Imibuzo Evela Kubafundi
Inqaku elithi “Malingcwaliswe Igama Lakho” elikwiMboniselo kaJuni 2020 layicacisa njani into esiyikholelwayo ngegama likaYehova nendlela alawula ngayo?
▪ Kwelo nqaku safunda ukuba kukho into ebaluleke kakhulu ebantwini nakwiingelosi, ukungcwaliswa kwegama elikhulu likaYehova. Eyona nto ibalulekileyo ekungcwalisweni kwalo yile: Ngaba indlela alawula ngayo yeyona izodlula zonke okanye akunjalo? Enye into ebaluleke kakhulu kukuba siza kuhlala sithembekile na kuye okanye siza kumshiya.
Kutheni ngoku sibethelela ukuba eyona nto ibaluleke kakhulu ligama likaYehova nokungcwaliswa kwalo? Zithathu izizathu esinazo zokwenza loo nto.
Esokuqala, egadini yase-Eden uSathana wathetha kakubi ngegama likaYehova. Umbuzo awawubuza uEva wawusenza kubonakale ngathi uYehova nguThixo ongenabubele, obabekela imithetho engekho ngqiqweni abantu abalawulayo. Ngaloo ndlela wayegqwetha into eyayithethwe nguThixo, esithi ulixoki. Wathetha kakubi ngegama likaYehova, watsho wabizwa ngokuba ‘nguMtyholi,’ igama elithetha umhlebi. (Yoh. 8:44) UEva wayeka ukumthobela uThixo ngenxa yokuba wakholelwa ubuxoki bukaSathana. Loo nto yayibonisa ukuba wayengasafuni ukulawulwa nguYehova. (Gen. 3:1-6) Nangoku uSathana usathetha kakubi ngegama likaThixo. Usasaza ubuxoki ngohlobo lomntu anguye uYehova. Abantu ababukholelwayo obo buxoki badla ngokungamthobeli uYehova. Ngoko kubantu bakaThixo akukho nto imbi njengokungcoliswa kwegama elingcwele likaYehova. Loo nto iye yabangela iintlungu nobubi obenzekayo emhlabeni.
Esesibini, ukuze kuncedakale indalo yakhe, uYehova uzimisele ukulithethelela igama lakhe kubo bonke ubuxoki obuye bathethwa ngalo. Le yeyona nto ibaluleke ngaphezu kwazo zonke ezinye izinto kuYehova. Yiloo nto esithi: “Ngokuqinisekileyo ndiza kulenza ngcwele igama lam elikhulu.” (Hez. 36:23) NoYesu wayenza yacaca eyona nto ibalulekileyo abamele bayithandazele bonke abakhonzi bakaYehova xa wathi: “Malingcwaliswe igama lakho.” (Mat. 6:9) IBhayibhile isoloko iyibethelela indlela ekubaluleke ngayo ukuzukisa igama likaYehova. Nantsi imizekelo embalwa ebonisa loo nto: “Mnikeni uYehova uzuko olufanele igama lakhe.” (1 Kron. 16:29; INdu. 96:8) “Lidumiseni ngengoma igama lakhe.” (INdu. 66:2) “Ndiza kulizukisa ngonaphakade igama lakho.” (INdu. 86:12) Elinye ixesha awathetha ngalo esezulwini uYehova kuxa uYesu wayesetempileni eYerusalem, apho wayethetha noYehova esithi: “Tata, lizukise igama lakho.” UYehova wamphendula esithi: “Ndilizukisile, ibe ndiza kuphinda ndilizukise.”—Yoh. 12:28. a
Esesithathu, izinto azimisele ukuzenza uYehova zinento yokwenza negama lakhe. Khawucinge ngale nto: Xa kuphela iMinyaka Eyi-1000 Yokulawula KukaKristu nasemva kokuba abantu bevavanywe okukugqibela, yintoni eza kwenzeka? Yintoni eza kube icingwa ziingelosi nabantu ngegama likaYehova? Ukuze sikwazi ukuwuphendula lo mbuzo, masikhumbule ezi zinto zimbini zibaluleke kakhulu,
ukuhlala kwabantu bethembekile nokulawula kukaYehova indalo yonke. Ngelo xesha akuzi kufuneka abantu babonise indlela abathembeke ngayo kuYehova kuba baza kube bengenasono futhi bevavanywe ngokupheleleyo. Baza kube bephila ubomi obungunaphakade. Akuzukufuneka bungqina bokuba indlela alawula ngayo uYehova yeyona izodlula zonke. Ngelo xesha bonke abantu, abasezulwini nabasemhlabeni, baza kube bemanyene, befuna ukulawulwa nguYehova. Ngaba igama likaYehova liza kube liseyeyona nto ibalulekileyo kubantu bakhe?Ngelo xesha, wonke umntu uza kube eyazi inyani ngoYehova, negama lakhe licocwe ngokupheleleyo. Kodwa liza kube liseyeyona nto ibalulekileyo kubo bonke abakhonzi bakhe, abasezulwini nabasemhlabeni. Kutheni sisitsho? Kuba baza kube bebona izinto ezimangalisayo azenzayo uYehova. Kaloku uza kube ‘ezizinto zonke kubantu bonke’ kuba uYesu uza kube ezibuyisele kuye zonke iintambo. (1 Kor. 15:28) Emva koko abantu abasemhlabeni baza kuvuyiswa ‘kukufumana inkululeko ezukileyo’ yabantwana bakaThixo. (Roma 8:21) UYehova uza kube eyenze yonke into ebezimisele ukuyenza: Ukwenza yonke intsapho yakhe esezulwini nesemhlabeni ibe yintsapho enkulu emanyeneyo.—Efe. 1:10.
Emva kokuba zenzekile zonke ezi zinto, iza kwenza ntoni intsapho kaYehova esezulwini nesemhlabeni? Ngokuqinisekileyo siza kube sikufuna nyhani ukuhlala silidumisa igama likaYehova elikhulu. Umdumisi uDavide waphefumlelwa ukuba abhale la mazwi: “Kwanga angadunyiswa uYehova uThixo . . . Kwanga igama lakhe elizukileyo lingadunyiswa ngonaphakade.” (INdu. 72:18, 19) Soze siyeke ukufumana izinto ezintsha nezimangalisayo eziza kusenza siyenze le nto yathethwa nguDavide.
Igama likaYehova lisixelela yonke into ngaye. Kodwa eyona nto liyenzayo kukusikhumbuza ngendlela asithanda ngayo. (1 Yoh. 4:8) Siza kuhlala silikhumbula uthando awalubonisayo xa wayesidala naxa wayencama uNyana wakhe ukuba asifele. Soze siyilibale nento yokuba indlela alawula ngayo yeyobulungisa nothando. Siza kuqhubeka siyibona indlela ayithanda ngayo indalo yakhe. Siza kufuna ukuya sisondela kuTata wethu nokulidumisa ngengoma igama lakhe elizukileyo de kube ngonaphakade.—INdu. 73:28.