INQAKU ELIFUNDWAYO 34
‘Bambelela Enyanisweni’
‘Bambelela Enyanisweni.’—3 YOH. 4.
INGOMA 111 Izizathu Zokuvuya Kwethu
IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a
1. Ukuncokola ngendlela esayifumana ngayo inyaniso kusinceda njani?
“WAYIFUMANA njani inyaniso?” Siqinisekile ukuba kudala uwuphendula lo mbuzo. Xa sifun’ ukwazi umKristu esiqalayo ukudibana naye, lo ngomnye wemibuzo yokuqala esimbuza yona. Siyakuthanda ukuva indlela abazalwana noodade abaye bamazi baza bamthanda ngayo uYehova. Nathi siyakuvuyela ukubaxelela ukuba kutheni siyithanda kangaka nje inyaniso. (Roma 1:11) Ezi ncoko zisenza sikhumbule indlela ebaluleke ngayo inyaniso kuthi. Zisenza sitsho sizimisele kakhulu ‘ukubambelela enyanisweni,’ okanye ukuhlala siphila ngendlela ethandwa nguYehova neza kumenza asisikelele.—3 Yoh. 4.
2. Yintoni esiza kuyifunda kweli nqaku?
2 Kweli nqaku siza kuthetha ngezinye izinto ezisenza siyithande inyaniso. Emva koko siza kubona nokuba sinokwenza njani ukuze sihlale siyithanda. Ngokuqinisekileyo liza kusenza simbulele kakhulu uYehova ngokusitsalela kwakhe enyanisweni. (Yoh. 6:44) Liza kusenza sikufune ngamandla nokuxelela abanye ngayo.
KUTHENI SIYITHANDA NJE ‘INYANISO’?
3. Yintoni eyona nto ibalulekileyo esenza siyithande inyaniso?
3 Zininzi izinto ezisenza siyithande inyaniso. Eyona ibalulekileyo kukuba sithanda oyena Mntu ivela kuye, uYehova uThixo. ILizwi lakhe iBhayibhile alisixeleli ukuba unguMdali wezulu nomhlaba onamandla nje qha, lisixelela nokuba unguTata wethu osezulwini osithandayo nosikhathalele kakhulu. (1 Pet. 5:7) Siyazi ukuba uThixo wethu ‘unenceba novelwano, akakhawulezi ukucaphuka, uphuphuma luthando olungagungqiyo nenyaniso.’ (Eks. 34:6) UYehova uyabuthanda ubulungisa. (Isa. 61:8) Ukhathazeka kakhulu xa esibona sibuhlungu. Yiloo nto efuna ngamandla ukuba lide lifike ixesha alikhethileyo lokuba aphelise zonke izinto ezisenza buhlungu. (Yer. 29:11) Nathi silijonge ngamehl’ abomvu elo xesha. Yiloo nto simthanda kangaka uYehova!
4-5. Kutheni umpostile uPawulos efanise ithemba esinalo neankile?
4 Yintoni enye esenza siyithande inyaniso? Isinceda kakhulu. Nanku umzekelo. Isinceda sibe nethemba lezinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo. Xa wayebonisa indlela elibaluleke ngayo, umpostile uPawulos wathi: “Eli themba sinalo lifana neankile yomphefumlo, liqinisekile yaye liqinile.” (Heb. 6:19) Njengokuba iankile inceda isikhephe singasiwa ngapha nangapha ngamaza olwandle, nethemba esilifumana eBhayibhileni lisinceda singagungqiswa ziingxaki esinazo.
5 Kule vesi, umpostile uPawulos uthetha ngethemba lokuphila ezulwini analo amaKristu athanjisiweyo. Kodwa le nto wayithethayo inceda namaKristu anethemba lokuphila ubomi obungunaphakade kumhlaba oyiparadesi. (Yoh. 3:16) Ngokuqinisekileyo ukufunda ngethemba lobomi obungunaphakade kusincede sayazi eyona nto siyiphilelayo.
6-7. Kuye kwamnceda njani uYvonne ukufunda inyaniso ngento eza kwenzeka kwixesha elizayo?
6 Khawuve into eyenzeka kudade onguYvonne. Zange akhulele enyanisweni, ngoko esemncinci wayekoyika ukufa. Ukhumbula into awayifundayo engazange iphume engqondweni yakhe, ethi: “Ngeny’ imini umntu kuza kusa engasaphili.” Uthi: “Loo nto yayindenza ndiphelelwe bubuthongo, ndicinga ngento eza kwenzeka kum. Ndathi xa ndicinga, ‘Soze kuthi kanti ubomi buphelele apha. Ndiphilela ntoni kanti?’ Ndandingafuni tu ukufa.”
7 Xa wayeyintombi eqal’ ukubhadla, wadibana namaNgqina KaYehova. Uthi: “Ndaqalisa ukukholelwa ukuba nam ndinganalo ithemba lokuphila ngonaphakade kwiParadesi esemhlabeni.” Ukufunda inyaniso kuye kwamnceda njani udadewethu? Uphinda athi: “Ngoku ndilal’ obehlayo kuba andisenaxhala lokufa.” Inoba uyayicinga indlela ebaluleke ngayo inyaniso kuYvonne. Kumvuyisa nyhani ukuxelela abanye abantu ngethemba analo.—1 Tim. 4:16.
8-9. (a) Wayebuxabise kangakanani ubutyebi awabufumanayo umntu okumzekeliso kaYesu? (b) Wena, uyixabise kangakanani inyaniso?
8 Enye yeenyaniso eziseBhayibhileni ziindaba ezilungileyo ezingoBukumkani BukaThixo. Le nyaniso uYesu wayifanisa nobutyebi obufihliweyo. KuMateyu 13:44 wathi: “UBukumkani bamazulu bunjengobutyebi obufihlwe emhlabeni, baza bafunyanwa ngumntu, waphinda wabufihla kwalapho; loo mntu uvuya kangangokuba uyahamba ayokuthengisa yonke into anayo aze awuthenge loo mhlaba.” Uqaphele ukuba le ndoda yayingakhangeli butyebi? Kodwa yathi yakububona, yancama izinto ezininzi eyayinazo ukuze ibufumane. Phofu, yathengisa yonke into eyayinayo. Kwakutheni? Yayisazi indlela obabuxabiseke ngayo. Babuxabiseke ngaphezu kwazo zonke izinto ekwafuneka izincame.
9 Ngaba injalo nakuwe inyaniso? Ngokuqinisekileyo. Siyazi ukuba ayikho into esinokuyifumana kweli hlabathi eyogqitha uvuyo esilufumana ngenxa yokukhonza uYehova, nethemba lokufumana ubomi obungunaphakade kwixesha elizayo, kuBukumkani BukaThixo. Singancama nantoni na ukuze singaphoswa yinyhweba yokuba ngabahlobo bakaYehova. Eyona nto isenza sonwabe nyhani ‘kukumvuyisa ngokupheleleyo.’—Kol. 1:10.
10-11. Yintoni eyenza uMichael wayitshintsha indlela awayephila ngayo?
10 Abaninzi kuthi baye bancama izinto ezinkulu ukuze bavuyise uYehova. Abanye baye bayeka imisebenzi yehlabathi ebhatalayo. Abanye baye bayeka ukuzama ukuba zizityebi. Kanti abanye bathe bakufunda ngoYehova, bayitshintsha indlela abebekade bephila ngayo. Wenza loo nto ke uMichael. Zange akhulele enyanisweni. Esengumfana, wafunda ikarati. Uthi: “Yayibaluleke kakhulu kum into yokuba ndihlale ndomelele. Ngamany’ amaxesha ndandiye ndizibone ndingenakoyiswa mntu.” Kodwa wathi akufunda iBhayibhile wabona indlela uYehova angabufuni ngayo ubundlobongela. (INdu. 11:5) Xa ethetha ngamaNgqina amabini awayemfundisa iBhayibhile, indoda nomfazi wayo, uthi: “Zange bathi mandiyiyeke ikarati; baqhubeka bendifundisa inyaniso eseBhayibhileni.”
11 UMichael waya emthanda uYehova njengoko eqhubeka efunda ngaye. Wathanda kakhulu indlela uYehova abavela ngayo abakhonzi Bakhe. Ekuhambeni kwexesha wabona ukuba kufuneka atshintshe indlela awayephila ngayo. Uthi: “Ndandisazi ukuba ukuyeka ikarati kuza kuba yeyona nto inzima kwendakha ndazenza oko ndazalwa. Kodwa ndandisazi nokuba ukuyiyeka kwam kuza kuvuyisa uYehova, futhi ndandiqinisekile ukuba kuza kufuneka ndincame nantoni na ukuze ndimkhonze.” Wayeyixabisa nyhani inyaniso awayeyifumene. Loo nto yamenza wayitshintsha kakhulu indlela awayephila ngayo.—Yak. 1:25.
12-13. Inyaniso eseBhayibhileni yamnceda njani uMayli?
12 IBhayibhile ibonisa indlela inyaniso exabiseke ngayo ngokuyifanisa nesibane esikhanyisa ebumnyameni. (INdu. 119:105; Efe. 5:8) UMayli waseAzerbaijan uyixabisa kakhulu indlela elamnceda ngayo iLizwi LikaThixo. Abazali bakhe babekwiinkolo ezingafaniyo, utata wayenguMsilamsi, umama engumYuda. Uthi: “Ndandingayithandabuzi into yokuba uThixo ukhona, kodwa kukho izinto ezazindibhida. Ndandizibuza: ‘Kwakutheni ukuze uThixo adale abantu yaye kumnceda ngantoni umntu ukuphila kabuhlungu ubomi bakhe bonke kanti ekugqibeleni uza kuthuthunjiswa esihogweni?’ Ekubeni abantu besithi yonke into eyenzekayo yintando kaThixo, ndandizibuza nokuba ‘Ngaba uThixo ufaka abantu ezingxakini aze onwatyiswe kukubabona besokola?’”
13 UMayli zange ayeke ukukhangela iimpendulo zemibuzo awayenayo. Ekuhambeni kwexesha wavuma ukufundiswa iBhayibhile waza waba liNgqina LikaYehova. Uthi: “Iimfundiso zeBhayibhile ezicacileyo zandenza ndatshintsha indlela endibujonga ngayo ubomi. Ndatsho ndaxola ndakufumana iimpendulo ezivakalayo kwiLizwi LikaThixo.” Sonke siyafana noMayli, siyamdumisa uYehova, ‘Lowo wasikhuphayo ebumnyameni waza wasifaka ekukhanyeni kwakhe okumangalisayo.’—1 Pet. 2:9.
14. Yintoni enokusenza siye siyithanda inyaniso? (Jonga ibhokisi ethi “ Ezinye Izinto Efaniswa Nazo Inyaniso.”)
14 Sithethe ngemizekelo embalwa yezinto efaniswa nazo inyaniso eBhayibhileni nebonisa indlela exabiseke ngayo. Ngokuqinisekileyo ikhona neminye onokucinga ngayo. Kutheni ungakhe uziphe ixesha kufundisiso lwakho, ukhangele ezinye izizathu ezisenza siyithande inyaniso? Xa sisiya siyithanda, siza kufumana ezinye iindlela zokuyibonisa loo nto.
SIBONISA NJANI UKUBA SIYAYITHANDA INYANISO?
15. Yeyiphi enye indlela esinokubonisa ngayo ukuba siyayithanda inyaniso?
15 Indlela esinokubonisa ngayo ukuba siyayithanda inyaniso kukuyifunda yonke imihla iBhayibhile kunye neencwadi ezithetha ngayo. Nokuba sinexesha elingakanani sisenyanisweni, ininzi into ekusafuneka siyifunde. IMboniselo yokuqala ngqa yathi: “Inyaniso ifana neflawa encinci entle ekhula endle. Iphakathi kokhula oluninzi olububuxoki obuphantse buyiminxe. Ukuba uyifuna nyhani kufuneka uyikhangelisise kakuhle. . . . Ukuze uyifumane kufuneka usebenze nzima. Sukufumana iflawa enye yenyaniso uzixelele ukuba ugqibile. . . . Khangela nezinye.” Ayonto ilula ukufunda, kodwa soze uzisole.
16. Yeyiphi indlela yokufunda ekuncedayo? (IMizekeliso 2:4-6)
16 Abanye kuthi abakuthandi ukufunda. Kodwa uYehova uthi ‘masihlale sikhangela’ futhi ‘siphande’ ukuze siyiqonde kakuhle inyaniso. (Funda iMizekeliso 2:4-6.) Kuhlala kusinceda ukwenza loo nto. UCorey uthi yena xa efunda iBhayibhile ujonga ivesi ibe nye ngexesha. Uthi: “Ndifunda yonke imibhalo esemazantsi, ndijonge zonke iimbekiselo ndize ndiphande nangezinye iindlela. . . . Ininzi into endiyifumanayo xa ndifunda ngale ndlela.” Nokuba sifunda ngale ndlela okanye ngezinye, sibonisa ukuba siyayixabisa inyaniso xa sizinik’ ixesha size sisebenze nzima sifunda.—INdu. 1:1-3.
17. Yintoni esimele siyenze ukuze siqiniseke ukuba siyazenza izinto esizifundayo? (Yakobi 1:25)
17 Siyazi ukuba ukufunda njee inyaniso akwanelanga. Ukuze isincede kufuneka siyiphile, loo nto ithetha ukuba kufuneka sizenze izinto esizifundayo. Yiloo nto eza kusenza sonwabe nyhani. (Funda uYakobi 1:25.) Sinokuqiniseka njani ukuba siyayenza into esiyifundayo? Omnye umzalwana ucebisa ukuba khe sijonge indlela esiphila ngayo ukuze sibone ukuba siyazenza na izinto esizifundayo, nokuba ziintoni ekufuneka sisebenzele kuzo. Yena umpostile uPawulos uthi: “Ngokwenqanaba esele sihambele phambili ngalo, masiqhubeke sihamba ngaloo ndlela.”—Fil. 3:16.
18. Kutheni sisebenza ngamandla ukuze ‘sibambelele enyanisweni’?
18 Khawucinge indlela okusinceda ngayo ukusebenza ngamandla ukuze ‘sibambelele enyanisweni’! Akusincedi siphile ubomi obubhetele nje qha, kodwa kuvuyisa uYehova namanye amaKristu. (IMize. 27:11; 3 Yoh. 4) Azikho ezinye izizathu ezodlula ezi ezenza siyithande inyaniso size siphile ngayo.
INGOMA 144 Hlala Ujonge Emvuzweni!
a Xa sithetha ngezinto esikholelwa kuzo nendlela esiphila ngayo siye sithi ‘yinyaniso.’ Nokuba sisand’ ukungena okanye sekukudala sisenyanisweni, kuza kusinceda ukucinga ngezizathu zokuba siyithande. Xa sisenza loo nto, siza kutsho sizimisele kakhulu ukwenza izinto ezithandwa nguYehova.