INQAKU ELIFUNDWAYO 36
Thwala Izinto Omele Uzithwale, Ezinye Uzilahle
“Masilahle zonke izinto ezisisindayo . . . , yaye masilubaleke sinyamezele ugqatso olubekwe phambi kwethu.”—HEB. 12:1.
INGOMA 33 Lahlela Umthwalo Wakho KuYehova
IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a
1. Ngokutsho kwamaHebhere 12:1, yintoni ekufuneka siyenze ukuze silugqibe ugqatso lobomi?
IBHAYIBHILE ifanisa ubomi bamaKristu nogqatso. Iimbaleki eziye zayokufika entanjeni zifumana ubomi obungunaphakade. (2 Tim. 4:7, 8) Ekubeni sesikufutshane kakhulu ngoku entanjeni, simele sizame ngamandla ethu onke ukungayeki ukubaleka. Umpostile uPawulos, owalubaleka walugqiba olwakhe ugqatso lobomi, wayichaza into eza kusinceda ukuze nathi silugqibe. Wathi ‘masilahle zonke izinto ezisisindayo silubaleke sinyamezele ugqatso olubekwe phambi kwethu.’—Funda amaHebhere 12:1.
2. Kuthetha ukuthini ‘ukulahla zonke izinto ezisisindayo’?
2 Xa uPawulos wathi “masilahle zonke izinto ezisisindayo,” ngaba wayethetha ukuthi akukho mthwalo esimele siwuthwale? Wayengathethi loo nto. Eyona nto wayesithi masiyilahle, yimithwalo engabalulekanga. Le mithwalo inokusiphazamisa, isenze sidinwe. Ukuze sinyamezele, simele sikhawuleze sibone nayiphi na imithwalo engabalulekanga enokusityhafisa size siyilahle. Kodwa ke asifuni ukulahla nemithwalo esimele siyithwale. Ukuba senza loo nto siza kuyeka ukulubaleka olu gqatso. (2 Tim. 2:5) Yeyiphi imithwalo esimele siyithwale?
3. (a) AmaGalati 6:5 athi yintoni esimele siyithwale? (b) Yintoni esiza kuthetha ngayo kweli nqaku? Kuza kusinceda ngantoni ukuthetha ngaloo nto?
3 Funda amaGalati 6:5. UPawulos wayichaza into esimele siyithwale. Wathi: “Mntu ngamnye uza kuthwala owakhe umthwalo.” Apha uPawulos wayethetha ngezinto uThixo alindele ukuba mntu ngamnye azenze nesingenakukwazi ukuzenzelwa ngomnye umntu. Kweli nqaku siza kubona ukuba zeziphi izinto ‘ezingumthwalo wethu’ nokuba sinokuzithwala njani. Siza kuthetha nangemithwalo engabalulekanga ekusenokwenzeka ukuba siyithwele, size sive ukuba sinokuyilahla njani. Xa ngamnye wethu ethwala owakhe umthwalo, alahle ongabalulekanga, uza kutsho akwazi ukulugqiba ugqatso lobomi.
IMITHWALO ESIMELE SIYITHWALE
4. Kutheni isifungo sokuzinikela kuThixo ingengomthwalo osindayo? (Jonga nomfanekiso.)
4 Isifungo esasenzayo xa sasizinikela kuThixo. Xa sasizinikela kuYehova safunga ukuba siza kumkhonza, senze nezinto azithandayo. Simele singayeki ukwenza into esafunga ukuba siza kuyenza. Ukwenza loo nto kubaluleke kakhulu, kodwa ayingomthwalo osindayo. Kaloku uYehova wayesidalele ukuba senze izinto azithandayo. (ISityhi. 4:11) Wasenza sanomnqweno wokumazi nokumkhonza, futhi wasenza ngokomfanekiso wakhe. Yiloo nto sikwazi ukusondela kuye, sivuyiswe nakukwenza izinto azithandayo. (INdu. 40:8) Enye into, xa sisenza izinto ezithandwa nguThixo silandela noNyana wakhe, ‘siyahlaziyeka.’—Mat. 11:28-30.
5. Yintoni enokukunceda uyenze into owafunga ukuba uza kumenzela yona uYehova? (1 Yohane 5:3)
5 Sinokuwuthwala njani lo mthwalo? Zimbini izinto ezinokusinceda. Okokuqala, sukuyeka ukuya umthanda uYehova. Loo nto unokuyenza ngokucingisisa ngazo zonke izinto ezintle akwenzele zona naseza kukusikelela ngazo. Xa usiya umthanda uThixo kuza kuya kusiba lula ukumthobela. (Funda u-1 Yohane 5:3.) Okwesibini, linganisa uYesu. Ukuze akwazi ukwenza izinto ezithandwa nguThixo wamcela ukuba amncede, waza wahlala ecinga ngendlela aza kumsikelela ngayo. (Heb. 5:7; 12:2) NjengoYesu, nawe cela uYehova akuphe amandla, nethemba lobomi obungunaphakade malihlale lithe thaa engqondweni yakho. Xa usiya umthanda uThixo, ulinganise uNyana wakhe, uza kukwazi ukuyenza into owafunga ukuba uza kuyenza xa wawuzinikela kuye.
6. Kutheni kufuneka singazilibali izinto esimele sizenze entsatsheni? (Jonga nomfanekiso.)
6 Izinto esimele sizenze entsatsheni. Kugqatso lobomi esilubalekayo, simele sithande uYehova noYesu ngaphezu kokuba sithanda abantu esizalwa nesizalana nabo. (Mat. 10:37) Kodwa le nto ayithethi kuthi masizilibale izinto esimele sizenze entsatsheni, ngokungathi zizo ebezisenza singamvuyisi uThixo noKristu. Kaloku xa sizenza baza kuvuya. (1 Tim. 5:4, 8) Kanti nathi siza kutsho sivuye kakhulu. UYehova uyazi ukuba ziyonwaba iintsapho xa umyeni nomfazi bethandana futhi behloniphana, abazali bebathanda futhi bebafundisa abantwana babo, nabantwana bebathobela abazali.—Efe. 5:33; 6:1, 4.
7. Unokuyenza njani into uYehova alindele ukuba uyenze entsatsheni yakho?
7 Unokuwuthwala njani lo mthwalo? Nokuba ungumyeni, umfazi okanye umntwana, wathembe amacebiso obulumko aseBhayibhileni. Sukusuka nje wenze into ocinga ukuba ilungile, eyenziwa apho uhlala khona okanye ethethwa ngabantu ekuthiwa bazi yonke into. (IMize. 24:3, 4) Zisebenzise kakuhle iincwadi zethu ezithetha ngeBhayibhile. Kaloku zikucebisa ngendlela onokuyisebenzisa ngayo imigaqo yeZibhalo. Ngokomzekelo, amanqaku athi “Ukunceda Intsapho” athetha ngeendlela zokulungisa iingxaki abanazo abantu abatshatileyo, abazali nabantwana abafikisayo. b Zixelele ukuba wena uza kwenza le nto ithethwa yiBhayibhile, nokuba abanye entsatsheni abayenzi. Xa usenza loo nto, intsapho iza kuncedakala, noYehova akusikelele.—1 Pet. 3:1, 2.
8. Izigqibo esizenzayo zinokusibangela senze ntoni?
8 Imiphumo yezigqibo esizenzayo. UYehova usinike inkululeko yokuzikhethela futhi ufuna sonwabe xa senze izigqibo ezilungileyo. Kodwa akasikhuseli kwimiphumo yezigqibo ezingatshongo khona esizenzileyo. (Gal. 6:7, 8) Ngenxa yaloo nto, asikwazi ukuyibaleka imiphumo yazo neyezinto esiye sazithetha okanye sazenza singacinganga. Kuxhomekeka kuloo nto siyenzileyo, sisenokutyiwa sisazela. Kodwa ukwazi ukuba asinakuyibaleka imiphumo yezigqibo zethu kunokusenza siyokuzixela izono esizenzileyo, silungise iimpazamo zethu size silumkele ukuziphinda. Loo nto inokusinceda sihlale sikugqatso lobomi.
9. Yintoni enokukunceda xa wenze isigqibo esingafanelekanga? (Jonga nomfanekiso.)
9 Sinokuwuthwala njani lo mthwalo? Ukuba wenze isigqibo esingalunganga, yintoni onokuyenza? Khumbula ukuba awunakuyitshintsha into eseyenzekile. Sukuchitha ixesha namandla akho uzama ukuzithethelela okanye utyhola abanye abantu ngempazamo oyenzileyo. Kunokuba wenze loo nto, vuma ukuba uphazamile uze ujongane nemeko okuyo. Ukuba uziva unetyala, zithobe, uthethe noYehova, uvume ukuba unetyala uze umcele akuxolele. (INdu. 25:11; 51:3, 4) Xolisa kubantu obakhathazileyo, ucele nabadala bakuncede ukuba kufuneka loo nto. (Yak. 5:14, 15) Funda kwiimpazamo ozenzileyo uze uzame ukungaphindi uzenze. Xa usenza ezi zinto, unokuqiniseka ukuba uYehova uza kukwenzela inceba aze akunike uncedo oludingayo.—INdu. 103:8-13.
IMITHWALO EKUFUNEKA ‘SIYILAHLE’
10. Kutheni sizithwalisa umthwalo ongeyomfuneko xa sifuna ukwenza izinto ezingaphezu kwamandla ethu? (Galati 6:4)
10 Ukufuna ukwenza izinto ezingaphezu kwamandla ethu. Sinokuzithwalisa umthwalo ongeyomfuneko ukuba sizithelekisa nabanye abantu. (Funda amaGalati 6:4.) Ukuba sihlala sizithelekisa nabanye abantu, sinokubamonela size sikhuphisane nabo. (Gal. 5:26) Xa sizama ukwenza izinto ezenziwa ngabanye ngoxa singenamandla okuzenza, sinokuzenzakalisa. Ukuba “ithemba elibanjezelweyo ligulisa intliziyo,” inoba igula kangakanani ke xa sifuna ukwenza izinto ezingaphezu kwamandla ethu? (IMize. 13:12) Xa sisenza loo nto, sinokuphelelwa ngamandla size singakwazi ukubaleka kakuhle kugqatso lobomi.—IMize. 24:10.
11. Yintoni enokukunceda ungazithwalisi izinto ezingaphezu kwamandla akho?
11 Ungawulahla njani lo mthwalo? Sukufuna ukwenza izinto ezingaphezu kwezo uYehova azilindeleyo kuwe. Akalindelanga ukuba unikele ngento ongenayo. (2 Kor. 8:12) Qiniseka ukuba akakuthelekisi nabanye. (Mat. 25:20-23) Uyakuxabisa ukumkhonza kwakho ngomphefumlo uphela, ukuthembeka kwakho, nokunyamezela kwakho. Thobeka uze uqonde ukuba kukho izinto ongenakukwazi ukuzenza ngenxa yempilo, iminyaka neemeko zakho. Fana noBharzilayi, ungayamkeli eminye imisebenzi ongenakukwazi ukuyenza ngenxa yempilo okanye iminyaka. (2 Sam. 19:35, 36) NjengoMoses, vuma xa uncedwa, kanti xa kufanelekile eminye imisebenzi uyinike abanye. (Eks. 18:21, 22) Xa uthobeke ngolo hlobo, awuzukufuna ukwenza izinto ezingaphezu kwamandla akho nezinokukwenza udinwe kolu gqatso lobomi.
12. Ngaba simele sizibeke ityala ngezigqibo ezingafanelekanga ezenziwa ngabanye? Cacisa.
12 Ukuzibeka ityala ngenxa yezigqibo ezingafanelekanga ezenziwe ngabanye abantu. Asinakubenzela izigqibo abanye; singenako nokusoloko sibakhusela kwimiphumo yezigqibo ezingafanelekanga abazenzayo. Ngokomzekelo, unyana okanye intombi isenokugqiba ekubeni iyeke ukukhonza uYehova. Eso sigqibo sinokubenza babe buhlungu kakhulu abazali. Kodwa xa bezibeka ityala ngesigqibo esingafanelekanga esenziwe ngumntwana wabo, bazithwalisa umthwalo onzima. Lowo ayingomthwalo uYehova alindele ukuba bawuthwale.—Roma 14:12.
13. Yintoni amele ayenze umzali xa umntwana enze isigqibo esingafanelekanga?
13 Ungawulahla njani lo mthwalo? Khumbula ukuba uYehova usinike inkululeko yokuzikhethela xa sisonke. Ufuna umntu ngamnye azenzele isigqibo, azikhethele ukuba ufuna ukumkhonza na. Ukuba ungumzali, khumbula ukuba uYehova akalindelanga ukuba ungazenzi iimpazamo. Eyona nto ayilindeleyo kukuba wenze konke okusemandleni akho. Izigqibo zomntwana wakho azingomthwalo wakho, ngowakhe. (IMize. 20:11) Kodwa usenokuhlala ucinga ngeempazamo ozenzileyo njengomzali. Ukuba kunjalo, xelela uYehova indlela oziva ngayo uze umcele akuxolele. Uyazi ukuba awunakukwazi ukuzitshintsha izinto esezenzekile. Kodwa akalindelanga ukuba umkhusele umntwana wakho kwimiphumo yezigqibo azenzileyo. Mayingaphumi engqondweni yakho into yokuba xa umntwana wakho ezama ukubuyela kuYehova, uza kumamkela ngezandla ezishushu.—Luka 15:18-20.
14. Kutheni ukuhlala siziva sinetyala kungumthwalo esimele siwulahle?
14 Ukuhlala uziva unetyala. Xa sonile, kufanelekile ukuba sizive sinetyala. Kodwa uYehova akafuni sizisole ngokugqithisileyo. Ukuhlala siziva sinetyala ngumthwalo esingafanelanga siwuthwale, ngoko simele siwulahle. Sazi njani xa sizibeka ityala ngokugqithisileyo? Ukuba siye sazixela ngesono esisenzileyo, saguquka, saza sazama ukungasiphindi, sinokumthemba uYehova ukuba usixolele. (IZe. 3:19) Emva kokuba sizenzile ezi zinto, uYehova akafuni sihlale siziva sinetyala. Uyazi ukuba loo nto inokusenzakalisa. (INdu. 31:10) Ukuba buhlungu ngokugqithisileyo kunokusenza singalugqibi ugqatso lobomi.—2 Kor. 2:7.
15. Yintoni enokukunceda xa usoloko uziva unetyala? (1 Yohane 3:19, 20) (Jonga nomfanekiso.)
15 Ungawulahla njani lo mthwalo? Ukuba awuyeki ukuziva unetyala, cinga ngendlela ‘axolela kakhulu’ ngayo uThixo. (INdu. 130:4) Nantsi into ayithembisa abantu abaguquke nyhani: ‘Isono senu andizukusikhumbula.’ (Yer. 31:34) Le nto ithetha ukuba soze aphinde acinge ngento akuxolele kuyo. Ngoko imiphumo yezono ozenzileyo mayingakwenzi ucinge ukuba akakuxolelanga. Sukuzicaphukela naxa kukho imisebenzi ongasayenziyo ebandleni ngenxa yesono osenzileyo. UYehova uyazilibala izono zakho, zilibale ke nawe.—Funda u-1 Yohane 3:19, 20.
BALEKELA UKUWUFUMANA UMVUZO
16. Ekubeni siziimbaleki, yintoni esimele siyiqonde?
16 Njengoko sikugqatso lobomi, simele ‘sibalekele ukufumana umvuzo.’ (1 Kor. 9:24) Sinokukwazi ukuyenza loo nto ukuba siyawuqonda umahluko phakathi kwemithwalo esimele siyithwale naleyo simele siyilahle. Kweli nqaku, sithethe ngezinto nje ezimbalwa esimele sizithwale nesimele sizilahle, kodwa zikhona nezinye. UYesu wathi ‘sinokusindwa kukutya kakhulu nokusela kakhulu nangamaxhala obomi.’ (Luka 21:34) Ezi zibhalo nezinye zinokukunceda uqonde apho umele ulungise khona, njengoko ubaleka kolu gqatso lobomi.
17. Kutheni siqinisekile ukuba siza kuluphumelela ugqatso lobomi?
17 Simele siqiniseke ukuba siza kuluphumelela ugqatso lobomi kuba uYehova uza kusinika amandla esiwadingayo. (Isa. 40:29-31) Ngoko sukutyhafa. Linganisa umpostile uPawulos, owabaleka ngamandla kolu gqatso ukuze afumane umvuzo. (Fil. 3:13, 14) Akakho omnye umntu onokukubalekela kolu gqatso, kodwa uYehova angakunceda uluphumelele. Angakunceda ukwazi ukuthwala imithwalo yakho, uze uyilahle engeyomfuneko. (INdu. 68:19) Angakunceda unyamezele, utsho uphumelele kugqatso lobomi!
INGOMA 65 Qhubela Phambili!
a Eli nqaku liza kusinceda silubaleke ugqatso lobomi. Ekubeni siziimbaleki, ikhona imithwalo ekufuneka siyithwale. Eminye yayo sisifungo esasenzayo sokuzinikela kuThixo, izinto esimele sizenze entsatsheni nemiphumo yezigqibo esizenzayo. Kodwa nayiphi na imithwalo engabalulekanga enokusenza sicothe simele siyilahle. Yeyiphi loo mithwalo? Lo mbuzo uza kuphendulwa kweli nqaku.
b Amanqaku athi “Ukunceda Intsapho” unokuwafumana ku-jw.org/xh. Ngokomzekelo, inqaku elithi “Indlela Yokuhloniphana” nelithi “Ukuba Nombulelo,” enzelwe abantu abatshatileyo; elithi “Ukunceda Abantwana Bayisebenzise Kakuhle Ifowuni” nelithi “Indlela Yokuthetha Nomntwana Wakho Ofikisayo,” enzelwe abazali; kanti elithi “Indlela Yokumelana Nengcinezelo Yoontanga” nelithi “Xa Unesithukuthezi,” enzelwe abantwana abafikisayo.