Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 31

Ngaba Uza Kumlinda UYehova?

Ngaba Uza Kumlinda UYehova?

“Ndiza kumlinda ngomonde.”​—MIKA 7:7.

INGOMA 128 Masinyamezele Kuse Ekupheleni

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1-2. Yintoni esiza kuyiva kweli nqaku?

UBA njani xa into oyilindileyo ingade ifike? Uyakhathazeka andithi? Mhlawumbi uye uzive ngale ndlela ichazwe kwiMizekeliso 13:12: “Ithemba elibanjezelweyo ligulisa intliziyo.” Kodwa uye uthini xa ufumanisa ukuba isizathu sokuba ingafiki siza kuba luncedo? Mhlawumbi utsho ube nomonde.

2 Eli nqaku liza kusixelela ngeminye imigaqo yeBhayibhile enokusinceda ‘silinde ngomonde.’ (Mika 7:7) Emva koko siza kuva izinto ezimbini ekufuneka sibe nomonde wokumlinda kuzo uYehova. Okokugqibela siza kuva ukuba ziintoni ezivuyisayo uYehova azithembise abantu abaye banomonde wokumlinda.

IMIGAQO YEBHAYIBHILE ESIFUNDISA UKUBA NOMONDE

3. Sifunda ntoni kumgaqo okwiMizekeliso 13:11?

3 IMizekeliso 13:11 iyasixelela ukuba kutheni kufuneka sibe nomonde. Ithi: “Ubutyebi obufunyanwa msinya buphelela emoyeni, kodwa ubutyebi obuqokelelwa kancinci kancinci buyanda.” Uyawubona umgaqo okule vesi? Umntu olumkileyo wenza izinto ngomonde, aze ekugqibeleni ancume yedwa.

4. Yintoni ecaciswa yiMizekeliso 4:18?

4 IMizekeliso 4:18 ithi “indlela yamalungisa ifana nokuthi qheke kokusa okuya kukhanya ngokukhanya de kube semini.” La mazwi ayenza icace indlela uYehova abanceda ngayo abantu bakhe baziqonde kakuhle iindlela zakhe. Ubenza baziqonde kancinci kancinci. Kwale vesi isinceda siqonde ukuba umntu akayitshintshi ngokukhawuleza indlela aphila ngayo ukuze abe ngumhlobo kaYehova. Ukuba silifunda kakuhle icebiso elikwiLizwi likaThixo nesilixelelwa yintlangano yakhe size silisebenzise, siza kuya sisiba neempawu ezifana nezikaKristu. Siza kumazi kakuhle uThixo. Khawuve indlela uYesu ayizekelisa ngayo le nto.

Njengokuba isityalo sisiya sikhula, nomntu owamkelayo umyalezo woBukumkani uya eziyeka zonke izinto azenzayo ezingafunwayo nguYehova (Jonga isiqendu 5)

5. UYesu wayizekelisa njani into yokuba umntu akakhawulezi ukutshintsha izinto azenzayo?

5 UYesu wafanisa umyalezo woBukumkani esiwuxelela abantu nembewu encinci ekhula kancinci kancinci entliziyweni yomntu othanda izinto ezilungileyo. Wathi: “Loo mbewu ihlumile yakhula yande, engayazi tu ukuba ihlume njani. Kaloku umhlaba uvelisa isiqhamo ngokwawo: kuqala iba likhaba, ize ibe yimpontshane, ekugqibeleni ibe sisikhwebu esivuthiweyo.” (Marko 4:27, 28) Wayethetha ukuthini? Into awayefuna icace kukuba njengokuba isityalo sisiya sikhula, nomntu owamkelayo umyalezo woBukumkani akazuvel’ aziyeke ngokukhawuleza zonke izinto ezingafunwayo nguYehova, uza kuya eziyeka kancinci kancinci. Ngokomzekelo, xa abantu esibafundisayo besiba ngabahlobo bakaYehova, siye sibone izinto ezininzi abaziyekileyo. (Efe. 4:22-24) Mayingaphumi ezingqondweni zethu into yokuba nguYehova okhulisa le mbewu incinci.—1 Kor. 3:7.

6-7. Yintoni esiyifundayo kwindlela uYehova awawudala ngayo umhlaba?

6 UYehova uthatha ixesha lakhe kuyo yonke into ayenzayo. Loo nto uyenzela ukuzukisa igama lakhe nokunceda abantu. Ngokomzekelo, khawucinge ixesha awalithathayo xa wayedala umhlaba ababeza kuphila kuwo abantu.

7 Xa iBhayibhile isixelela indlela awawudala ngayo umhlaba, ithi ‘walinganisa ubungakanani bawo,’ wemba “iintsika zawo,” wabeka “ilitye lawo lekona.” (Yobhi 38:5, 6) Wathath’ ixesha naxa wayejonga umsebenzi awenzileyo. (Gen. 1:10, 12) Khawuyicinge indlela ezimele ukuba zavuya ngayo iingelosi xa zazibona izinto azidalileyo. “Zakhwaza zivuya.” (Yobhi 38:7) Yintoni esiyifundayo apha? UYehova wagqiba ukudala umhlaba, iinkwenkwezi nazo zonke ezinye izinto eziphilayo emva kweminyaka engamawaka amaninzi. Xa wayezijonga zonke ezi zinto, wathi, ‘zilunge gqitha.’—Gen. 1:31.

8. Siza kuthetha ngantoni ngoku?

8 Imizekelo ekwezi ziqendu sisand’ ukuzifunda isibonisa ukuba mininzi imigaqo ekwiLizwi LikaThixo esifundisa ukuba nomonde. Ngoku siza kuthetha ngezinto ezimbini esimele simlinde kuzo uYehova.

IZINTO EKUFUNEKA SIMLINDE KUZO UYEHOVA

9. Yintoni ekufuneka simlinde kuyo uYehova?

9Kusenokufuneka simlinde uYehova ade aphendule imithandazo yethu. Xa simcela asiphe amandla okunyamezela iingxaki okanye asincede siyeke ukwenza into angayifuniyo, sisenokucinga ukuba usiphendula kade. Kutheni eminye imithandazo engakhawulezi ayiphendule?

10. Kutheni kufuneka sibe nomonde xa silinde ukuba uYehova aphendule imithandazo yethu?

10 UYehova uyayimamela imithandazo yethu. (INdu. 65:2) Xa sithandaza ubona indlela esimthembe ngayo. (Heb. 11:6) Enye into afuna ukuyibona kukuba sifuna nyhani ukwenza izinto azifunayo. (1 Yoh. 3:22) Xa simcela asincede siyeke ukwenza into angayifuniyo, kufuneka sibe nomonde, sizame ukwenza yonke into ekufuneka siyenze ukuze siyiyeke loo nto. UYesu wasinceda saqonda ukuba eminye imithandazo yethu isenokungaphendulwa ngokukhawuleza xa wathi: “Qhubekani nicela, niza kuphiwa; qhubekani nifuna, niza kufumana; qhubekani ninkqonkqoza, niza kuvulelwa; kuba wonke umntu ocelayo uyaphiwa, wonke umntu ofunayo uyafumana, yaye wonke umntu onkqonkqozayo uza kuvulelwa.” (Mat. 7:7, 8) Xa siyenza le nto, ‘sithandaze singayeki,’ sinokuqiniseka ukuba uTata wethu osezulwini uyayiva imithandazo yethu, uza kuyiphendula.—Kol. 4:2.

Ngoxa silindile, asiyeki ukuthandaza kuYehova siqinisekile ukuba uza kuzenza izinto azithembisileyo (Jonga isiqendu 11) *

11. AmaHebhere 4:16 asinceda njani xa sibona ngathi imithandazo yethu ayide iphendulwe?

11 Usenokubona ngathi uYehova akade awuphendule umthandazo wakho, uthembisa ukuba uza kuwuphendula “ngexesha elifanelekileyo.” (Funda amaHebhere 4:16.) Ngoko masingamsoli xa engasiphenduli ngexesha ebesifuna asiphendule ngalo. Ngokomzekelo, sekudlule iminyaka abantu abaninzi bethandazela ukubona uBukumkani BukaThixo buphelisa eli hlabathi lilawulwa nguSathana. NoYesu wathi masibuthandazele. (Mat. 6:10) Bekuya kuba bubudenge ukuyeka ukumthemba uThixo kuba isiphelo singafiki ngexesha ebesicinga ngalo! (Hab. 2:3; Mat. 24:44) Senza kakuhle xa sihlala silindele kuYehova, sithandaze sinokholo lokuba uza kusiphendula. Isiphelo siza kufika kanye ngexesha elifanelekileyo, kuba uYehova uyayazi ‘imini neyure’ aza kulitshabalalisa ngayo eli hlabathi. Xa lifika elo xesha, akakho umntu oza kukhala.—Mat. 24:36; 2 Pet. 3:15.

Yintoni esiyifundayo kuYosefu owayenomonde? (Jonga isiqendu 12-14)

12. Lixesha lantoni ekufuneka sibe nomonde wokulilinda?

12Kusenokufuneka sibe nomonde wokulinda ixesha lokupheliswa kokungabikho kobulungisa. Kulo mhlaba abantu babaphatha kakubi abantu bolunye uhlanga okanye isizwe. Kanti namadoda abaphatha kakubi abantu ababhinqileyo. Abanye baphathwa kakubi ngenxa yeziphene abanazo okanye kuba begula ngengqondo. Abantu abaninzi bakaYehova banyamezele ukuphathwa kakubi ngenxa yezinto abakholelwa kuzo. Xa ezi zinto zisenzeka kuthi, masikhumbule into eyathethwa nguYesu esithi: “Lowo unyamezele kwada kwasekupheleni uza kusindiswa.” (Mat. 24:13) Yintoni omele uyenze xa kukho into engafunwayo nguYehova oyaziyo eyenziwa ngomnye umKristu? Ukuba abadala bayayazi loo nto, uza kuba nomonde, ubathembe ukuba baza kumnceda ngendlela afuna ngayo uYehova? Yintoni ekusenokufuneka bayenze?

13. Ziintoni uYehova afuna abadala bazenze xa umKristu enze into embi?

13 Xa abadala besazi ukuba kukho umKristu owenze into embi, bayathandaza bacele “ubulumko obuvela phezulu” ukuze bazi ukuba uYehova ufuna benze ntoni. (Yak. 3:17) Le nto bayenza kuba befuna ukunceda loo mKristu abuye “ezonweni zakhe.” (Yak. 5:19, 20) Bafuna ukwenza yonke into eza kukhusela ibandla neza kuthuthuzela abantu abangamaxhoba. (2 Kor. 1:3, 4) Into yokuqala ekufuneka bayenze kukwazi yonke into eyenzekileyo. Loo nto isenokuthatha ixesha. Emva koko bayathandaza, baze bamlungise “ngendlela efanelekileyo” loo mntu besebenzisa iZibhalo. (Yer. 30:11) Abafuni ukuthath’ ixesha kumatyala anje, kodwa abafuni nokungxamela ukwenza izigqibo. Xa besenza into uYehova athi mabayenze, ibandla liza kuyibona indlela abalinceda ngayo. Abantu abangamaxhoba bona banokushiyeka bekhathazekile nokuba abadala bazenze zonke ezi zinto uYehova athi mabazenze. Ukuba ungomnye wabo bantu, yintoni omele uyenze ukuze uyeke ukukhathazeka?

14. Ukuba ukhathazwe ngomnye umKristu, yintoni onokuyifunda kuYosefu?

14 Ngaba kukho umntu okanye umKristu owakha wakuvis’ intliziyo ebuhlungu? ILizwi LikaThixo liza kukuxelela ngabantu onokufunda kubo abalinda kuYehova walungisa izinto. Ngokomzekelo, abantakwaboYosefu bamphatha kakubi, kodwa zange abe equmbelene nabo. Eyona nto yayibalulekile kuye yayikukukhonza uYehova. UYehova wamenzela izinto ezamvuyisayo ngenxa yokuba nomonde kwakhe nokunyamezela. (Gen. 39:21) UYosefu wabaxolela, wayibona nendlela amsikelela ngayo uYehova. (Gen. 45:5) Nathi, ukuba siyamthemba uYehova size simlinde alungise izinto ngexesha alibona lifanelekile, siza kuthuthuzeleka njengoYosefu.—INdu. 7:17; 73:28.

15. Yintoni eyanceda udade owayehletywa?

15 Akuhlali kusenzeka into efana nale yenzeka kuYosefu, kodwa sonke siba buhlungu xa siphathwa kakubi nokuba kukanjani na. Xa sinengxaki nomnye umntu, nokuba akaloNgqina, kuza kusinceda ukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile. (Fil. 2:3, 4) Khawuve into eyenzeka komnye udade. Wathi akuva ukuba umntu asebenza naye uhamba emhleba, wakhathazeka kakhulu. Kunokuba akhawuleze aye kuye, wacinga ngento eyayisenziwa nguYesu. Xa wayethukwa, akazange aphindise. (1 Pet. 2:21, 23) Ngoko wathi akucinga loo nto wazixelela ukuba akazuyomthethisa. Ekuhambeni kwexesha wafumanisa ukuba lo mntu ebemhleba uyagula, esi sigulo sakhe simenza abe nestres. Le nto yamenza wacinga ukuba kusenokwenzeka ukuba umntu wabantu ebengafuni ukumkhathaza. Eyona nto yamvuyisayo lo dade, yamenza waxola kukuba eye wakwazi ukunyamezela.

16. Yintoni enokukuthuthuzela xa unyamezele ukuphathwa kabuhlungu? (U-1 Petros 3:12)

16 Ukuba unyamezele ukuphathwa kabuhlungu, sukulibala ukuba uYehova usondele kubantu ‘abaphuke iintliziyo.’ (INdu. 34:18) Ukuthandela le nto unomonde, uyiphosa kuye yonke imithwalo onayo. (INdu. 55:22) NguMgwebi womhlaba wonke. Ubona yonke into. (Funda u-1 Petros 3:12.) Xa uneengxaki ezingaphezu kwamandla akho, ngaba uza kumlinda azilungise?

UKUBA UYAMLINDA UYEHOVA, UZA KUVUYA NGONAPHAKADE

17. Usithembisa ntoni uYehova kuIsaya 30:18?

17 Alifikanga ligalelekile ixesha lokuba kulawule uBukumkani bukaTata wethu osezulwini. UIsaya 30:18 uthi: “UYehova ulinde ngomonde ukuba anenzelelele, ibe uza kunenzela inceba. Kuba uYehova nguThixo owenza ubulungisa. Bayonwaba abantu abaqhubeka belindele kuye.” Abantu abahlala belinde uYehova uza kubasikelela ngoku nakwihlabathi elitsha elizayo.

18. Ziintoni eziza kwenzeka kwihlabathi elitsha?

18 Kwihlabathi elitsha likaThixo, abantu bakhe soze baphinde banyamezele iingxaki abazinyamezeleyo kweli hlabathi. Soze kubekho bantu baphathwa kabuhlungu, kungasoze kubekho neentlungu. (ISityhi. 21:4) Soze sikhathazwe kukuba asizukuzifumana izinto esizidingayo kuba yonke into iza kubakho ngobuninzi bayo. (INdu. 72:16; Isa. 54:13) Kuza kuba mnandi nyhani ngelo xesha.

19. Yintoni ayenzayo ngoku uYehova?

19 Ngoku uYehova uyasinceda side sahlukane nayo nantoni na embi esiyenzayo, sibe neempawu azithandayo ukuze siphile xa kulawula uBukumkani bakhe. Ungatyhafi, uyeke ukumkhonza. Siseza kuphila kamnandi. Okwangoku, masibe nomonde, simlinde ade azenze izinto asithembise zona!

INGOMA 118 “Sinike Ukholo Olungakumbi”

^ isiqe. 5 Ngaba wakhe weva umntu ekudala ekhonza uYehova esithi, ‘Zange ndicinge ukuba ndakude ndibe mdala kangaka ingekafiki intshabalalo’? Kula maxesha anzima kangaka sonke sithi uYehova uza kude alitshabalalise nini eli hlabathi libi. Kuza kufuneka sibe nomonde. Eli nqaku liza kusixelela imigaqo yeBhayibhile enokusinceda sikwazi ukumlinda sinomonde uYehova. Siza kuthetha nangezinto ezimbini ekufuneka simlinde kuzo. Okokugqibela, siza kuva nangezinto ezivuyisayo azithembise abantu abaye banomonde wokumlinda.

^ isiqe. 56 INGCACISO YOMFANEKISO: Lo dade waqala ukuthandaza esengumntwana. Wayefundiswe ngabazali bakhe. Akukhula waba nguvulindlela, wayemcela qho uYehova ukuba amncede. Watshata, umyeni wakhe wagula, wayemcela uYehova amphe amandla okunyamezela ukugulelwa ngumyeni. Ngoku ngumhlolokazi, akakayeki ukuthandaza kuba uqinisekile ukuba uTata wakhe osezulwini, obehlala eyiphendula imithandazo yakhe, uza kuyiphendula nangoku.