Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Kwi-“Nguqulelo Yehlabathi Elitshaka-2013 yesiNgesi, iNdumiso 144:12-15 ithetha ngabantu bakaThixo. Kodwa ngaphambi kokuba ihlaziywe, ibibhekiswa kubantu basemzini ababi, ekuthethwe ngabo kwivesi 11. Itshintshelwe ntoni?

Isigama sesiHebhere siyasivumela ukuba siyibhale ngazo zombini ezo ndlela le vesi. Nakuba kunjalo, isigama sayo siye satshintshwa ngenxa yezi zizathu:

  1. Indlela ebhalwe ngayo ngoku ihambisana nesigama negrama. Indlela iNdumiso 144:12-15 edibana ngayo neevesi ezingaphambi kwayo ixhomekeke kwigama lokuqala elikwivesi 12, elinguasher ngesiHebhere. Uasher unokuguqulelwa ngeendlela ezininzi. Ngokomzekelo, usenokuba sisimela-bizo esibhekisela emntwini. Yiloo nto ngaphambi kokuba ihlaziywe yayiguqulelwe yathi “abathi.” Ngoko, izinto ezintle ekuthethwa ngazo kwivesi 12 ukuya ku-14 yayingathi ziza kufunyanwa ngabantu ababi ekuthethwe ngabo kwivesi engaphambi kwazo. Kodwa ke, uasher usenokuthetha imiphumo, ibe unokuguqulelwa kuthiwe “iye,” “ukuze” okanye “ngoko.” Inguqulelo ka-2013 yesiNgesi nezinye iinguqulelo zeBhayibhile zisebenzise u-“ngoko” kule vesi.

  2. Indlela ebhalwe ngayo ngoku ihambisana kakuhle nale ndumiso yonke. U-“ngoko” osetyenziswe kwivesi 12 uthetha ukuba iintsikelelo ekuthethwa ngazo kwivesi 12 ukuya ku-14 zifunyanwa ngamalungisa acela ukukhululwa ‘nokuhlangulwa kubantu ababi’ (kwivesi 11). Le ndlela ibhalwe ngayo ngoku ichaphazela novesi 15, yenza ukuba igama elithi “banoyolo” elivela kabini kule vesi libhekisele kubantu abanye. Ngenxa yoko, igama elithi banoyolo libhekisela kwabo ‘baThixo wabo unguYehova!’ Enye into, ukhumbule ukuba isiHebhere sasingenazo iziphumlisi, ezinjengeempawu zocaphulo. Ngoko ukuze abaguquleli basichane, kufuneka bacinge ngendlela yokubhala yesiHebhere ebumbongo, bazi umongo nezinye iivesi ezithetha kwangaloo nto.

  3. Indlela ebhalwe ngayo ngoku ivisisana nezinye iivesi ezithembisa abantu bakaThixo abathembekileyo ngeentsikelelo abaza kuzifumana kuye. Ngenxa yendlela entsha aguqulelwe ngayo uasher, le ndumiso ilibonisa kakuhle ithemba uDavide awayenalo, lokuba emva kokuba uThixo esindise uhlanga lwamaSirayeli kwiintshaba zalo, wayeza kulusikelela ngolonwabo nempumelelo. (Lev. 26:9, 10; Dut. 7:13; INdu. 128:1-6) Ngokomzekelo, iDuteronomi 28:4 ithi: “Sisikelelwe isiqhamo sesisu sakho nesiqhamo somhlaba wakho nesiqhamo semfuyo yakho, amathole eenkomo zakho nenzala yomhlambi wakho.” Nyhani ke, xa kwakulawula unyana wakhe, uSolomon, olo hlanga lwalonwabile yaye luphumelele ngendlela engazange yabonwa ngaphambili. Ukongezelela, ezinye zezinto ezenzeka xa kwakulawula uSolomon zibonisa eziza kwenzeka xa kulawula uMesiya.—1 Kum. 4:20, 21; INdu. 72:1-20.

Xa siqukumbela, le ndlela intsha ibhalwe ngayo iNdumiso 144 ayiyitshintshi indlela esiziqonda ngayo iimfundiso zeBhayibhile. Kodwa ke, yenza le ndumiso ilibonise kakuhle ithemba abanalo abakhonzi bakaYehova lokuba, uThixo uza kubatshabalalisa abantu ababi aze amalungisa onwabe kwaye aphumelele.—INdu. 37:10, 11.