Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 30

Ubalulekile Kwintsapho KaYehova

Ubalulekile Kwintsapho KaYehova

“Umenze wangaphantsi kancinci kuneengelosi, waza wamthwesa ngozuko nobukhulu.”​—INDU. 8:5, umbhalo osemazantsi.

INGOMA 123 Masithobele Ukhokelo LukaThixo

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Sinokuzibuza ntoni xa sicinga ngazo zonke izinto azidalileyo uYehova?

XA SICINGA ngazo zonke izinto uYehova azidalileyo, sinokuziva ngendlela awayeziva ngayo umdumisi uDavide xa wathi: “Xa ndibona amazulu akho, imisebenzi yeminwe yakho, inyanga neenkwenkwezi ozenzileyo, uyintoni na umntu ofayo le nto umkhumbulayo, nonyana womntu le nto umkhathalelayo?” (INdu. 8:3, 4) NjengoDavide, sinokuthi xa sicinga indlela esibancinci ngayo kwiinkwenkwezi azidalileyo uYehova, isimangalise indlela asihoye ngayo. Makhe sibone indlela awayebahoye ngayo abantu bokuqala emhlabeni, uAdam noEva.

2. UYehova wayefuna uAdam noEva benze ntoni?

2 Abantwana bakaYehova bokuqala emhlabeni yayinguAdam noEva. Babethandwa nyhani nguTata wabo. Wabaxelela into awayefuna bayenze. Wathi: “Qhamani, nande, nigcwalise umhlaba niwoyise.” (Gen. 1:28) Wayefuna babe nabantwana, bahoye nekhaya labo elingumhlaba. Ukuba babeyenzile le nto uThixo wayebaxelela yona, bona nabantwana babo babeza kuhlala beyintsapho kaThixo ngonaphakade.

3. Kutheni sisithi uAdam noEva babebalulekile kuYehova?

3 UAdam noEva babengabanye abantwana bakaYehova ababalulekileyo kuye. KwiNdumiso 8:5 nakumbhalo osemazantsi uDavide wathi ngendalo kaYehova engumntu: “Umenze wangaphantsi kancinci kuneengelosi,waza wamthwesa ngozuko nobukhulu.” Inyaniso kukuba, uYehova zange abanike amandla nengqondo efana neyeengelosi abantu, engazange abenze bakwazi nokwenza izinto ezinkulu ezizenzayo. (INdu. 103:20) Kodwa, ubathwese ngozuko nobukhulu. Ayikumangalisi loo nto? Xa wayedala uAdam noEva, wayefuna baphile kamnandi.

4. Kwenzeka ntoni kuAdam noEva abangazange bammamele uYehova? Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

 4 Into ebuhlungu kukuba uAdam noEva abazange bayenze into ekwakuthiwe mabayenze, uYehova wabagxotha kwintsapho yakhe. Loo nto yabafaka kwenkulu ingxaki abantwana babo. Ukuba njani, eli nqaku liza kusixelela. Kodwa yena uYehova zange ayitshintshe into ayifunayo. Ufuna abantu abammamelayo babe ngabantwana bakhe angasoze ohlukane nabo. Makhe siqale sithethe ngendlela uYehova abonise ngayo ukuba sibalulekile kuye. Emva koko siza kuthetha ngento ekufuneka siyenze xa sifuna ukuba ngabantwana bakhe. Ekugqibeleni siza kuthetha ngeentsikelelo eziza kufunyanwa ngabantwana bakhe abaza kuphila emhlabeni ngonaphakade.

UYEHOVA USIBONISE NJANI UKUBA SIBALULEKILE KUYE?

Zeziphi izinto azenzileyo uYehova ezibonisa ukuba sibalulekile kuye? (Jonga isiqendu 5-11) *

5. Sinokumbulela njani uThixo ngokuba esenze ngokomfanekiso wakhe?

5UYehova ubonise indlela esibaluleke ngayo kuye ngokusidala ngokomfanekiso wakhe. (Gen. 1:26, 27) Loo nto isenza sikwazi ukuba neempawu anazo ezinjengothando, sikwazi ukubavela abantu, sithembeke, sibe ngamalungisa. (INdu. 86:15; 116:5;145:17) Xa sinezi mpawu, sizukisa uYehova, sibonisa nendlela esimbulela ngayo ngokuba esenze ngokomfanekiso wakhe. (1 Pet. 1:14-16) Siyonwaba xa sisenza izinto ezithandwa nguTata wethu osezulwini. Ngenxa yokuba esenze saneempawu ezifana nezakhe, siyakwazi ukuba ngabantu abafunayo kwintsapho yakhe.

6. Xa uYehova wayedala umhlaba, yintoni awayenzayo ebonisa indlela abantu ababaluleke ngayo kuye?

6UYehova usilungiselele ikhaya elingafaniyo namanye. Ngaphambi kokuba adale umntu wokuqala, uYehova wadala umhlaba abaza kuphila kuwo abantu. (Yobhi 38:4-6; Yer. 10:12) Ngenxa yokuba enguThixo obacingelayo abantu nonobubele, umhlaba uwudale wanezinto ezininzi ezisenza sonwabe. (INdu. 104:14, 15, 24) Xa egqib’ okudala, wayezipha ixesha lokuyijonga loo nto ebeyidala, ‘abone ukuba ilungile.’ (Gen. 1:10, 12, 31) Wabonisa indlela ababaluleke ngayo abantu kuye ngokuthi ‘mabaphathe’ zonke izinto azidalileyo emhlabeni. (INdu. 8:6) Ufuna abantu abangenasono bahoye indalo yakhe entle bevuya ngonaphakade. Ngaba umbulela qho uYehova ngale nto ivuyisa kangaka akuthembise yona?

7. Yintoni ethethwa nguYoshuwa 24:15 ebonisa ukuba sinenkululeko yokuzenzela izigqibo?

7UYehova usinike inkululeko yokuzenzela izigqibo. Sinokuzikhethela indlela esifuna ukuphila ngayo. (Funda uYoshuwa 24:15.) Xa ukwazi ukuzikhethela into oyifunayo kudla ngokuthiwa ukhululekile. UThixo wethu osithandayo uyavuya xa sikhetha ukumkhonza. (INdu. 84:11; IMize. 27:11) Inkululeko esinayo sinokuyisebenzisa nakwezinye izigqibo ekufuneka sizenze. Khawucinge ngoYesu.

8. Yeyiphi enye indlela uYesu awayisebenzisa ngayo inkululeko yokuzenzela izigqibo?

8 Sinokwenza into eyenziwa nguYesu, sikhethe ukucingela abanye abantu. Ngenye imini yena nabapostile bakhe bedinwe kakhulu, baya kwindawo ethe cwaka befuna ukuphumla. Zange bakwazi noko kuphumla kuba babonwa ngabantu abaninzi ababefuna uYesu abafundise. Zange imcaphukise loo nto, wasuka wanosizi. Wenza ntoni? “Wabafundisa izinto ezininzi.” (Marko 6:30-34) Xa nathi sisebenzisa ixesha namandla esinawo ekuncedeni abantu njengoYesu, sizukisa uTata wethu osezulwini. (Mat. 5:14-16) Simbonisa nokuba siyafuna ukuba ngabantwana bakhe.

9. Sesiphi isipho esikhethekileyo uYehova asinike abantu?

9UYehova udale abantu bakwazi ukuba nabantwana baze babafundise ukuba bamthande futhi bamkhonze. Ukuba ungumzali, ngaba uyambulela uYehova ngesi sipho sikhethekileyo akunike sona? Iingelosi uzidale zakwazi ukwenza izinto ezininzi ezimangalisayo, kodwa zona akazinikanga esi sipho. Ngoko, nina bazali, nimele nimbulele kakhulu ngokuninika isipho sokukhulisa abantwana. Ninikwe umsebenzi obalulekileyo wokukhulisa abantwana “ngokubaqeqesha nangokubafundisa ngendlela kaYehova.” (Efe. 6:4; Dut. 6:5-7; INdu. 127:3) Ukuze incede abazali bayenze le nto, intlangano kaThixo yenze izinto ezininzi ezithetha ngeBhayibhile; iincwadi, iincwadana, iimagazini, iividiyo, umculo namanqaku akwiwebhsayithi yethu. Siyayibona indlela uTata wethu osezulwini noNyana wakhe ababathanda ngayo abantwana bethu? (Luka 18:15-17) Xa abazali bemthembile uYehova, bezama ngawo onke amandla abanawo ukukhulisa abantwana babo ngendlela yakhe, uyavuya. Kanti kwelinye icala babanceda babe nethemba lokungena kwintsapho kaYehova, bangaze baphume kuyo!

10-11. Ngenxa yegazi likaYesu, ziintoni uYehova azenzileyo naseza kuzenzela abantu?

10UYehova uye wancama oyena Nyana amthandayo ukuze siphinde sibe ngabantwana bakhe.  Kwisiqendu 4 sithe xa uAdam noEva baba nesono, baphuma kwintsapho kaYehova, bona nabantwana babo. (Roma 5:12) Wayefanele ukubagxotha, bakhetha ukungammameli ngabom. Babeza kuthini abantwana babo? UYehova obathandayo abantu walungiselela ukuba abantwana babo abammamelayo babe yintsapho yakhe. Wancama uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, uYesu Kristu, ukuba abahlawulele ngegazi lakhe. (Yoh. 3:16; Roma 5:19) Ngenxa yegazi likaYesu, uYehova uye wakhetha abantu abayi-144 000 abangakhange bagungqe ekumkhonzeni ukuba babe ngoonyana bakhe.—Roma 8:15-17; ISityhi. 14:1.

11 Kukho neemiliyoni zabanye abantu abenza izinto azifunayo uYehova. Bona banethemba lokubizwa ngokuba ngabantwana bakhe emva kokuba bevavanywe okokugqibela ekupheleni kweminyaka eyi-1 000. (INdu. 25:14; Roma 8:20, 21) Ngenxa yokuba benelo themba, sebebiza uYehova uMdali wabo ngokuthi “Tata.” (Mat. 6:9) Nabaza kuvuswa emangcwabeni baza kunikwa ixesha lokufunda izinto uYehova afuna bazenze. Abaye bakhetha ukummamela, nabo baza kuba ngabantwana bakhe.

12. Ngowuphi umbuzo esiza kuwuphendula?

12 Sizivile izinto ezininzi azenzileyo uYehova ezibonisa ukuba sibalulekile kuye. Abathanjiswa ubenze oonyana bakhe, sona “isihlwele esikhulu” sinethemba lokubizwa ngokuba ngabantwana bakhe kwihlabathi elitsha. (ISityhi. 7:9) Yintoni esimele siyenze ngoku ebonisa ukuba nathi sifuna ukuba ngabantwana bakaYehova?

BONISA UYEHOVA UKUBA UYAFUNA UKUBA NGUMNTWANA WAKHE

13. Yintoni ekufuneka siyenze ukuze sibe kwintsapho kaThixo? (Marko 12:30)

13Bonisa indlela omthanda ngayo uYehova ngokumkhonza ngentliziyo yakho yonke. (Funda uMarko 12:30.) Zininzi izinto asiphe zona uThixo. Enye yezona zibaluleke kakhulu kukukwazi ukumkhonza. Simbonisa indlela esimthanda ngayo ‘ngokuthobela imithetho yakhe.’ (1 Yoh. 5:3) Omnye wemithetho afuna siyithobele ngulowo sawuxelelwa nguYesu esithi masiye kwenza abantu babe ngabafundi, sibabhaptize. (Mat. 28:19) Kanti omnye awasixelela wona ngowokuba sithandane. (Yoh. 13:35) Abantu abammamelayo uYehova baza kuba ngabanye bentsapho yabakhonzi bakhe abakuwo wonke umhlaba.—INdu. 15:1, 2.

14. Yintoni esinokuyenza ebonisa ukuba siyabathanda abantu? (Mateyu 9:36-38; Roma 12:10)

14Thanda abanye abantu. Uthando lolona phawu abalasele ngalo uYehova. (1 Yoh. 4:8) Wasithanda singekamazi nokumazi. (1 Yoh. 4:9, 10) Xa sithanda abantu silinganisa yena. (Efe. 5:1) Enye yezona ndlela sinokubonisa ngazo ukuba siyabathanda abantu kukubafundisa ngoYehova ngoku ixesha lisekho. (Funda uMateyu 9:36-38.) Loo nto iza kubanceda bafunde into abamele bayenze ukuze babe ngabantwana bakaThixo. Nasemva kokuba umntu ebhaptiziwe, masingayeki ukumthanda nokumhlonipha. (1 Yoh. 4:20, 21) Siyenza njani loo nto? Siyamthemba ukuba nantoni na ayenzayo uyenza enesizathu esihle. Ngokomzekelo, ukuba asisiqondi isizathu sento umntu ayenzileyo, masingacingi ukuba ebefuna sikhathazeke. Masimhloniphe umzalwana okanye udadewethu, simjonge njengobhetele kunathi.—Funda amaRoma 12:10; Fil. 2:3.

15. Ngoobani esimele sibe nenceba nobubele kubo?

15Yiba nenceba nobubele ebantwini bonke. Ukuba nathi sifuna ukubiza uYehova ngokuthi Tata ngonaphakade, masiphile ngendlela iLizwi lakhe elithi masiphile ngayo. Ngokomzekelo, uYesu wasifundisa ukuba sibe nenceba nobubele ebantwini bonke, nkqu nakwiintshaba zethu. (Luka 6:32-36) Mhlawumbi kukhe kube nzima ukuyenza le nto. Ukuba kunjalo, simele sizame ukucinga njengoYesu size senze ngendlela awayesenza ngayo. Ukuba senza yonke into esinokuyenza ukuze simamele uYehova futhi silinganise uYesu, sibonisa uTata wethu osezulwini ukuba sifuna ukuba ngabantwana bakhe ngonaphakade.

16. Sinokwenza ntoni ukuze singalingcolisi igama lentsapho kaYehova?

16Ungalingcolisi igama lentsapho kaYehova. Kwintsapho eqhelekileyo, umninawa udla ngokulinganisa izinto ezenziwa ngumkhuluwa wakhe. Ukuba umkhuluwa wakhe uphila ngemigaqo yeBhayibhile, uza kumnceda umninawa. Ukuba wenza izinto ezimbi, nomninawa wakhe usenokuba njalo. Kunjalo nakwintsapho kaYehova. Ukuba umKristu obemthanda uYehova uye wangumwexuki okanye wenza ezinye izinto ezingafunwayo nguThixo, namanye amaKristu anokwenza loo nto. Loo maKristu angcolisa igama lentsapho kaYehova. (1 Tes. 4:3-8) Singaze silinganise abantu abenza izinto ezingafunwayo nguYehova, singavumeli kwanto enokusahlukanisa noTata wethu osezulwini, osithandayo.

17. Yeyiphi indlela esimele silumkele ukucinga ngayo, kutheni simele singacingi ngaloo ndlela?

17Sukuthembela kwizinto onazo, themba uYehova. UYehova usithembisa ukuba xa uBukumkani bakhe buyeyona nto ibalulekileyo ebomini bethu, sisenza zonke izinto afuna sizenze, uza kusinika ukutya, impahla nendawo yokuhlala. (INdu. 55:22; Mat. 6:33) Ukuba siyamthemba ukuba unyanisile, asizukucinga ukuba ukuze sonwabe futhi sikhuseleke kweli hlabathi kufuneka sibe nezinto ezininzi. Siyazi ukuba inye into enokusenza sihlale sizolile engqondweni, kukwenza izinto ezithandwa nguYehova. (Fil. 4:6, 7) Nokuba sinayo imali yokuthenga izinto ezininzi, simele sicinge ukuba siza kuba nalo na ixesha namandla okuzisebenzisa nokuzihoya zonke ezo zinto. Ngaba uzithanda kakhulu izinto onazo? Masikhumbule ukuba uThixo usinike umsebenzi afuna siwenze. Ngoko akufuneki sivumele nantoni na isiphazamise kulo msebenzi. Ngokuqinisekileyo asifuni ukufana nomfana owayezithanda kakhulu izinto awayenazo wade akafuna nokulandela uYesu ngenxa yazo. Loo nto yamenza akakwazi ukukhonza uYehova, waphoswa kukuba ngomnye woonyana bakhe.—Marko 10:17-22.

ABANTWANA BAKAYEHOVA BAZA KONWABA NGONAPHAKADE

18. Yintoni eza kuvuyelwa ngabantu abamamela uYehova, izeziphi izinto abaza kuzenzelwa nguYehova noYesu?

18 Eyona nto baza kuyivuyela abantu abammamelayo uYehova kukumthanda nokumkhonza ngonaphakade! Abanethemba lokuphila emhlabeni baza kuvuyela nokuhoya umhlaba omhle, olikhaya uYehova awalidalela ukuba bonwabe kulo. Lisondele ixesha lokuba uBukumkani BukaThixo benze umhlaba uphinde ube mhle, nazo zonke izinto ezikuwo. UYesu uza kuzilungisa zonke iingxaki ezenziwa sisigqibo sika-Adam noEva sokushiya intsapho kaThixo. UYehova uza kubavusa abantu abaswelekileyo, baphile ngonaphakade kumhlaba oyiparadesi, bengaguli. (Luka 23:42, 43) Xa sisiya siphela isono kwintsapho yabakhonzi bakhe abasemhlabeni, bonke baza kuba ‘nozuko nobukhulu’ awathetha ngabo uDavide.—INdu. 8:5.

19. UYehova uziva njani ngawe, ngoko yintoni omele uyenze?

19 Ukuba ungomnye ‘wesihlwele esikhulu,’ unethemba elivuyisa kakhulu. UThixo uyakuthanda, ufuna ube kwintsapho yakhe. Ngoko zama ngamandla akho onke ukwenza izinto afuna uzenze. Mazihlale zisengqondweni yakho zonke izinto akuthembise zona. Ungadlali ngexesha olifumeneyo lokukhonza uTata wethu osezulwini nosithandayo. Vuyela ithemba onalo lokumdumisa ngonaphakade!

INGOMA 107 Umzekelo KaThixo Wothando

^ isiqe. 5 Ukuze ekhaya kube mnandi, wonke umntu umele ayazi into ekufuneka ayenze, asebenzisane nabanye. Utata umele abe yintloko enobubele nemthandayo umfazi nabantwana bayo. Umama uyamncedisa, abantwana bona benza izinto abazali abafuna bazenze. Kunjalo nakwintsapho kaYehova. Kukho izinto uThixo wethu afuna sizenze, ukuba siyazenza, soze siphume kwintsapho yabantu abamnqulayo.

^ isiqe. 55 INGCACISO YOMFANEKISO: Ngenxa yokuba benziwe ngokomfanekiso kaThixo, le ndoda nomfazi wayo babonisa iimpawu ezifana nezakhe, bayabathanda abantwana babo, nabo bayathandana futhi bayavelana. Indoda nomfazi wayo bayamthanda uYehova, bafuna ukufundisa nabantwana abaphe bona ukuba bamthande futhi bamkhonze. Basebenzisa ividiyo ukuze bababonise ukuba kwakutheni ukuze uYehova anikele ngoYesu ukuba asihlawulele. Babafundisa nokuba kwiParadesi ezayo siza kuhoya umhlaba nezilwanyana ngonaphakade.