Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 33

INGOMA 130 Xolela

UYehova Ufuna Ibandla Libaphathe Njani Abantu Abonileyo?

UYehova Ufuna Ibandla Libaphathe Njani Abantu Abonileyo?

“Ukuba kukho kuni oye wona, sinaye umncedi.” ​—1 YOH. 2:1.

SIZA KUTHETHA NGANTONI?

Ngezinto esinokuzifunda kwindlela eyaphathwa ngayo indoda eyayenze isono esinzulu kwibandla laseKorinte.

1. UYehova ubanqwenelela ntoni bonke abantu?

 UYEHOVA wasidala sanenkululeko yokuzikhethela. Qho usenza izigqibo, uyasisebenzisa esi sipho. Esona sigqibo sibalulekileyo anokusenza umntu kukuzinikela kuYehova, abe kwintsapho Yakhe enabantu abamkhonzayo. UYehova unqwenela ukuba wonke umntu enze loo nto. Kutheni? Kaloku uyabathanda abantu, futhi ufuna izinto zibahambele kakuhle. Ufuna babe ngabahlobo bakhe, baze baphile ngonaphakade.​—Dut. 30:​19, 20; Gal. 6:​7, 8.

2. UYehova ufuna benze ntoni abantu abenze isono esinzulu ? (1 Yohane 2:1)

2 Nangona uYehova enqwenela ukuba bonke abantu bazinikele kuye, akanyanzeli mntu ukuba amkhonze. Uvumela mntu ngamnye azigqibele ukuba uza kwenza ntoni. Yintoni emele yenziwe xa umKristu obhaptiziweyo esenza isono esinzulu? Ukuba akaguquki, kufuneka asuswe ebandleni. (1 Kor. 5:13) Sekunjalo, uYehova uye afune nyhani ukuba loo mntu aphinde abuyele kuye. Kaloku esinye sezizathu ezibalulekileyo zokuba anikele ngonyana wakhe, yayikukuze akwazi ukuxolela abantu abaguqukileyo. (Funda u-1 Yohane 2:1.) UThixo wethu onothando uyabacenga abantu abenza izono ezinzulu ukuba baguquke.​—Zek. 1:3; Roma 2:4; Yak. 4:8.

3. Yintoni esiza kuyifunda kweli nqaku?

3 UYehova uyasixelela ukuba uziva njani ngesono nangabantu abenza isono esinzulu. Ufuna nathi sizive njengaye. Kweli nqaku siza kubona ukuba sinokuyenza njani loo nto. Xa ulifunda khawujonge ukuba (1) laye lenza ntoni ibandla laseKorinte xa kwakukho umntu owenze isono esinzulu, (2) uPawulos wathi makwenziwe ntoni emva kokuba eguqukile, nokuba (3) eli bali liseBhayibhileni lisifundisa ukuba uYehova ubajonga njani abantu abenze izono ezinzulu.

KWENZIWA NTONI XA OMNYE UMZALWANA WAYENZE ISONO ESINZULU?

4. Yintoni eyayisenzeka kwibandla laseKorinte? (1 Korinte 5:​1, 2)

4 Funda ama-1 Korinte 5:​1, 2. Kuhambo lwakhe lwesithathu engumthunywa wevangeli, uPawulos weva iindaba ezimbi ngebandla laseKorinte elalisand’ ukumiselwa. Umzalwana okwelo bandla wayelala nomfazi katata wakhe. Yayisothusa nyhani ke le nto kuba le ‘yayiyindlela ezazingenzi ngayo kwaneentlanga.’ Kodwa amaKristu aseKorinte ayenganyamezelanga nje indlela awayeziphethe ngayo lo mzalwana, ayebona kungeyongxaki nokuba aqhubeke esebandleni. Mhlawumbi amanye ayecinga ukuba, kuba uYehova enenceba futhi ebacingela abantu abanesono, ayelinganisa yena ngokumyeka lo mzalwana aqhubeke ekhonza nawo. Kodwa uYehova akafuni abantu bakhe benze izono ezinzulu. Ngokuziphatha ngale ndlela ilihlazo, le ndoda yayisenza abantu abangamkhonziyo uYehova bathethe kakubi ngebandla. Namanye amaKristu aseKorinte ayesenokuziphatha njengayo. UPawulos wathi malenze ntoni ke ibandla?

5. UPawulos wathi malenze ntoni ibandla laseKorinte, ibe wayethetha ukuthini? (1 Korinte 5:13) (Jonga nomfanekiso.)

5 Funda ama-1 Korinte 5:13. UYehova waphefumlela uPawulos ukuba abhalele ibandla laseKorinte ileta, elichazela ukuba umele asuswe loo mntu wayengaguquki. Amanye amaKristu ayemele amphathe njani? UPawulos wathi ayemele ‘ayeke ukuhlobana’ naye. Wayethetha ukuthini? Wacacisa ukuba ayemele ‘angatyi kwaukutya nomntu onjalo.’ (1 Kor. 5:11) Kaloku xa esitya nomntu ayenokuzibhaqa sele encokola naye. Ngoko kucacile ukuba uPawulos wayesithi amaKristu ayemele angachithi xesha nale ndoda. Le nto yayiza kulikhusela ibandla. (1 Kor. 5:​5-7) Nale ndoda yayinokutsho iyiqonde indlela emkhathaze ngayo uYehova, izisole ize iguquke.

UYehova waphefumlela uPawulos ukuba abhalele ibandla laseKorinte ileta, elichazela ukuba imele isuswe ebandleni loo ndoda yayingaguquki (Jonga isiqendu 5)


6. Benza ntoni abadala baseKorinte emva kokufumana ileta kaPawulos? Yenza ntoni yona indoda eyayisona?

6 Emva kokuba ethumele ileta kumaKristu aseKorinte, uPawulos wazibuza ukuba ibandla laliza kwenza ntoni ngezinto awayelibhalele zona. Ekugqibeleni, uTito waxelela uPawulos into eyamvuyisayo. (2 Kor. 7:​6, 7) Abadala baseKorinte babeyenzile into ababeyiyalelwe nguPawulos, bamsusa ebandleni umzalwana owayenze isono esinzulu. Enye into, emva kweenyanga nje ezimbalwa uPawulos ethumele loo leta, le ndoda yayiguqukile kwisono eyayisenza. Indlela ecinga neziphethe ngayo yayiyitshintshile, ithobela imithetho kaYehova. (2 Kor. 7:​8-11) UPawulos wayeza kuthi ibandla malenze ntoni ngoku?

IBANDLA LALIMELE LIYIPHATHE NJANI INDODA EYAYIGUQUKILE?

7. Ukususwa ebandleni kwayinceda njani le ndoda? (2 Korinte 2:​5-8)

7 Funda ama-2 Korinte 2:​5-8. UPawulos wathi: “Ukukhalinyelwa [kwayo] ngabantu abaninzi kwanele.” Ngamanye amazwi, indlela eyayiqeqeshwe ngayo le ndoda yayiyincedile. Njani? Kaloku yaguquka.​—Heb. 12:11.

8. UPawulos waphinda wathi malenze ntoni ibandla?

8 UPawulos wayalela ibandla ukuba libe ‘nobubele, limxolele, limthuthuzele,’ lize ‘limqinisekise ukuba liyamthanda’ lo mzalwana wenze isono. Apha uPawulos wayelindele ukuba amaKristu aseKorinte angapheleli nje ekuyamkeleni le ndoda ebandleni, kodwa wayefuna ayiqinisekise ngezinto awayezithetha nawayezenza ukuba ayixolele futhi ayayithanda. Loo nto yayiza kwenza kucace ukuba ayekuvuyela nyhani ukubuyela kwale ndoda ebandleni.

9. Kutheni kwakusenokuba nzima kwamanye amaKristu ukukhawuleza amxolele lo mKristu wayeguqukile?

9 Ngaba kwakunzima kwamanye amaKristu ukukhawuleza amamkele ebandleni lo mzalwana wayeguqukile? IBhayibhile ayitsho, kodwa kusenokwenzeka. Kaloku ibandla lonke laba sengxakini ngenxa yale nto wayeyenzile, mhlawumbi nabanye ebandleni yabenza baneentloni. Kusenokwenzeka nokuba abanye yayibacaphukisa into yokuba umntu owenze into embi kangaka asuke nje amkelwe ngokungathi akenzanga nto, ngoxa bona besebenze nzima ukuze bahlale beziphethe kakuhle. (Thelekisa uLuka 15:​28-30.) Kutheni kwakubalulekile ukuba ibandla libonise lo mzalwana wayeguqukile ukuba lalimthanda nyhani?

10-11. Yintoni eyayinokwenzeka ukuba abadala babengafuni ukuyixolela le ndoda iguqukileyo?

10 Inoba kwakunokwenzeka ntoni ukuba abadala babengavumi ukuyibusela le ndoda ebandleni, okanye emva kokuba ibuyiselwe abazalwana noodade bangabonisi ukuba bayayithanda? ‘Yayinokukhathazeka kakhulu.’ Yayinokude icinge ukuba soze iphinde ikwazi ukukhonza uYehova. Yayisenokutyhafa, iyeke nokufuna ukusebenzela ukuphinda ibe ngumhlobo Wakhe.

11 Into embi nakakhulu kukuba, ukuba abazalwana noodade basebandleni babengafuni ukuyixolela le ndoda yayiguqukile, uYehova wayenokuyeka ukuba ngumhlobo wabo. Ngoba? Kaloku babeza kuba balinganisa uSathana ongqongqo nongenanceba, kunokulinganisa uYehova osoloko ekulungele ukuxolela abantu abaguqukileyo. USathana wayenokubasebenzisa ukuze ayenze iphelelwe lukholo le ndoda.​—2 Kor. 2:​10, 11; Efe. 4:27.

12. Ibandla lalinokumlinganisa njani uYehova?

12 Ibandla laseKorinte lalinokwenza ntoni ukuze lilinganise uYehova kunokuba lilinganise uSathana? Kwakufuneka libaphathe ngendlela uYehova abaphatha ngayo abantu abaguqukileyo. Khawuve ukuba bathini abanye ababhali beBhayibhile ngoYehova. UDavide wathi uYehova ‘ulungile futhi usoloko efuna ukuxolela.’ (INdu. 86:5) Yena uMika wathi: “Ngubani na uThixo onjengawe, oxolela isiphoso nodlulayo kwisono?” (Mika 7:18) Kanti yena uIsaya wathi: “Umntu ongalunganga makashiye indlela yakhe, nomenzi-bubi makazishiye iingcinga zakhe; makabuyele kuYehova, oza kumenzela inceba, kuThixo wethu, kuba uza kumxolela kakhulu.”​—Isa. 55:7.

13. Kutheni kwakufanelekile ukuyibuyisela ebandleni indoda eyayiguqukile? (Jonga ibhokisi ethi “ Yabuyiselwa Nini Indoda YaseKorinte?”)

13 Ukuze lilinganise uYehova, ibandla laseKorinte lalimele liyamkele le ndoda iguqukileyo lize liyiqinisekise ukuba liyayithanda. Ekubeni uPawulos wayeliyalele ukuba liyamkele le ndoda, ngokwenza loo nto laliza kubonisa ukuba ‘liyazithobela zonke izinto.’ (2 Kor. 2:9) Kwakudlule nje iinyanga ezimbalwa isusiwe, kodwa ingqeqesho eyayiyifumene yayinceda yaguquka. Ngoko sasingekho isizathu esasinokwenza abadala bangakhawulezi bayibuyisele.

SINOKUYILINGANISA NJANI INCEBA NOBULUNGISA BUKAYEHOVA?

14-15. Yintoni esiyifundayo kwinto eyenziwa libandla laseKorinte xa kwakukho indoda eyayenze isono esinzulu? (2 Petros 3:9) (Jonga nomfanekiso.)

14 Into elayenzayo ibandla laseKorinte xa kwakukho indoda eyayenze isono esinzulu yabhalwa eBhayibhileni “ukuze kufundiswe thina.” (Roma 15:4) Kuyo sifunda ukuba uYehova akabavumeli abantu abenza izono ezinzulu ukuba baqhubeke besebandleni. Akavumelani nabantu abacinga ukuba ukumyeka umntu ongaguqukiyo ahlale esebandleni kukumenzela ‘inceba.’ Unayo yona inceba, kodwa kukho iindlela zokuziphatha angasoze azivumele. Akayitshintshi nemithetho yakhe ukuze avuyise abantu. (Yude 4) Kaloku ukuba ebenokwenza loo nto, ebeza kuba akanayo inceba, kuba ibinokulonakalisa ibandla.​—IMize. 13:20; 1 Kor. 15:33.

15 Enye into esiyifundayo apha kukuba uYehova akafuni kubekho mntu utshabalalayo. Ufuna ukubasindisa abantu nanini na kunokwenzeka. Ubenzela inceba abantu abatshintsha indlela abenza nabacinga ngayo, baze bafune ukuphinda babe ngabahlobo bakhe. (Hez. 33:11; funda u-2 Petros 3:9.) Ngoko xa indoda yaseKorinte yaguqukayo, uYehova wasebenzisa uPawulos ukuze acacisele ibandla ukuba limele liyixolele lize liyamkele.

Ibandla lilinganisa uthando nenceba kaYehova xa libamkela ngobubele abo babuyiselweyo (Jonga isiqendu 14-15)


16. Indlela eyaphathwa ngayo indoda yaseKorinte ikwenza uzive njani?

16 Ukuphinda siyihlole into eyayisenzeka kwibandla laseKorinte kusincede sayibona indlela uYehova anothando nanobulungisa ngayo. (INdu. 33:5) Le nto isenza sifune ukudumisa uThixo ngaphezu kokuba sisenza. Kaloku akakho kuthi ongasenziyo isono, futhi sonke siyakudinga ukuxolelwa nguye. Sonke simbulela nyhani uYehova ngedini likaYesu, kuba kungenxa yalo le nto akwaziyo ukusixolela. Kuyathuthuzela futhi kuyakhuthaza ukwazi ukuba uYehova ubathanda nyhani abantu bakhe futhi ufuna bonwabe.

17. Kuza kuphendulwa eyiphi imibuzo kumanqaku alandelayo?

17 Ukuba umntu wenza isono esinzulu kule mihla, abadala banokuyilinganisa njani indlela uYehova akufuna ngayo ukumnceda aguquke? Yintoni elimele liyenze ibandla xa abadala begqiba ekubeni bamsuse umntu ebandleni okanye bambuyisele? Iimpendulo zale mibuzo siza kuzifumana kumanqaku aza kulandela.

INGOMA 109 Masithandane Ngokusuka Entliziyweni