Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 33

UYehova Uhlala Ebagadile Abantu Bakhe

UYehova Uhlala Ebagadile Abantu Bakhe

“Ilihlo likaYehova lihlala libagadile abo bamoyikayo.” —INDU. 33:18.

INGOMA 4 “UYehova Ngumalusi Wam”

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a

1. Kwakutheni ukuze uYesu acele uYehova ukuba agade abalandeli bakhe?

 KUBUSUKU bokugqibela ngaphambi kokuba afe, uYesu wamcela ngokukhethekileyo uYise ukuba agade abalandeli bakhe. (Yoh. 17:15, 20) Inyaniso kukuba, uYehova uhlala ebagadile, oko kukuthi ebahoyile futhi ebakhusela abantu bakhe. Kodwa uYesu wayesazi ukuba abalandeli bakhe babeza kuphathwa kakubi kakhulu nguSathana. Wayesazi nokuba kwakuza kufuneka uYehova abancede ukuze bakwazi ukuxhathisa xa behlaselwa nguMtyholi.

2. INdumiso 33:18-20 ithi kutheni singamele soyike xa sineengxaki?

2 Namhlanje amaKristu aneengxaki ezininzi ezibangelwa leli hlabathi likaSathana. Siba neengxaki ezinokusityhafisa nezinokufuna sibonise ukuba sinyaniseke kangakanani kuYehova. Kodwa njengokuba siza kubona kweli nqaku, akukho nto simele siyoyike. UYehova usigadile, uyazibona iingxaki esinazo, yaye usoloko efuna ukusinceda. Ngoku makhe sithethe ngezinto ezenzeka kubantu ababini ekuthethwa ngabo eBhayibhileni, ezibonisa ukuba uYehova ‘uhlala ebagadile abo bamoyikayo.’—Funda iNdumiso 33:18-20.

XA SIZIVA NGATHI SISODWA

3. Kunini apho sinokuziva ngathi sisodwa?

3 Siyintsapho enkulu yabazalwana noodade, kodwa ngamanye amaxesha sinokuziva ngathi sisodwa. Ngokomzekelo, abantu abasebatsha banokuzibona ngathi babodwa xa betshintshe ibandla, okanye kufuneka becacisele abantwana abafunda nabo ngezinto abazikholelwayo. Abanye bethu basenokukhathazeka okanye batyhafe becinga ukuba akukho mntu unokubanceda kwindlela abaziva ngayo. Sisenokuba madolw’ anzima ukuthetha nabanye ngendlela esiziva ngayo kuba sicinga ukuba basenokungayiqondi into esibaxelela yona. Ngamanye amaxesha sinokude sizibuze ukuba ukhona na umntu osikhathaleleyo. Xa siziva sisodwa, nokuba kungenxa yasiphi isizathu, sinokuziva ngathi akukho yethu size sikhathazeke. UYehova akafuni sizive ngaloo ndlela. Kutheni sisitsho nje?

4. Kwakutheni ukuze umprofeti uEliya athi: “Ndim kuphela oshiyekileyo”?

4 Khawucinge ngendoda eyayithembekile, uEliya. Kwadlula iintsuku eziyi-40 ebalekela ukusindisa ubomi bakhe kuba uIzebhele wayefungile ukuba uza kumcim’ igama. (1 Kum. 19:1-9) Wade wafika emqolombeni, apho wakhala kuYehova esithi: “Ndim kuphela [umprofeti] oshiyekileyo.” (1 Kum. 19:10) Babekhona abanye abaprofeti elizweni kuba uObhadiya wakwazi ukusindisa abaprofeti abayi-100 ababeza kubulawa nguIzebhele. (1 Kum. 18:7, 13) Kwakutheni ke ukuze uEliya azive eyedwa? Ngaba wayecinga ukuba bafe bonke abaprofeti, engazi ukuba bakhona abasindiswe nguObhadiya? Ngaba mhlawumbi wayeziva eyedwa kuba inguye kuphela okhonza uYehova? Kaloku abanye abazange bamkhonze uYehova emva kokuba ezibonakalisile ukuba unguThixo oyinyaniso kwiNtaba YeKarmele. Ngaba mhlawumbi wayecinga ukuba akukho mntu waziyo ukuba iintshaba zakhe zifuna ukumbulala, okanye akukho mntu umkhathaleleyo? IBhayibhile ayiyichazi yonke indlela uEliya awayeziva ngayo. Kodwa eyona nto siqiniseke ngayo kukuba uYehova wayesiqonda isizathu sokuba azive ngolu hlobo, nokuba wayeyazi kakuhle indlela awayeza kumnceda ngayo.

Xa siziva ngathi sisodwa, yintoni ethuthuzelayo esinokuyifunda kwindlela uYehova awamnceda ngayo uEliya? (Jonga isiqendu 5-6)

5. UYehova wamqinisekisa njani uEliya ukuba akekho yedwa?

5 Zininzi iindlela uYehova awamnceda ngazo uEliya. Wamkhuthaza ukuba athethe. Wambuza kabini esithi: “Ubekwa yintoni apha?” (1 Kum. 19:9, 13) Kuwo omabini loo maxesha uYehova wammamela xa wayemxelela into esentliziyweni yakhe. Wamphendula ngokuzibonakalisa ukuba ukunye naye, futhi unamandla kakhulu. Waphinda wamqinisekisa uEliya ukuba ayinguye yedwa omkhonzayo, kusekho namanye amaSirayeli amaninzi amkhonzayo. (1 Kum. 19:11, 12, 18) Ngokuqinisekileyo uEliya wazola emva kokuba exelele uYehova yonke into esentliziyweni yakhe, waza wamva emphendula. UYehova wanika uEliya imisebenzi emininzi ebalulekileyo. Wathi makathambise uHazayeli abe ngukumkani waseSiriya, uYehu abe ngukumkani wakwaSirayeli noElisha abe ngumprofeti. (1 Kum. 19:15, 16) Xa wayemnika le misebenzi, wayemnceda ukuba acinge ngezinto ezintle. Waphinda wamfunela umhlobo onguElisha. Wena, unokwenza ntoni ukuze uYehova akuncede xa uziva ngathi uwedwa?

6. Xa uziva ngathi uwedwa ungathandazela ntoni? (INdumiso 62:8)

6 UYehova uthi thetha naye ngomthandazo. Uyazibona iingxaki onazo futhi uyakuqinisekisa ukuba uza kukumamela nanini na xa uthandaza. (1 Tes. 5:17) Uyakuvuyela ukumamela abakhonzi bakhe. (IMize. 15:8) Yintoni onokuyithandazela xa uziva ngathi uwedwa? NjengoEliya, mxelele yonke into esentliziyweni yakho. (Funda iNdumiso 62:8.) Mxelele izinto ezikukhathazayo nendlela ezikwenza uzive ngayo. Mcele akuncede uyazi into omawuyenze xa uziva ngathi uwedwa okanye ukhathazekile. Ngokomzekelo, xa uziva ngathi uwedwa futhi usoyika ukushumayela esikolweni, mcele akunike isibindi sokuthetha. Unokude umcele akunike ubulumko bokuzicacisa kakuhle izinto ozikholelwayo. (Luka 21:14, 15) Ukuba unengxaki yokusoloko uziva ukhathazekile okanye utyhafile, mcele uYehova akuncede uthethe nomKristu onokholo oluqinileyo ngezo zinto zikukhathazayo. Unokumcela ancede nalo mKristu uza kuthetha naye akumamele kakuhle ukuze ayiqonde indlela oziva ngayo. Mxelele yonke into esentliziyweni yakho, uze ubone indlela aza kukuphendula ngayo. Lwamkele noncedo lwabanye. Ukuba uyayenza loo nto, uza kuyeka ukuziva ngathi uwedwa.

Ngaba usoloko ukhangela ezinye iindlela zokushumayela uze usebenze nabanye? (Jonga isiqendu 7)

7. Ufunda ntoni kwinto ethethwa nguMauricio?

7 Sonke uYehova usinike umsebenzi obalulekileyo. Qiniseka ukuba uyayibona futhi uyayixabisa indlela osebenza ngayo ebandleni nasentsimini. (INdu. 110:3) Ukuhlala uxakeke ngulo msebenzi kungakunceda njani xa uziva ngathi uwedwa? Khawuve into eyathethwa ngomnye umzalwana osemtsha, uMauricio. b Kungadlulanga xesha lide ebhaptiziwe, omnye wabahlobo bakhe awayebathanda kakhulu waya eyishiya kancinci kancinci inyaniso. Uthi: “Ukumbona eshiya uYehova kwandenza andazithemba. Ndazibuza ukuba ndiza kukwazi na ukumkhonza uYehova ndize ndihlale ndikwintsapho yabantu bakhe njengokuba ndandimthembisile. Ndandiziva ngathi ndindodwa, ndicinga nokuba akukho mntu uza kuyiqonda indlela endiziva ngayo.” Yintoni eyanceda uMauricio? Uthi: “Ndashumayela kakhulu. Loo nto yandinceda ndayeka ukucinga ngesiqu sam nangendlela endiziva ngayo. Ndandikuvuyela ukusebenza nabanye entsimini, ndiyekile nokuziva ngathi ndindodwa.” Xa sithetha inyani, nokuba asikwazi ukuya kwindlu ngendlu nabanye abavakalisi, kuyasiqinisa ukushumayela nabo ngokubhala iileta nangefowuni. Yeyiphi enye into eyanceda uMauricio? Uphinda athi: “Ndaxakeka nayimisebenzi yasebandleni. Ndandizilungiselela ngamandla am onke iintetho ukuze ndizinikele kakuhle. Le misebenzi yandenza ndaziva ndixatyiswa nguYehova nangabanye abantu.”

XA SITYHAFISWA ZIINGXAKI EZINGAPHEZU KWAMANDLA ETHU

8. Xa sineengxaki ezingaphezu kwamandla ethu sinokuziva njani?

8 Siyazi ukuba siza kuba neengxaki kule mihla yokugqibela. (2 Tim. 3:1) Kodwa singalindelanga sinokufikelwa ziingxaki esingakhange sizicinge. Isenokuba ziingxaki zemali, ugqirha akuxelele ukuba ugula yinto ebeka ubomi bakho engozini okanye uswelekelwe ngumntu omthandayo. Xa sisehlelwa zezi zinto, sisenokukhathazeka okanye siphelelwe ngamandla, ngokukodwa xa zilandelelana okanye zisenzeka ngexesha elinye. Kodwa ungaze ulibale ukuba uYehova uyazazi iingxaki esinazo futhi uza kusinceda sizinyamezele.

9. Chaza izinto ezehlela uYobhi.

9 Khawucinge ngezinto ezehlela indoda eyayinokholo, uYobhi. Ngexeshana nje elincinci yaba neengxaki ezaziyenza iphelelwe ngamandla. Ngosuku nje olunye yaxelelwa ukuba yonke imfuyo yayo ibiwe okanye ibulewe, abakhonzi bayo nabantwana bayo baswelekile. (Yobhi 1:13-19) Isekuloo ntlungu, yagula sisifo esibuhlungu nesatshintsha indlela eyayijongeka ngayo. (Yobhi 2:7) UYobhi wehlelwa zizinto ezimbi kakhulu kangangokuba wathi: “Ndiyabenyanya ubomi bam; andisafuni kuphila.”—Yobhi 7:16.

Ukuze uYehova aqinisekise uYobhi ukuba uyamthanda futhi umhoyile, wamxelela ngeendlela ezininzi ayihoye ngazo indalo Yakhe (Jonga isiqendu 10)

10. Ziintoni uYehova awazenzayo ukuze ancede uYobhi akwazi ukunyamezela iingxaki awayenazo? (Jonga umfanekiso ongaphandle.)

10 UYehova wayemgadile uYobhi. Ngenxa yokuba wayemthanda, wamenzela izinto awayezidinga ukuze akwazi ukunyamezela iingxaki awayenazo, aze angagungqi ekumkhonzeni. Wathetha noYobhi emkhumbuza ngobulumko Bakhe obungenakulinganiswa nanto nendlela azithanda ngayo izidalwa Zakhe. Wathetha ngezilwanyana ezininzi ezimangalisayo. (Yobhi 38:1, 2; 39:9, 13, 19, 27; 40:15; 41:1, 2) UYehova wasebenzisa nomfana owayethembekile, uElihu, ukuba amomeleze aze amthuthuzele. Lo mfana wamqinisekisa ukuba uYehova uyabasikelela abakhonzi bakhe xa benyamezela. UThixo wamsebenzisa nasekulungiseni indlela awayecinga ngayo uYobhi. UElihu wamnceda uYobhi wayeka ukucinga kakhulu ngesiqu sakhe ngokumkhumbuza ukuba mncinci kakhulu xa ethelekiswa noYehova onguMdali wezinto zonke. (Yobhi 37:14) Abahlobo bakaYobhi babemonile uYehova, ngoko wanika uYobhi umsebenzi wokuba abathandazele. (Yobhi 42:8-10) Thina, uYehova usinceda njani xa sineengxaki ezinzima?

11. Isithuthuzela njani iBhayibhile xa sineengxaki?

11 UYehova akathethi nathi ngqo, njengokuba wenzayo kuYobhi, kodwa uthetha nathi ngeLizwi lakhe iBhayibhile. (Roma 15:4) Usithuthuzela ngokusinika ithemba lezinto aza kusenzela zona. Khawucinge nje ngeevesi ezimbalwa eziseBhayibhileni ezinokusithuthuzela xa sineengxaki. UYehova uyasiqinisekisa ukuba akukho nto, nkqu neengxaki ezinzima, ‘enokumenza angasithandi.’ (Roma 8:38, 39) Usiqinisekisa nangokuba “usondele kubo bonke abo bakhalela kuye” ngomthandazo. (INdu. 145:18) Uthi ukuba simthembile, sinokunyamezela neyiphi na ingxaki esinayo size sonwabe ngoxa sisentlungwini. (1 Kor. 10:13; Yak. 1:2, 12) ILizwi LikaThixo lisixelela nokuba iingxaki esinazo ziyagqitha xa zithelekiswa nobomi obungunaphakade asithembisa bona. (2 Kor. 4:16-18) UYehova usithembisa ukuba uza kubatshabalalisa abantu abenza kubekho ezi ngxaki, uSathana uMtyholi nabo bonke abantu abenza izinto ezimbi njengaye. (INdu. 37:10) Ngaba zikhona iivesi zeBhayibhile ozazi ngentloko eziza kukunceda unyamezele iingxaki ezizayo?

12. Yintoni uYehova alindele ukuba siyenze ukuba sifuna ukuncedwa liLizwi lakhe?

12 UYehova ulindele ukuba sizibekele ixesha lokuyifunda qho iBhayibhile size sicingisise ngezinto esizifundileyo. Xa sizenza izinto esizifundayo, ukholo lwethu luyaqina, nobuhlobo bethu noTata wethu osezulwini buyaqina. Loo nto isenza sikwazi ukunyamezela iingxaki. UYehova ubanika nomoya oyingcwele abantu abalithembayo iLizwi lakhe. Loo moya usinika ‘amandla angaqhelekanga’ ukuze sikwazi ukuzinyamezela iingxaki nokuba zinjani.—2 Kor. 4:7-10.

13. Izinto eziqinisa ukholo ezivela ‘kwikhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ zisinceda njani sinyamezele iingxaki esinazo?

13 Lincedwa nguYehova, ‘ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ lisibhalela amanqaku, lisenzele iividiyo nomculo. Zonke ezi zinto zisinceda sibe nokholo oluqinileyo, size sihlale singabahlobo bakaYehova. (Mat. 24:45) Simele sizisebenzise kakuhle zonke ezi zinto uYehova asinika ngexesha elifanelekileyo. Omnye udade waseUnited States usand’ ukuthi umbulela kakhulu uYehova ngezi zinto ziqinisa ukholo. Uthi: “Kule minyaka iyi-40 ndikhonza uYehova, zininzi izinto ezenzekileyo eziye zafuna ndibonise ukuba luqine kangakanani ukholo lwam.” Uye wehlelwa zizinto ezininzi ezingaphaya kwamandla akhe. Utatomkhulu wakhe wasweleka kwingozi yemoto, xa imoto awayeyiqhuba yatshayiswa ngumntu owayenxilile. Abazali bakhe bagula kakhulu baza basweleka, waza yena wanomhlaza kabini. Wancedwa yintoni ukuze akwazi ukunyamezela? Uthi: “UYehova ebesoloko endikhathalela. Izinto eziqinisa ukholo asinika zona esebenzisa ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi, ziye zandinceda ndakwazi ukunyamezela. Zindenza ndizive njengoYobhi owathi: ‘Andizukuyeka ukuba msulwa de ndife!’”—Yobhi 27:5.

Singabanceda njani abanye ebandleni? (Jonga isiqendu 14)

14. UYehova ubasebenzisa njani abazalwana noodade ukuze basincede xa sineengxaki? (1 Tesalonika 4:9)

14 UYehova ufundise abantu bakhe ukuba bathandane baze bathuthuzelane ngamaxesha anzima. (2 Kor. 1:3, 4; funda ama-1 Tesalonika 4:9.) Abazalwana noodade bafana noElihu, banomdla wokusinceda sihlale sithembekile nokuba sineengxaki. (IZe. 14:22) Ngokomzekelo, khawuve indlela elamnceda ngayo ibandla uDiane owayegulelwa ngumyeni, akayeka ukuba ngumhlobo kaYehova. Uthi: “Kwakunzima nyhani. Kodwa saziva iingalo zikaYehova ezomeleleyo nezinothando ngezo nyanga zazinzima. Ibandla lethu lasinceda kakhulu. Izinto ezazisenziwa ngabazalwana noodade zasinceda sakwazi ukunyamezela. Babesiza kusibona, besifowunela, besiwola nokusiwola. Ekubeni ndingakwazi ukuqhuba, abazalwana noodade babendilanda xa ndikwazi ukuya kwiintlanganiso nasentsimini.” Kusivuyisa kakhulu ukuba nabazalwana noodade abasithandayo.

SIMBULELA KAKHULU UYEHOVA NGOKUBA ESIHOYILE

15. Kutheni siqinisekile ukuba siza kukwazi ukunyamezela iingxaki esinazo?

15 Sonke siza kuba neengxaki, kodwa njengokuba sesifundile, asizujongana nazo sisodwa. Njengotata obathandayo abantwana bakhe, uYehova usoloko esigadile. Usondele kuthi futhi uhlala ezivulile iindlebe zakhe ukuze asive xa sicela asincede. (Isa. 43:2) Siqinisekile ukuba siza kukwazi ukunyamezela iingxaki esinazo kuba usinike zonke izinto esizidingayo ukuze sikwazi ukunyamezela. Usinike isipho esingumthandazo, iBhayibhile, izinto ezininzi eziqinisa ukholo, kunye nabazalwana noodade abasithandayo.

16. Yintoni esinokuyenza ukuze uYehova ahlale esigadile?

16 Simbulela kakhulu uTata wethu osezulwini osigadileyo. “Iintliziyo zethu ziyavuya ngenxa yakhe.” (INdu. 33:21) Indlela esimbulela ngayo sinokuyibonisa ngokuzisebenzisa zonke izinto asenzele zona ukuze asincede. Nathi kukho into esimele siyenze ukuze ahlale esihoyile. Ngamanye amazwi, ukuba siqhubeka sizama kangangoko ukumthobela, size senze izinto azithandayo, uza kuhlala esigadile ngonaphakade.—1 Pet. 3:12.

INGOMA 30 Thixo Wam, Tata Wam, Mhlobo Wam

a Sidinga uncedo lukaYehova ukuze sikwazi ukumelana neengxaki esinazo. Eli nqaku lisenza siqiniseke ukuba uYehova ubagadile abantu bakhe. Uyazibona iingxaki esinazo, ngoko usinika izinto esizidingayo ukuze sikwazi ukumelana nazo.

b Amanye amagama atshintshiwe.