Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 34

INGOMA 107 Umzekelo KaThixo Wothando

Abadala Balubonisa Njani Uthando Nenceba Kumntu Owonileyo?

Abadala Balubonisa Njani Uthando Nenceba Kumntu Owonileyo?

“Ngobubele bakhe, uThixo uzama ukunceda wena uguquke.” ​—ROMA 2:4.

SIZA KUTHETHA NGANTONI?

Ngendlela abadala abaye bazame ukubanceda ngayo abo baye benza isono esinzulu.

1. Yintoni enokwenzeka emva kokuba umntu enze isono esinzulu?

 KWINQAKU elingaphambi kweli, sifunde ngento umpostile uPawulos awathi mayenziwe xa kwakukho indoda eyenze isono esinzulu eKorinte. Ayizange ifune ukuguquka, kwaza kwafuneka isuswe ebandleni. Kodwa njengokuba ubonisa uMbhalo othathwe kuwo umxholo weli nqaku, abanye abantu abenze isono esinzulu basenokuncedakala, batsho baguquke. (Roma 2:4) Ziintoni abanokuzenza abadala ukuze babancede?

2-3. Yintoni esimele siyenze xa sisazi ukuba kukho umzalwana okanye udade owenze isono esinzulu, ibe kutheni?

2 Ukuze abadala bakwazi ukumnceda, kufuneka baqale bazi ukuba uye wenza isono esinzulu. Ngoko simele senze ntoni xa sisazi ukuba kukho umntu owenze isono esinzulu, esinokumenza asuswe ebandleni? Simele simkhuthaze ukuba athethe nabadala ukuze bamncede.​—Isa. 1:18; IZe. 20:28; 1 Pet. 5:2.

3 Masithi ke loo mntu akafuni ukuthetha nabadala. Xa kunjalo, siza kubaxelela ngokwethu abadala ukuze loo mntu ancedakale. Isizathu sokuba senze loo nto kukuba siyamthanda loo mzalwana okanye loo dade, siyazi nokuba abadala banokumnceda. Kaloku ukuba uyaqhubeka esenza isono, uza kuya ebumosha ubuhlobo bakhe noYehova. Usenokwenza nabantu bathethe kakubi ngebandla. Ngoko kuba sithanda uYehova naloo mntu wonileyo, siye sichazele abadala nangona kungekho lula ukwenza loo nto.​—INdu. 27:14.

ABADALA BAMNCEDA NJANI UMNTU OWENZE ISONO ESINZULU?

4. Abadala baye bazimisele ukwenza ntoni xa bethetha nomntu owenze isono esinzulu?

4 Xa ebandleni kukho umntu owenze isono esinzulu, iqumrhu labadala liye likhethe abadala abathathu abafanelekayo abaza kuba kwikomiti. a La madoda kufuneka athobeke kwaye azivume izinto angakwaziyo ukuzenza. Nangona eza kuzama ukunceda loo mntu aguquke, ayazi ukuba akanakumnyanzela ukuba atshintshe. (Dut. 30:19) Ayaqonda ukuba ayinguye wonke umntu oza kufana noKumkani uDavide, avume xa encedwa. (2 Sam. 12:13) Kaloku abanye basenokungavumi ukulungiswa nguYehova. (Gen. 4:​6-8) Sekunjalo, abadala baza kuzama kangangoko banako ukumnceda loo mntu wonileyo aguquke. Yeyiphi imigaqo abanokucinga ngayo xa bethetha nomntu owenze isono esinzulu?

5. Leliphi icebiso abaye bacinge ngalo abadala xa beza kuthetha nomntu owenze isono esinzulu? (2 Timoti 2:​24-26) (Jonga nomfanekiso.)

5 Abadala bajonga umntu owonileyo njengemvu elahlekileyo, kodwa esathandwayo nguYehova. (Luka 15:​4, 6) Ngoko xa benentlanganiso naye, baye bamphathe ngobubele, naxa bethetha naye ababi krwada. Xa bekule ntlanganiso, abadlulisi njee usana kunina. Kunoko, babonisa iimpawu ezichazwe ku-2 Timoti 2:​24-26. (Mfunde.) Abadala bahlala bezolile futhi benobubele xa bezama ukunceda umntu owonileyo aguquke.

Njengabalusi bakudala, abadala benza yonke into abanokukwazi ukuyenza ukuze bafumane imvu elahlekileyo (Jonga isiqendu 5)


6. Abadala bazilungisa njani iintliziyo zabo ngaphambi kokuba badibane nomntu owenze isono? (Roma 2:4)

6 Abadala baye balungise iintliziyo zabo. Baye bazame ukumphatha ngendlela uYehova ebenokumphatha ngayo loo mntu wonileyo, bekhumbula ukuba uPawulos wathi: “Ngobubele bakhe, uThixo uzama ukunceda wena uguquke.” (Funda amaRoma 2:4.) Abadala bamele bakhumbule ukuba umsebenzi wabo ophambili kukwalusa izimvu bekhokelwa nguKristu. (Isa. 11:​3, 4; Mat. 18:​18-20)) Ngaphambi kokuba idibane nomntu owenze isono esinzulu, ikomiti imele ithandaze, ikhumbula ukuba eyona nto ifuna ukuyenza kukumnceda aguquke. Aba bazalwana baza kuphanda besebenzisa iZibhalo neempapasho zethu, bathandazele nobulumko. Baza kucinga nangezinto abamele bazazi eziye zenzeka ebomini baloo mntu, nekusenokwenzeka ukuba ziye zamenza wacinga ngale ndlela aye wacinga ngayo, waza wona.​—IMize. 20:5.

7-8. Abadala banokuyilinganisa njani indlela anomonde ngayo uYehova xa bethetha nomntu owenze isono esinzulu?

7 Abadala baba nomonde njengoYehova. Baye bacinge ngendlela awayebaphatha ngayo abantu abamonileyo. Ngokomzekelo, uYehova waba nomonde kuKayin, wamlumkisa ngento eyayinokwenzeka ukuba wayengatshintshi, wamthembisa nokuba uza kumsikelela ukuba uyammamela. (Gen. 4:​6, 7) Wathuma umprofeti uNatan ukuba ayokulungisa uDavide. Lo mprofeti wenza umzekelo owamfikelela intliziyo. (2 Sam. 12:​1-7) NakumaSirayeli awayengamameli, uYehova ‘waqhubeka ethumela abaprofeti bakhe ngokuphindaphindiweyo.’ (Yer. 7:​24, 25) Wayengabalindi ukuba baqale baguquke abantu bakhe ngaphambi kokuba abancede, kodwa wayezama ukubanceda ngoku bangekayeki ukona.

8 Abadala baye balinganise uYehova xa bezama ukunceda abo baye benza isono esinzulu. Baye babe ‘nomonde’ kubo, bethobela u-2 Timoti 4:2. Ukuze akwazi ukunceda umntu owonileyo afune ukwenza izinto ezilungileyo, umdala umele ahlale ezolile futhi enomonde. Kaloku ukuba umdala uba nomsindo okanye uyadikwa, loo mntu usenokungazimameli izinto amcebisa zona, okanye angafuni ukuguquka.

9-10. Abadala banokumnceda njani umntu aziqonde izinto ezimenze wona?

9 Abadala baye bazame ukuqonda ukuba yintoni emenze wona. Ngokomzekelo, ngaba lo mKristu uye waphelelwa lukholo kuba engasayifundi yonk’ imihla iBhayibhile okanye engasayi qho entsimini? Ngaba uye wayeka ukuthandaza qho, okanye imithandazo yakhe ibingasasuki entliziyweni? Ngaba uye waqalisa ukunikezela kwiminqweno engafanelekanga? Banjani abantu achitha ixesha nabo neendlela azonwabisa ngazo? Xa zizonke ezi zinto, inoba ziye zayitshitsha njani indlela acinga naziva ngayo? Ngaba uyayiqonda indlela aziva ngayo uTata wakhe, uYehova, ngenxa yezi zinto angakhange azenze kakuhle nangesono asenzileyo?

10 Abadala banokumbuza imibuzo eza kumnceda acinge ngezinto ezimenze waphelelwa lukholo, waza wona. Le nto bayenza ngobubele, baze bakuphephe ukubuza ngezinto ekunganyanzelekanga ukuba bazazi. (IMize. 20:5) Ngendlela awenza ngayo uNatan kuDavide, nabadala basenokwenza imizekelo ukuze bancede loo mntu ayiqonde indlela embi ngayo le nto ayenzileyo. Mhlawumbi kwakwintlanganiso yokuqala usenokuzisola nyhani ngento ayenzileyo, aze aguquke.

11. UYesu wayephatha njani abantu abonileyo?

11 Abadala bazama ukulinganisa uYesu. Emva kokuba uYesu evusiwe, wathi kuSawule waseTarso: “Sawule, Sawule, kutheni unditshutshisa nje?” Ngokubuza lo mbuzo, uYesu wamnceda wabona ukuba yayimbi le nto wayeyenza. (IZe. 9:​3-6) Kanti xa wayethetha ‘ngalaa mfazi unguIzebhele,’ uYesu wathi: “Ndimnikile ixesha [okanye ithuba] lokuba aguquke.”​—ISityhi. 2:​20, 21.

12-13. Abadala banokwenza njani ukuze banike umntu owonileyo ithuba lokuguquka? (Jonga nomfanekiso.)

12 Abadala balinganisa uYesu, ngokungakhawulezi bagqibe ukuba umntu owenze isono esinzulu akazukuguquka. Ngoxa abanye besenokuguquka kwakwintlanganiso yokuqala nekomiti, abanye basenokudinga ixesha. Ngoko abadala basenokugqiba ekubeni abazukudibana naye kube kanye qha umntu owonileyo. Mhlawumbi emva kwentlanganiso yokuqala usenokuqalisa ukucinga ngezinto abadala abamxelele zona. Usenokude azithobe, athandaze, ecela uYehova amxolele. (INdu. 32:5; 38:18) Ngenxa yaloo nto, kwintlanganiso elandelayo usenokufika itshintshile indlela acinga ngayo.

13 Ukuze abadala bakwazi ukunceda umntu owonileyo aguquke, bayamvela baze bamphathe ngobubele. Into abayinqwenelayo nabayithandazelayo kukuba uYehova ayisikelele imizamo yabo yokunceda loo mKristu abuyele ezingqondweni, aze aguquke.​—2 Tim. 2:​25, 26.

Ukuze bamnike ithuba lokuguquka, abadala basenokungadibani naye kube kanye qha umntu owonileyo (Jonga isiqendu 12)


14. Ngubani esimele simbulele xa kukho umntu oguqukileyo, ibe kutheni sisitsho?

14 Ukuba umntu owonileyo uyaguquka, siye sivuye kakhulu! (Luka 15:​7, 10) Kodwa ngubani esimele simbulele ngaloo nto? Ngabadala? Usayikhumbula into eyathethwa nguPawulos ngabantu abonileyo? Wathi “Mhlawumbi uThixo angabanika ithuba lokuba baguquke.” (2 Tim. 2:25) Ngoko ayingobantu, kodwa nguYehova onceda lo mntu wonileyo atshintshe indlela acinga naziva ngayo. UPawulos uyazichaza izinto ezintle eziye zenzeke amva kokuba umntu eguqukile. Loo mntu unokuya eyazi ngendlela echanileyo inyaniso, abuyele ezingqondweni, atsho aphuncule kwimigibe kaSathana.​—2 Tim. 2:26.

15. Yintoni abanokuyenza abadala ukuze baqhubeke bemnceda umntu oguqukileyo?

15 Xa umntu eguqukile, ikomiti iza kulungiselela ukuba aqhubeke etyelelwa, ukuze ancedwe akwazi ukumelana nezilingo aze enze izinto ezilungileyo. (Heb. 12:​12, 13) Kakade ke, abadala abazukuxelela abanye abantu ngesono asenzileyo. Kodwa yintoni ekusenokufuneka liyazi ibandla?

‘MAKALULEKWE PHAMBI KWABANYE’

16. Ku-1 Timoti 5:20 uPawulos wayebhekisela koobani xa esithi ‘abanye’?

16 Funda u-1 Timoti 5:20. UPawulos waxelela uTimoti owayengumdala ukuba ‘makalulekwe phambi kwabanye’ umntu owenze isono. Wayethetha ukuthini? ‘Abanye,’ ekuthethwa ngabo kule vesi, basenokungabhekiseli kulo lonke ibandla. UPawulos wayethetha ngabantu abambalwa ekusenokwenzeka ukuba bayazi ngesono esenziweyo. Mhlawumbi baye bazibonela okanye lo mntu ubaxelele ngento ayenzileyo. Ngoko abadala baza kuthetha nabo bantu bodwa, babaxelele ukuba baye bathetha nalo mntu wonileyo, baza bamlungisa.

17. Xa ibandla lisazi ngesono esinzulu esenziwe ngumKristu okanye kubonakala ukuba ekuhambeni kwexesha liza kusazi, sisaziso esithini esimele senziwe, ibe kutheni?

17 Ngamanye amaxesha, abantu abaninzi ebandleni baye bazi ukuba kukho umntu owenze isono esinzulu, okanye kubonakale ukuba baza kuyazi loo nto. Kule imeko, ‘abanye’ awayethetha ngabo uPawulos babhekisela kwibandla lonke. Ngoko kuza kubakho umdala owenza isaziso esithi loo mzalwana okanye loo dade uye walulekwa yikomiti yabadala. Siza kwenzelwa ntoni eso saziso? UPawulos wathi, “Ukuze [nabanye] boyike ukona.”

18. Baza kwenza njani abadala xa umntwana obhaptiziweyo oneminyaka engaphantsi kweyi-18 esenza isono esinzulu? (Jonga nomfanekiso.)

18 Abadala bamele benze ntoni xa umntwana obhaptiziweyo oneminyaka engaphantsi kweyi-18 esenza isono esinzulu? Iqumrhu labadala liza kulungiselela ukuba abadala ababini bayokuthetha naloo mntwana, ekunye nabazali bakhe abangamaKristu. b Abadala baza kubuza abazali ukuba ziintoni esele bezenzile ukunceda umntwana wabo aguquke. Ukuba lo mntwana uyazithoba, ibe uyabamamela abazali, abo badala babini basenokugqiba ekubeni ibe ngabazali bakhe abaqhubeka bemnceda, ingabikho ikomiti. Kakade uThixo uwunike abazali umsebenzi wokulungisa umntwana ngothando. (Dut. 6:​6, 7; IMize. 6:20; 22:6; Efe. 6:​2-4) Abadala baza kumana bethetha nabazali baloo mntwana ukuze baqiniseke ukuba bayaqhubeka bemnceda. Kodwa kuza kuthiwani ukuba umntwana obhaptiziweyo akaguquki, uqhubeka esona? Ikomiti yabadala iza kudibana naye, ekunye nabazali bakhe abangamaKristu.

Xa umntwana esenza isono esinzulu, abadala baza kudibana naye nabazali bakhe abangamaKristu (Jonga isiqendu 18)


‘UYEHOVA UNOTHANDO NENCEBA’

19. Abadala bangayilinganisa njani indlela uYehova abaphatha ngayo abantu abenze isono?

19 UYehova ulindele ukuba iikomiti zabadala ziligcine licocekile ibandla. (1 Kor. 5:7) Kodwa aba bazalwana bayafuna nokumnceda umntu owonileyo ukuba aguquke. Ngenxa yaloo nto, bahlala benethemba lokuba uza kuncedakala. Kaloku bafuna ukulinganisa indlela “anothando nenceba ngayo” uYehova. (Yak. 5:​11, umbhalo osemazantsi) Umpostile uYohane, owayesele ekhulile, wazibonakalisa ezi mpawu. Wathi: “Bantwana bam abancinci, ndinibhalela ezi zinto ukuze ningoni. Kodwa ke, ukuba kukho kuni oye wona, sinaye umncedi olilungisa, uYesu Kristu, okunye noTata.”​—1 Yoh. 2:1.

20. Siza kuthetha ngantoni kwinqaku elilandelayo?

20 Okubuhlungu kukuba, ngamanye amaxesha umKristu owenze isono uye angafuni ukuguquka, kuze kunyanzeleke ukuba asuswe ebandleni. Baye benze ntoni abadala? Inqaku elilandelayo liza kuthetha ngaloo nto.

INGOMA 103 Abalusi​—Izipho Ezingabantu

a Besikade sisithi aba badala yikomiti egwebayo. Kodwa ekubeni umsebenzi wabo ungekokugweba nje qha, asizukuphinda sibabize ngaloo ndlela. Ngoku, siza kuthi yikomiti yabadala.

b Kuza kwenziwa into efanayo ke naxa umntwana ehlala nomntu onelungelo elisemthethweni lokumnyamekela, okanye omnye umntu omdala onyamekela loo lmntwana.