IMBONISELO—EFUNDWAYO Aprili 2018

Le magazini inamanqaku aza kufundwa ngoJuni 4 ukuya kuJulayi 8, 2018.

Indlela Yokufumana Inkululeko Yenene

Abanye abantu abafuni kucinezelwa, ukucalulwa nokuba ngamahlwempu, kanti abanye bona bafuna inkululeko yokuthetha, yokukhetha neyokuzenzela izigqibo, ibe abacengi mntu. Ngaba banokuyifumana inkululeko yenene?

Khonza UYehova, UThixo Wenkululeko

Umoya kaYehova usikhulule njani? Ibe singenza njani ukuze singayisebenzisi kakubi inkululeko esiyinikwe nguThixo?

Bazalwana Abamiselweyo​—⁠Fundani KuTimoti

Kubonakala ukuba uTimoti wayengazithembanga xa waqalisa ukusebenza nompostile uPawulos. Yintoni enokufundwa ngabadala nazizicaka zolungiselelo kumzekelo kaTimoti?

Xelisa UYehova​​—⁠UThixo Okhuthazayo

Abantu bakaYehova bebesoloko bekufuna ukukhuthazwa.

Masikhuthazane ‘Nangakumbi’

Njengokuba isondele imini kaYehova, kufuneka sibahoye abazalwana bethu ukuze sibomeleze nanini na bedinga uncedo.

Lutsha, Ningatshintshi Kwizinto Enizimisele Ukuzenzela UYehova!

Ulutsha lungaxakwa ukuba luthini xa kuvela amathuba okanye kufuneka lwenze izigqibo. Lungakhetha njani ngobulumko xa lucinga ngekamva?

Imibuzo Evela Kubafundi

Kutheni ungavumelekanga ukuba ufake iincwadi zamaNgqina kwiwebhsayithi yakho okanye kumajelo okuncokola kwi-intanethi?

Imibuzo Evela Kubafundi

Lucaciswa njani utshintsho olwenziwe kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha yesiNgesi entsha kwiNdumiso 144?