INQAKU ELIFUNDWAYO 32
Lutsha—Sanukuma Ndawonye Emva Kokuba Nibhaptiziwe
‘Masithande uThixo nabantu, ukuze sikhule ngandlela zonke.’—EFE. 4:15.
INGOMA 56 Yenze Eyakho Inyaniso
IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a
1. Zeziphi izinto ezintle esezenziwe lulutsha oluninzi?
QHO ngonyaka, kubhaptizwa ulutsha oluninzi olungamaKristu. Wena, ngaba sowubhaptiziwe? Ukuba uthi ewe, uYehova nabanye abazalwana noodade ibavuyisa kakhulu into oyenzileyo. (IMize. 27:11) Khawume kancinci, ucinge ngezinto osele uzenzile. Mhlawumbi sekudlule iminyaka ukukhuthalele ukufunda iBhayibhile. Izinto obuzifunda zikwenze waqiniseka ukuba iBhayibhile liLizwi LikaThixo. Kodwa eyona nto ibalulekileyo kukuba uye wamazi waza wamthanda uMbhali wale ncwadi ingcwele. Uye waya umthanda uYehova, wade wangomnye wabakhonzi bakhe abazinikele kuye baza babhaptizwa. Intle kakhulu le nto uyenzileyo.
2. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?
2 Ngaphambi kokuba ubhaptizwe, uye waneengxaki ezininzi ezenze kwanzima ukuba uhlale uthembekile kuYehova. Kodwa njengokuba usiya ukhula, kuza kuvela ezinye. USathana uza kuzama ukukwenza uyeke ukuthanda uYehova nokumkhonza. (Efe. 4:14) Ungayivumeli yenzeke loo nto. Yintoni enokukunceda ungagungqi ekukhonzeni uYehova, uze uyenze into omthembise ukuba uza kuyenza xa ububhaptizwa? Sukuma ndawonye, qhubeka uhambela phambili, ‘usebenzele’ ukuba ngumKristu oqolileyo. (Heb. 6:1) Unokuyenza njani ke loo nto?
YINTONI ENINOKUYENZA?
3. Yintoni efanele yenziwe ngawo onke amaKristu emva kokuba ebhaptiziwe?
3 Emva kokuba sibhaptiziwe, sonke kufuneka senze into umpostile uPawulos awacebisa amaKristu ase-Efese ukuba ayenze. Wawakhuthaza ukuba ‘akhule.’ (Efe. 4:13) Ngamanye amazwi wayesithi kuwo ‘mawaqhubeke ehambela phambili.’ Sinokuyiqonda into awayethetha ngayo uPawulos xa wayefanisa ukuhambela phambili kwethu ekukhonzeni uYehova nokukhula kosana. Usana olusand’ ukuzalwa luyathandwa ngabazali balo futhi bayazidla ngalo. Kodwa aluhlali lulusana. Ekuhambeni kwexesha kuye kufuneke luziyeke “izinto zobuntwana.” (1 Kor. 13:11) NamaKristu ke, emva kokuba ebhaptiziwe, amele angemi ndawonye. Makhe sive amacebiso anokusinceda singemi ndawonye.
4. Yintoni enokukunceda uhambele phambili ekukhonzeni uYehova? Cacisa. (Filipi 1:9)
4 Mthande ngaphezu kokuba umthanda uYehova. Sowumthanda kakade uYehova. Kodwa unokumthanda nangaphezu kokuba umthanda ngoku. Unokuyenza njani loo nto? Umpostile uPawulos uthetha ngenye indlela onokuyenza ngayo le nto kumaFilipi 1:9. (Wafunde.) Wathandazela ukuba ‘lukhule uthando’ lwabazalwana noodade baseFilipi. Nolwethu lungakhula. Singalukhulisa ngokuba sibe ‘nolwazi oluchanileyo nokuqonda ngokupheleleyo.’ Xa sisiya simazi uYehova, siza kuya simthanda, sithande iimpawu zakhe nendlela azenza ngayo izinto. Asifuni ukwenza nantoni na eza kumkhathaza, kodwa siya sikufuna ngamandla ukumvuyisa. Sisebenza ngamandla ukuze siqonde ukuba yintoni afuna siyenze, nokuba singayenza njani.
5-6. Yintoni enokusenza simthande kakhulu uYehova? Cacisa.
5 Iimpawu anazo uYesu zifana nqwa nezikaYehova. Xa simazi kakuhle, siza kutsho simthande kakhulu uYehova. (Heb. 1:3) Into enokusinceda simazi kakuhle uYesu kukufunda iincwadi ezine zeVangeli. Ukuba ubungekayifundi yonke imihla iBhayibhile, kutheni ungaqali ngoku? Xa ufunda ezi ncwadi zine zeVangeli, qwalasela iimpawu zakhe. Abantu babekuthanda ukuba kunye naye nokuncokola naye. Wayede afunqule nabantwana kuba ebathanda. (Marko 10:13-16) Wenza nabafundi bakhe abamoyika, kangangokuba babethetha izinto abazicingayo bekhululekile nokuba ukhona. (Mat. 16:22) Siyazi ukuba uYesu wayefana noTata wakhe, ngoko into esiyifundayo kukuba asimele sonqene ukuthetha noYehova. Singathetha naye ngomthandazo. Xa sithandaza singamxelela yonke into esiyicingayo, siqinisekile ukuba akazukusigweba. Uyasithanda futhi usikhathalele.—1 Pet. 5:7.
6 UYesu wayebavela abantu. Umpostile uMateyu uthi: “Wayesithi xa ebona abantu abaninzi, abasizele, kuba babephethwe kakubi, bengahoywanga oku kweegusha ezingenamalusi.” (Mat. 9:36) Uziva njani yena uYehova? UYesu wathi: ‘UTata osezulwini, akafuni kulahleke nokuba abe mnye kwaba bancinci.’ (Mat. 18:14) Isivuyisa nyhani le nto ithethwa nguYesu. Njengoko sisiya simazi kakuhle uYesu, siza kuya simthanda noYehova.
7. Kuza kukunceda njani ukusoloko uncokola namaKristu aqolileyo?
7 Enye into enokukunceda umthande kakhulu uYehova uze uhambele phambili ekumkhonzeni, kukusoloko uncokola nabazalwana noodade abaqolileyo ebandleni lakho ukuze ubazi kakuhle. Qaphela indlela abavuya ngayo. Abazisoli tu ngokuba bekhethe ukukhonza uYehova. Bacele bakubalisele ngezinto eziye zenzeka kubo njengoko bekhonza uYehova. Xa kufuneka wenze isigqibo esibalulekileyo, bacele bakucebise. Khumbula kaloku ukuba “kubakho impumelelo xa bebaninzi abacebisi.”—IMize. 11:14.
8. Yintoni onokuyenza xa kukho izinto ezithethwa yiBhayibhile ozithandabuzayo?
8 Susa nantoni na ekwenza uthandabuze. Njengokuba kutshiwo kwisiqendu 2, uSathana uza kuzama ukulwenza lungaqini ukholo lwakho uze uyeke ukuba ngumhlobo kaYehova. Enye indlela anokuyenza ngayo loo nto kukukwenza uthandabuze ezinye izinto ezifundiswa yiBhayibhile. Ngokomzekelo, kusenokubakho abantu abazama ukukwenza ukholelwe ukuba zange sidalwe nguThixo, sazivelela. Kusenokwenzeka ukuba ngokuya wawusemncinci wawungayihoyanga le nto, okanye zange ucinge nokucinga ngayo, kodwa ngoku kufundwa ngayo esikolweni. Mhlawumbi ivakala inengqondo le nto ifundiswa ngootitshala. Kodwa kusenokwenzeka ukuba zange bazame nokuzama ukufuna ukuqonda ukuba ukhona nyhani na uMdali. Khawucinge ngomgaqo okwiMizekeliso 18:17 othi: “Omangala kuqala etyaleni uvakala echanile,de omnye umntu afike amncine.” Ngoko ngaphambi kokuba ukholelwe izinto ezifundiswa esikolweni, qal’ ujonge ukuba iLizwi LikaThixo iBhayibhile lithini. Phanda kwiimpapasho zethu. Ncokola nabazalwana noodade ababekade bekholelwa ukuba izinto zazivelela. Babuze ukuba yintoni eyabenza bakholelwa ukuba kukho uMdali osithandayo. Iincoko ezinje zinokukunceda ufumane ubungqina bokuba ukho uMdali.
9. Yintoni oyifundayo kwinto ethethwa nguMelissa?
9 Ukuze ayeke ukuthandabuza, omnye udade onguMelissa wancedwa kakhulu kukuphanda ngokudalwa kwezinto. b Uthi: “Xa ootitshala befundisa ukuba izinto zazivelela, bakwenza uqiniseke ukuba yenzeka nyhani loo nto. Ekuqaleni ndandingafuni ukuphanda ngale nto, kuba ndandisoyika ukufumanisa ukuba nyhani izinto zazivelela. Kodwa ndacingisisa ngento yokuba uYehova ufuna sibe nezizathu ezivakalayo zokumkhonza. Ndaqalisa ukuphanda, ndafunda incwadi yesiNgesi ethi Is There a Creator Who Cares About You? nencwadana ethi Ngaba Izinto Eziphilayo Zadalwa? kunye neyesiNgesi ethi The Origin of Life—Five Questions Worth Asking. Ndenza kanye le nto kwakufuneka ndiyenzile. Akwaba ndandiyenze kwakuqala.”
10-11. Yintoni enokukunceda unganikezeli ekuziphatheni okubi? (1 Tesalonika 4:3, 4)
10 Hambela kude kwiindlela zokuziphatha okubi. Xa ufikisa, usenokukurhalela kakhulu ukuziphatha kakubi ngesondo, kanti nabanye basenokukucenga befuna ude uyenze le nto. Yiloo nto kanye efunwa nguSathana. Yintoni enokukunceda unganikezeli? (Funda ama-1 Tesalonika 4:3, 4.) Xa uthandaza, xelela uYehova kanye le ndlela uziva ngayo uze umcele akuqinise. (Mat. 6:13) Ukhumbule nokuba uYehova akafuni ukukugweba kodwa ufuna ukukunceda. (INdu. 103:13, 14) NeLizwi Lakhe lingakunceda. UMelissa, ekuthethwe ngaye kwisiqendu esidlulileyo wayelwisana neengcinga ezimdaka. Uthi: “Ukuze ndinganikezeli, ndancedwa kukufunda iBhayibhile yonke imihla. Yandikhumbuza ukuba ndingokaYehova futhi ndifuna ukumkhonza ubomi bam bonke.”—INdu. 119:9.
11 Sukuzama ukuzilungisa wedwa iingxaki zakho. Xelela abazali bakho. Siyavuma ukuba akukho lula ukuthetha ngezinto ezifana nezi, kodwa kubalulekile ukuyenza le nto. UMelissa uthi: “Ndamcela uYehova andiphe isibindi, ndaza ndathetha notata ngengxaki endandinayo. Emva koko, kwaba ngathi kothulwe umthwalo onzima emagxeni am. Ndandisazi ukuba uYehova unebhongo ngam.”
12. Yintoni onokuyenza ukuze uzenze kakuhle izigqibo?
12 Khokelwa yimigaqo eseBhayibhileni. Njengoko usiya ukhula, kuza kufuneka uzenzele izigqibo. Kodwa akukho nto ingako uyaziyo ebomini. Yintoni onokuyenza ukuze ungenzi impazamo eza kukwahlukanisa noYehova? (IMize. 22:3) Omnye udade onguKari uchaza into eyamnceda wazenza kakuhle izigqibo. Wayesazi ukuba umKristu oqolileyo akufuneki abekelwe imithetho kuyo yonke into ayenzayo. Uthi: “Kwakufuneka ndiqonde indlela acinga ngayo uYehova kunokwazi nje imithetho.” Xa ufunda iBhayibhile zibuze: ‘Ezi vesi zindixelela ntoni ngendlela uYehova acinga ngayo? Ngaba ikhona imigaqo enokundinceda ndizenze kakuhle izinto? Ukuba ikhona, kuza kundinceda njani ukuyenza into eyifundisayo?’ (INdu. 19:7; Isa. 48:17, 18) Xa uyifunda iBhayibhile uze ucingisise ngento oyifundayo, kuza kuba lula ukwenza izigqibo ezifunwa nguYehova. Njengoko usiya uhambela phambili ekukhonzeni uYehova, uza kubona ukuba akufuneki ubekelwe imithetho kuyo yonke into, kuba uza kube uyazi indlela acinga ngayo.
13. Kungakunceda njani ukuba nabahlobo abalungileyo? (IMizekeliso 13:20)
13 Yiba nabahlobo abathanda uYehova. Njengoko sifundile kwisiqendu 7, abahlobo obakhethileyo bangakunceda uhambele phambili ekukhonzeni uYehova. (Funda iMizekeliso 13:20.) Xa lwaluphela uvuyo komnye udade onguSara, kwenzeka into eyamnceda waphinda wavuya. Uthi: “Ndafumana abahlobo abalungileyo kanye ngexesha endandibadinga ngalo. Qho ngeveki ndandisiba kunye nomnye udade osemtsha, silungiselele iMboniselo. Kanti yena omnye umhlobo wam wandinceda ndaqalisa ukuphendula kwiintlanganiso. Aba bahlobo bandinceda ndayibona indlela ekubaluleke ngayo ukufundisisa nokuthandaza. Ndaya ndisiba ngumhlobo kaYehova, lwaza lwabuya novuyo endandinalo.”
14. UJulien wabafumana njani abahlobo abalungileyo?
14 Ungabafumana njani abahlobo abaza kukunceda ungemi ndawonye enkonzweni? UJulien, ngoku ongumdala uthi: “Xa ndandisemtsha ndaba nabahlobo abalungileyo endandihamba nabo intsimini. Babekhuthele, futhi bandinceda ndabona indlela ekumnandi ngayo ukushumayela. Ndazixelela ukuba ndiza kuba kwinkonzo yexesha elizeleyo. Ndasibona isizathu sokuba bangabi baninzi abahlobo abalungileyo endinabo. Kaloku ndandifuna abahlobo abangoontanga bam qha. Ekuhambeni kwexesha, ndaya kukhonza eBheteli ndaza ndafumana abahlobo khona. Indlela ababezenza ngayo izinto yandinceda ndakwazi ukukhetha iindlela ezifanelekileyo zokuzonwabisa, yaza loo nto yandenza ndangumhlobo kaYehova.”
15. UPawulos wamlumkisa wathini uTimoti? (2 Timoti 2:20-22)
15 Uza kuthini xa kukho umntu ebandleni ombonayo ukuba angakwenza uyeke ukuba ngumhlobo kaYehova? UPawulos wayesazi ukuba ngexesha lakhe kwakukho amaKristu awayengacingi okanye enze izinto njengamaKristu, ngoko walumkisa uTimoti ukuba angazidibanisi nawo. (Funda u-2 Timoti 2:20-22.) Kubaluleke kakhulu kuthi ukuba ngabahlobo bakaYehova. Sisebenze nzima ukuze sibe ngabahlobo bakaTata wethu osezulwini, ngoko asinakuba nabahlobo abaza kuyimosha loo nto.—INdu. 26:4.
UKUBA NEZINTO OZIMISELA UKUZENZA KUZA KUKUNCEDA NJANI UNGEMI NDAWONYE?
16. Zeziphi izinto onokuzimisela ukuzenza?
16 Zimisele ukwenza izinto ezibalulekileyo. Khetha ukwenza izinto eziza kuqinisa ukholo lwakho zize zikuncede uhambele phambili ekukhonzeni uYehova. (Efe. 3:16) Ngokomzekelo, unokusebenzela ukuba ukwazi ukuyifunda yonke imihla iBhayibhile, uzifunde qho neencwadi zentlangano. (INdu. 1:2, 3) Okanye usenokuzama ukuthandaza qho ngokusuka entliziyweni. Mhlawumbi kufuneka ujonge indlela ozonwabisa ngayo nendlela olisebenzisa ngayo ixesha. (Efe. 5:15, 16) Uza kuvuya uYehova xa ebona ukuba uzama ngamandla akho onke ukuhambela phambili ekumkhonzeni.
17. Yintoni eza kwenzeka kuwe xa unceda abantu?
17 Enye indlela ebonisa ukuba uhambela phambili ekukhonzeni uYehova, kukunceda abanye abantu. UYesu wathi: “Kuvuyisa kakhulu ukupha kunokuphiwa.” (IZe. 20:35) Uza kuvuya kakhulu xa elinye ixesha onalo ulisebenzisela ukunceda abanye. Ngokomzekelo unokuzimisela ukunceda abantu abakhulileyo nabagulayo abasebandleni lakho. Mhlawumbi ubayele ezivenkileni okanye ubancede bakwazi ukusebenzisa izixhobo zabo ze-elektroniki. Ukuba ungumzalwana, zimisele ukuba sisicaka solungiselelo, ukuze uncede abazalwana noodade. (Fil. 2:4) Kanti nabantu abangengomaNgqina ubonisa ukuba uyabathanda ngokuthi ubaxelele ngeendaba ezilungileyo ezingoBukumkani. (Mat. 9:36, 37) Ukuba kunokwenzeka, zimisele ukuba kwinkonzo yexesha elizeleyo.
18. Ukuba kwinkonzo yexesha elizeleyo kunokukunceda njani uhambele phambili ekukhonzeni uYehova?
18 Ukuba kwinkonzo yexesha elizeleyo kungakuvulela amathuba amaninzi okuhambela phambili ekukhonzeni uYehova. Ukuba unguvulindlela unokukwazi ukuya kwiSikolo Sabavangeli BoBukumkani, ukukhonza eBheteli okanye uncedise xa kusakhiwa izakhiwo zentlangano. Omnye uvulindlela osemtsha, uKaitlyn uthi: “Emva kokuba ndibhaptiziwe, ndiye ndahlala ndisentsimini nabazalwana noodade ekudala bekhonza uYehova. Loo nto indincede ndahlala ndingumhlobo kaYehova. Indlela abazenza ngayo izinto indenze ndayifunda kakhulu iBhayibhile, ndaza ndakwazi ukufundisa kakuhle entsimini.”
19. Zeziphi iintsikelelo oza kuzifumana xa uqhubeka uhambela phambili ekukhonzeni uYehova?
19 UYehova uza kukusikelela njengoko usiya uhambela phambili ekumkhonzeni. Awuzukusebenzisa amandla akho obutsha kwizinto ezingazukukunceda nganto. (1 Yoh. 2:17) Uza kusinda kwintlungu ebangelwa kukwenza izigqibo ezingatshongo khona. Uza kuphumelela uze wonwabe ebomini. (IMize. 16:3) Izinto ezintle ozenzayo, ziza kuwakhuthaza amanye amaKristu, amadala namancinci. (1 Tim. 4:12) Eyona nto ibaluleke ngaphezu kwazo zonke kukuba uza kuba noxolo uze uvuyiswe kukwenza izinto ezithandwa nguYehova nakukuba ngumhlobo wakhe.—IMize. 23:15, 16.
INGOMA 88 Ndazise Iindlela Zakho
a Bonke abantu abakhonza uYehova bayavuya xa ulutsha lubhaptizwa. Kodwa emva kokuba bebhaptiziwe, aba bafundi batsha kufuneka bangemi ndawonye. Eli nqaku liza kusinceda sonke sibone iindlela amaKristu asematsha asand’ ubhaptizwa anokuqhubeka ehambela phambili ngazo ekukhonzeni uYehova.
b Amanye amagama atshintshiwe.