ngeBhayibhile umyeni kaPauline, uWayne, ibe wayengaziqondi izinto awayethetha ngazo. KuWayne, kwakungathi ayikho enye into ecingwa yinkosikazi yakhe ngaphandle kokuba liNgqina. Wayenexhala, ecinga ukuba iqhathiwe ibe iyingozi le nkonzo ingena kuyo.

7 UPauline uyavuma ukuba ngeengokuhlwa nangeempela veki wayesoloko ekunye nabazalwana noodade. Wayesiba kunye nabo kwiintlanganiso, entsimini naxa bezonwabisa. UPauline uthi: “Ngamanye amaxesha, uWayne wayefika endlini kungekho mntu aze abe nesithukuthezi.” Ngokuqinisekileyo uWayne wayefuna ukuba kunye nenkosikazi nonyana wakhe. Wayengabazi naba bantu bahleli nabo, ibe kwakubonakala ngathi babaluleke kakhulu kunaye. UWayne wathi uza kuvele aqhawule kwaloo mtshato. Ucinga ukuba wayemele enze ntoni uPauline ukuze abonise ukuba uyamcingela umyeni wakhe?

8. Ngokutsho kweyoku-1 kaPetros 3:1, 2, yintoni eyona nto ayiqaphelayo amalungu eentsapho zethu?

8 Yiba ngumzekelo. Amaxesha amaninzi, amalungu eentsapho zethu aqaphela izinto esizenzayo ngaphezu kwesizithethayo. (Funda eyoku-1 kaPetros 3:1, 2) Ekugqibeleni, uPauline wayibona loo nto. Uthi: “Ndandisazi ukuba uWayne uyasithanda ibe wayengakufuni nyhani ukuqhawula umtshato. Kodwa into awayithethayo yandenza ndabona ukuba ndimele ndenze izinto uYehova afuna ndizenze emtshatweni. Ndabona nokuba eyona nto ibalulekileyo kukwenza izinto ngendlela efanelekileyo kunokusoloko ndishumayela kuye.” UPauline wayeka ukunyanzela uWayne ukuba athethe ngeBhayibhile waza waqalisa ukuncokola naye ngezinto eziqhelekileyo. UWayne waqaphela ukuba abasaxabani kangako nenkosikazi yakhe ibe nonyana wabo unembeko. (IMize. 31:18, 27, 28) Wathi akubona indlela iBhayibhile ebatshintshe ngayo, wanomdla wokuzimamela izinto ezifundiswa liLizwi LikaThixo.​—1 Kor. 7:12-14, 16.

9. Kutheni singamele siyeke ukunceda amalungu eentsapho zethu?

9 Sukuyeka ukunceda amalungu entsapho yakho. Ukufunda kuYehova kungasinceda siyenze le nto. Usoloko enika abantu ithuba lokumamela iindaba ezilungileyo ukuze bafumane ubomi obungunaphakade. (Yer. 44:4) Umpostile uPawulos naye waxelela uTimoti ukuba angayeki ukunceda abanye. Ngoba? Kuba ngokwenza loo nto wayeza kuzisindisa yena nabo bammamelayo. (1 Tim. 4:16) Siyawathanda amalungu eentsapho zethu, yiyo loo nto sifuna ayazi inyaniso eseBhayibhileni. Ekuhambeni kwexesha, izinto ezazisenziwa nezazithethwa nguPauline zayinceda intsapho yakhe. Ngoku ukhonza uYehova kunye nomyeni wakhe ibe wonwabe kakhulu. Bobabini bangoovulindlela ibe uWayne ngumdala.

10. Kutheni simele sibe nomonde?

10 Yiba nomonde. Xa saqalisa ukukhonza uThixo, satshintsha indlela esasiphila ngayo saza sayeka nezinto esasizikholelwa. Le nto isenokungathandwa ngamalungu eentsapho zethu. Amaxesha amaninzi, into yokuqala adla ngokuyiqaphela kukuba asisazibhiyozeli izinto zonqulo kunye nawo ibe asisazingeni nezinto zepolitiki. Isenokuwacaphukisa le nto amanye amalungu entsapho. (Mat. 10:35, 36) Kodwa ke, asimele siwancame. Ukuba siyayeka ukuwacacisela ngezinto esizikholelwayo kuba ngathi siyawagweba, sithi awafanelwanga bubomi obungunaphakade. Ayingomsebenzi wethu ke ukugweba, uYehova wathi mayibe nguYesu ogwebayo. (Yoh. 5:22) Ukuba sinomonde, amalungu eentsapho zethu asenokufuna ukusimamela.​—Jonga ibhokisi ethi “ Sebenzisa Iwebhsayithi Yethu Xa Ufundisa.”

11-13. Ufunda ntoni kwinto eyenziwa nguAlice xa wayechaswa ngabazali bakhe?

11 Yiba nobubele kodwa ungavumi amalungu entsapho akuyekise ukukhonza uYehova. (IMize. 15:2) Khawucinge ngebali lika-Alice. Wafunda ngoYehova ehlala kude nekhaya. Abazali bakhe babezithanda kakhulu iipolitiki ibe bengakholelwa kuThixo. Waqonda ukuba umele akhawuleze abaxelele ngezinto azifundayo. Uthi: “Ukuba uwaxelele emva kwexesha elide amalungu entsapho yakho ngezinto ozikholelwayo, aza kukhathazeka kakhulu.” Wacinga ngezinto abazali bakhe ababenokuba nomdla kuzo, njengothando. Emva koko, wababhalela iileta ezibonisa ukuba iBhayibhile ithini ngezi zinto, waza wababuza ukuba bacinga ntoni. (1 Kor. 13:1-13) Wababulela ngokumkhulisa nangokumphatha kakuhle waza wabathumelela nezipho. Xa egodukile, wayezama kangangoko anako ukuncedisa umama wakhe xa esebenza endlini. Ekuqaleni, abazali bakhe abazange bonwabe tu xa uAlice wayebaxelela ngezinto azikholelwayo.

12 UAlice wayeyifunda yonke imihla iBhayibhile naxa egodukile. Uthi: “Le nto yenza umama wabona indlela iBhayibhile ebaluleke ngayo kum.” Kanti utata wakhe wagqiba ekubeni afunde iBhayibhile ukuze abone le nto itshintshe intombi yakhe. Wayefuna ukukhangela kwanto anokuyigxeka eBhayibhileni. UAlice uthi: “Ndamnika iBhayibhile ndaza ndambhalela ileta, ndayifaka kuyo.” Kwenzeka ntoni emva koko? Utata wakhe akazange afumane kwanto anokuyigxeka eBhayibhileni. Endaweni yoko, wazithanda kakhulu izinto awazifundayo.

13 Simele sibe nobubele kodwa singavumi amalungu entsapho asiyekise ukukhonza uYehova, nokuba sekunzima. (1 Kor. 4:12b) Ngokomzekelo, uAlice wayechaswa ngumama wakhe. Wathi akubhaptizwa, umama wakhe wathi ungumntwana ongenambeko. Wenza ntoni ke uAlice? Uthi: “Zange ndiyeke ukuthetha ngezinto endizikholelwayo kodwa ndamcacisela ngembeko ukuba ngoku ndiliNgqina LikaYehova ibe andizukujika kuloo nto. Ndamxelela umama ukuba ndimthanda kakhulu. Salila, ndaza emva koko ndamphekela ukutya okumnandi. Ukuqala ngaloo mini, umama wavuma ukuba iBhayibhile indenze ndangumntu obhetele.”

14. Kutheni singamele sivumele amalungu eentsapho zethu atshintshe isigqibo sethu sokukhonza uYehova?

14 Amalungu eentsapho zethu asenokubona emva kwexesha elide ukuba sizimisele nyhani ukukhonza uYehova. Ngokomzekelo, xa uAlice wagqiba ekubeni makabe nguvulindlela endaweni yokuba afundele into eyayifunwa ngabazali bakhe, umama wakhe waphinda walila. Kodwa uAlice akazange ajike. Uthi: “Ukuba uvumela amalungu entsapho yakho atshintshe isigqibo sakho kwinto enye, asenokuzama ukusitshintsha nakwezinye izinto. Kodwa ukuba uhlala unobubele uze ungajiki kwizigqibo zakho, amanye awo asenokukumamela.” Kwenzeka loo nto kanye kuAlice. Ngoku, abazali bakhe bangoovulindlela, ibe utata wakhe ngumdala.

ABAZALWANA NOODADE BANGANCEDA NJANI?

Ibandla lingabanceda njani abazalwana noodade abanamalungu entsapho angengomaNgqina? (Jonga isiqendu 15-16) *

15. Ngokutsho kukaMateyu 5:14-16 neyoku-1 kaPetros 2:12, ‘imisebenzi emihle’ yabanye ingawanceda njani amalungu eentsapho zethu?

15 UYehova utsalela abantu kuye ‘ngemisebenzi emihle’ yabakhonzi bakhe. (Funda uMateyu 5:14-16; eyoku-1 kaPetros 2:12) Ukuba umyeni okanye inkosikazi yakho ayiloNgqina LikaYehova, ngaba yakha yadibana nabazalwana noodade abakwibandla okulo? UPauline, ebesikhe sathetha ngaye wamema abazalwana noodade kwakhe ukuze umyeni wakhe, uWayne, abazi kakuhle. UWayne wabona into eyenziwa ngomnye umzalwana ukuze aqonde ukuba amaNgqina KaYehova ngabantu abanjani. Uthi: “Waxolela ukungayi emsebenzini ukuze azobukela ibhola kunye nam. Ndatsho ndabona ukuba, lo mfo uyafana nabanye abantu.”

16. Kutheni simele simeme amalungu eentsapho zethu kwiintlanganiso?

16 Enye indlela esingawanceda ngayo amalungu eentsapho zethu, kukuwamemela kwiintlanganiso. (1 Kor. 14:24, 25) UWayne waqala ngokuya eSikhumbuzweni kuba wayesele ebuyile emsebenzini ibe sasingathathi xesha lide. Uthi: “Intetho zange ndiyive kakuhle, kodwa ndiyikhumbula kakuhle indlela abantu abandiphatha ngayo. Beza kum, bandamkela baza bandibamba isandla. Ndavele ndabona ukuba ngabantu abalungileyo aba.” Omnye umzalwana nenkosikazi yakhe baba nobubele kakhulu kuPauline. Kuba wayenomntwana omncinci, babemncedisa ngokumhoya ezintlanganisweni nasentsimini. Ngoko, uWayne wacela umyeni wale nkosikazi ukuba imfundele iBhayibhile ukuze aqonde ngakumbi izinto ezazikholelwa nguPauline.

17. Yintoni esingamele sizibek’ ityala ngayo, kodwa kutheni singamele sicinge ukuba awanakuze atshintshe amalungu eentsapho zethu?

17 Sinqwenela ukuba onke amalungu eentsapho zethu akhonze uYehova kunye nathi. Kodwa ke, inokwenzeka into yokuba angaze amkhonze uYehova enoba sizama kangakanani ukuwanceda. Ukuba kunjalo, singazibek’ ityala ngesigqibo asenzileyo. Kaloku, asinakuwanyanzela ukuba amkele izinto esizikholelwayo. Kodwa ke, anokuba nomdla xa ebona indlela owonwabe ngayo kuba ukhonza uYehova. Wathandazele. Thetha kakuhle nawo. Qhubeka uzama ukuwanceda. (IZe. 20:20) Qiniseka ukuba uYehova uza kukusikelela xa uzama ukuwanceda. Kwakhona, ukuba amalungu entsapho yakho akhetha ukukumamela, aza kusindiswa.

INGOMA 57 Sishumayela Kwiintlobo Zonke Zabantu

^ isiqe. 5 Singavuya ukuba amalungu eentsapho zethu angamazi uYehova, kodwa ke ngawo amele azikhethele ukuba ayafuna na ukumkhonza. Kweli nqaku, siza kuthetha ngezinto esinokuzenza ukuze amalungu eentsapho zethu asimamele.

^ isiqe. 1 Amanye amagama atshintshiwe.

^ isiqe. 53 IMIFANEKISO:: Lo mzalwana usemtsha uncedisa utata wakhe ongeloNgqina njengoko elungisa imoto. Ngexesha elifanelekileyo, umbukelisa ividiyo ekujw.org

^ isiqe. 55 IMIFANEKISO:: Lo dade umamele umyeni wakhe ongeloNgqina njengoko embalisela ngendlela ebexakeke ngayo ebudeni bemini. Emva koko, uzonwabisa kunye nentsapho yakhe.

^ isiqe. 57 IMIFANEKISO:: Lo dade umeme abazalwana noodade kwakhe. Bazama ukwazi umyeni wakhe. Kamva, lo myeni uya eSikhumbuzweni kunye nenkosikazi yakhe.