Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 31

INGOMA 12 Thixo Omkhulu, OnguYehova

Wenze Ntoni UYehova Ukuze Ancede Abantu Abanesono?

Wenze Ntoni UYehova Ukuze Ancede Abantu Abanesono?

“UThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe ekuphela kwamzeleyo.”​—YOH. 3:16.

SIZA KUTHETHA NGANTONI?

Ngezinto azenzileyo uYehova ukuze asincede silwe nesono, nangezinto azenzileyo ukuze siphile ngonaphakade, singenaso.

1-2. (a) Yintoni isono, futhi sinokusoyisa njani? (Jonga “Igama Elicacisiweyo.” (b) Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku nakwamanye akule Mboniselo? (Jonga nendawo ethi “Umyalezo Oya Kubafundi,” kwiphepha 32.)

 UYAFUNA ukwazi ukuba uYehova uThixo ukuthanda kangakanani? Kungakunceda ukufunda ngezinto azenzileyo ukuze akusindise esonweni nasekufeni. Isono a lutshaba olukhohlakeleyo, esingenakukwazi ukuloyisa sisodwa. Sonke siyona yonk’ imihla. Sisifa nje kungenxa yesono. (Roma 5:12) Kodwa into evuyisayo kukuba uYehova uthembisa ukuba uza kusisindisa ngokupheleleyo esonweni nasekufeni.

2 Sekuyiminyaka emalunga neyi-6 000 ngoku uYehova enceda abantu balwe nesono. Kutheni esenza loo nto? Kaloku uyasithanda. UYehova wabathanda kwasekudalweni kwabo abantu, ngoko ininzi into ayenzileyo ukuze abancede. Uyazi ukuba isono sibangela ukufa futhi akafuni sife, kodwa ufuna siphile ngonaphakade. (Roma 6:23) Ufuna kwenzeke loo nto ke nakuwe. Kweli nqaku, siza kuphendula le mibuzo mithathu: (1) UYehova ubenze banethemba lantoni abantu abanesono? (2) Ngexesha lokubhalwa kweBhayibhile, abantu abanesono benza ntoni ukuze bavuyise uYehova? (3) Yintoni awayenzayo uYesu ukuze asindise abantu abanesono?

UYEHOVA UBENZE BANETHEMBA LANTONI ABANTU ABANESONO?

3. Yintoni eyabenza bona abazali bethu bokuqala?

3 Xa uYehova wayedala abantu bokuqala, wayefuna bonwabe. Wabanika ikhaya elihle, isipho esingumtshato nomsebenzi owawuza kubavuyisa. Babeza kugcwalisa umhlaba ngabantwana babo, baze bawenze ube yiparadesi wonke njengegadi yase-Eden. Mnye kuphela umthetho awabanika wona. Wabalumkisa esithi ukuba babenokungawuthobeli ngabom loo mthetho, babeza kufa. Siyayazi ke into eyenzekayo. Ingelosi eyayingamthandi uThixo, ingabathandi nabo, yabalingela ukuba bone. Banikezela ke nabo. Kuba babengamthembanga uTata wabo owayebathanda, bamona. Yenzeka nyhani ke nangoku into awayethe iza kwenzeka uYehova. Ukususela ngaloo mini, baqalisa ukwaluphala baza ekugqibeleni bafa.​—Gen. 1:​28, 29; 2:​8, 9, 16-18; 3:​1-6, 17-19, 24; 5:5.

4. Kutheni uYehova esicaphukela isono, aze ancede thina sisondele kuye? (Roma 8:​20, 21)

4 Libuhlungu linjalo eli bali lika-Adam noEva, uYehova waqiniseka ukuba liyabhalwa eBhayibhileni ukuze sifunde kulo. Lisinceda siqonde ukuba kutheni uThixo esicaphukela kangaka isono. Isono siyabumosha ubuhlobo esinabo noTata wethu, size sibangele nokufa. (Isa. 59:2) USathana uyamcaphukela uYehova nabantu, yiloo nto walinga uAdam noEva ukuba bamone futhi usaqubeka ebalinga abantu nanamhlanje. Inoba wayecinga ukuba uphumelele e-Eden. Kodwa into awayengayiqondi yindlela uYehova anothando ngayo. UThixo zange ayitshintshe into awayefuna ukuyenzela abantwana baka-Adam noEva. Kuba ebathanda abantu, wakhawuleza wabanika ithemba. (Funda amaRoma 8:​20, 21.) Wayesazi ukuba kwakuza kubakho abantu ababeza kukhetha ukumthanda nokumthobela. Ekubeni enguTata noMdali wabo, wayeza kwenza indlela yokubakhulula esonweni nasekufeni baze basondele kuye. Wayeza kuyenza njani loo nto?

5. UYehova wabanika nini ithemba abantu? Cacisa. (Genesis 3:15)

5 Funda iGenesis 3:15. UYehova wanika abantu ithemba xa wayechaza into eyayiza kwenzeka kuSathana. UThixo wathi kwakuza kubakho ‘inzala’ eyayiza kusindisa abantu. Ekugqibeleni, le nzala yayiza kumtyumza uSathana, iphelise zonke izinto ezimbi ezenzeka ngenxa yento awayenza e-Eden. (1 Yoh. 3:8) Kodwa ukuze yenzeke loo nto, le nzala kwakuza kufuneka inyamezele iintlungu. USathana wayeza kuyenzakalisa, ize ife. Loo nto yayiza kumenza buhlungu kakhulu uYehova. Kodwa wayeza kuyinyamezela loo ntlungu, kuba ekugqibeleni abantu abaninzi babeza kusinda esonweni nasekufeni.

ABANTU ABANESONO BABESENZA NTONI UKUZE BAVUYISE UYEHOVA?

6. Yintoni eyenziwa ngamadoda awayenokholo, njengoAbheli noNowa, ukuze asondele kuYehova?

6 Kwiminyaka eyalandelayo, uYehova wayenza yacaca kancinci kancinci indlela abantu abanesono ababenokusondela ngayo kuye. Unyana wesibini ka-Adam noEva, uAbheli, waba ngumntu wokuqala ukuba nokholo kuYehova emva kwengxaki eyenzeka e-Eden. Kuba wayemthanda uYehova, efuna ukumvuyisa nokusondela kuye, wenza umnikelo. UAbheli wayengumalusi, ngoko wathatha amanye amatakane eegusha zakhe, wawaxhela, waza wanikela ngawo kuYehova. Ngaba uYehova wawamkela? “Wamthanda uAbheli nomnikelo wakhe.” (Gen. 4:4) UYehova wayeyamkela neminye iminikelo yabantu ababemthanda nababemthemba, njengoNowa. (Gen. 8:​20, 21) Xa wayesamkela loo minikelo, wayebonisa ukuba abantu abanesono bangakwazi ukumvuyisa, baze basondele kuye. b

7. Sifunda ntoni kwinto uAbraham awayezimisele ukuyenza?

7 UYehova wacela indoda eyayinokholo, uAbraham, ukuba yenze into ekwakunzima kakhulu ukuyenza, inikele ngonyana wayo uIsake. Kuzo zonke izinto ekwakufuneke azenze uAbraham, le imele ukuba yeyona yayimkhathaza. Sekunjalo, wamthobela uYehova. Kodwa kwathi xa kanye uAbraham esithi uyambulala unyana wakhe, uYehova wamnqanda. Abantu abanokholo banokufunda le nto ibalulekileyo kulo mzekelo: UYehova usithanda kakhulu thina, kuba yena wayeza kunikela ngoNyana wakhe amthandayo ngenxa yethu.​—Gen. 22:​1-18.

8. Iminikelo emininzi ekwakufuneka ayenze amaSirayeli yayiza kuwanceda alungele ntoni? (Levitikus 4:​27-29; 17:11)

8 Emva kweminyaka emininzi, uMthetho owanikwa amaSirayeli wawufuna enze iminikelo emininzi ukuze izono zawo zixolelwe. (Funda iLevitikus 4:​27-29; 17:11.) Loo minikelo yayiza kuwanceda alungele umnikelo omkhulu, owawuza kubasindisa ngokupheleleyo abantu esonweni. Abaprofeti kwathiwa mabachaze ukuba uNyana kaThixo, owaba yinzala eyayithenjisiwe, wayeza kuphathwa kakubi aze afe. Wayeza kubulawa njengaxa kuxhelwa igusha ekwakuza kunikelwa ngayo. (Isa. 53:​1-12) Khawufan’ ucinge: UYehova wayeza kwenza amalungiselelo okunikela ngoNyana wakhe amthandayo ukuze asindise wena nabanye abantu esonweni nasekufeni.

YINTONI AWAYENZAYO UYESU?

9. Wathini uYohane umBhaptizi ngoYesu? (Hebhere 9:22; 10:​1-4, 12)

9 Ngo-29 C.E., uYohane umBhaptizi wabona uYesu waseNazarete, waza wathi: “Jongani, nantsi iMvana kaThixo esusa isono sehlabathi!” (Yoh. 1:29) La mazwi ayebonisa ukuba uYesu yilaa nzala kwakuthiwe iza kubakho. Wayeza kunikela ngobomi bakhe. Ngoku, yayicace kakhulu kunangaphambili into awayeza kuyenza uThixo ukuze abasindise ngokupheleleyo abantu esonweni nasekufeni.​—Funda amaHebhere 9:22; 10:​1-4, 12.

10. UYesu wabonisa njani ukuba ‘uzokubiza’ aboni?

10 UYesu wabahoya kakhulu abantu ababetyiwa sisazela ngenxa yezinto ababezenzile, waza wathi mababe ngabalandeli bakhe. Wayesazi ukuba iingxaki ababenazo zazibangelwa sisono. Ngoko waye wanceda amadoda namabhinqa awayesaziwa ngokwenza izinto ezimbi. Komnye umzekelo wakhe, wathi: “Abantu abaphile qete abamdingi ugqirha, kodwa udingwa ngabagulayo.” Emva koko wathi: “Andizanga kubiza malungisa, ndizokubiza aboni.” (Mat. 9:​12, 13) UYesu wayesenza kanye loo nto. Waba nobubele kwibhinqa elahlamba iinyawo zakhe ngeenyembezi zalo, waza walixolela. (Luka 7:​37-50) Nangona wayesazi ukuba ibhinqa lomSamariya elalisequleni laliziphethe kakubi, walifundisa iinyaniso ezibalulekileyo. (Yoh. 4:​7, 17-19, 25, 26) UThixo wanika uYesu amandla okuphelisa neyona ntlungu ibangelwa sisono, ukufa. Njani? Wanceda uYesu wavusa amadoda, amabhinqa nabantwana ababeswelekile.​—Mat. 11:5.

11. Yintoni eyayisenza abantu abenza izinto ezimbi bamthande uYesu?

11 Siyazi ngoku ukuba kwakutheni ukuze nabantu ababesenza izinto ezimbi bamthande uYesu. Wayebavela, eyiqonda nendlela ababeziva ngayo. Babengonqeni ukuthetha naye. (Luka 15:​1, 2) NoYesu wabancoma waza wabenzela izinto ezintle ngenxa yokuba benokholo kuye. (Luka 19:​1-10) Wanceda abantu bayibona injengokuba injalo indlela anenceba ngayo uTata wakhe. (Yoh. 14:9) Izinto awayezithetha nawayezenza zazibonisa ukuba uTata wakhe onovelwano nenceba uyabathanda abantu, futhi ufuna ukubanceda bonke basoyise isono. UYesu wanceda abantu ababesenza izinto ezimbi bafuna ukutshintsha baza bangabalandeli bakhe.​—Luka 5:​27, 28.

12. UYesu wathini ngokufa kwakhe?

12 UYesu wayeyazi into eyayiza kwenzeka kuye. Kaloku zange abaxelele kube kanye nje qha abalandeli bakhe ukuba wayeza kujikelwa, aze axhonywe esibondeni. (Mat. 17:22; 20:​18, 19) Wayesazi ukuba ngokufa kwakhe wayeza kususa isono sehlabathi, njengokuba uYohane nabaprofeti babetshilo. UYesu waphinda wathi, emva kokuba enikele ngobomi bakhe wayeza ‘kutsalela kuye zonke iintlobo zabantu.’ (Yoh. 12:32) Abantu abanesono babenokumvuyisa uYehova ngokuvuma ukuba uYesu yiNkosi, baze bazame nokuphila njengaye. Loo nto yayiza kubanceda bade ‘bakhululwe’ esonweni. (Roma 6:​14, 18, 22; Yoh. 8:32) Yiloo nto uYesu waba nesibindi, waza ngokuzithandela wanyamezela ukubulawa kabuhlungu.​—Yoh. 10:​17, 18.

13. UYesu wabulawa njani, ibe ukufa kwakhe kwasifundisa ntoni ngoYehova uThixo? (Jonga nomfanekiso.)

13 UYesu wajikelwa, wabanjwa, wathukwa, kwangcoliswa igama lakhe, wagwetywa, wangcungcuthekiswa nokungcungcuthekiswa. Amajoni amthatha amsa eGolgotha, afika ambethelela esibondeni. Ngoxa uYesu wayenyamezele zonke ezo ntlungu, yena uYehova uThixo wayebuhlungu nakakhulu. Amandla anawo akanakulinganiswa nanto, kodwa ngala mini wazibamba, akamnceda uYesu. Yintoni eyayinokwenza uTata onothando angangeneleli? Ikwaluthando. UYesu wathi: “UThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe ekuphela kwamzeleyo, ukuze wonke umntu ozikholelwayo izinto azifundisayo aze azenze, angatshabalali, kodwa afumane ubomi obungunaphakade.”​—Yoh. 3:16.

Ngokuvumela uNyana wakhe abulawe, uYehova wanyamezela intlungu engathethekiyo ukuze asikhulule esonweni nasekufeni (Jonga isiqendu 13)


14. Into yokuba uYesu akufele ikufundisa ntoni?

14 Ukufa kukaYesu yeyona ndlela uYehova abonisa ngayo ukuba uyabathanda abantwana baka-Adam noEva. Kukwabonisa nendlela akuthanda ngayo nawe uYehova. Wancama oyena mntu wayebalulekile kuye, wanyamezela nentlungu engathethekiyo, ukuze asindise wena esonweni nasekufeni. (1 Yoh. 4:​9, 10) Ufuna ukunceda ngamnye kuthi akwazi ukulwa nesono, aze asoyise.

15. Yintoni esimele siyenze ukuze kusincede ukufa kukaYesu?

15 Ngokuvuma ukuba uNyana wakhe asifele, uThixo usinike ithuba lokuxolelwa izono. Kodwa kufuneka kubekho into esiyenzayo nathi ukuze asixolele. Yintoni leyo? UYohane umBhaptizi noYesu bayichaza kakuhle xa babesithi: “Guqukani, kuba sele buza kufika uBukumkani bamazulu.” (Mat. 3:​1, 2; 4:17) Ngoko ukuze silwe nesono, size sisondele kuTata wethu osithandayo, kubalulekile ukuguquka. Kodwa kuthetha ukuthini ukuguquka? Kusinceda njani simvuyise uYehova nangona sinesono? Le mibuzo iza kuphendulwa kwinqaku elilandelayo.

INGOMA 18 Siyabulela Ngentlawulelo

a IGAMA ELICACISIWEYO: EBhayibhileni, igama elithi “isono” linokuthetha ukwenza into uYehova athi ayilunganga, okanye ukungayenzi athi ilungile. Kodwa eli gama lisenokubhekisela nasekungafezekini, okanye esonweni esasifumana kuAdam. Kungenxa yeso sono ke le nto sonke sisifa.

b Ngaphambi kwexesha lamaKristu, uYehova wayeyamkela iminikelo yabantu ababethembekile kuye, kuba wayesazi ukuba uYesu Kristu wayeza kwenza umnikelo owawuza kubakhulula ngokupheleleyo esonweni nasekufeni.​—Roma 3:25.