Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Indlela Yokufumana Inkululeko Yenene

Indlela Yokufumana Inkululeko Yenene

“Ukuba uNyana uyanikhulula, okunene niya kukhululeka.”​—YOH. 8:36.

IINGOMA: 65, 52

1, 2. (a) Yintoni ebonisa ukuba abantu bayasokola ukufumana inkululeko? (b) Iye yaba yintoni imiphumo yokuzama ukufumana inkululeko?

KULE mihla, wonke umntu uthetha ngokulingana, ngamalungelo nangenkululeko. Abantu kuwo wonke umhlaba abafuni kucinezelwa, ukucalulwa nokuba ngamahlwempu. Abanye abantu bafuna inkululeko yokuthetha, yokukhetha nokuzenzela izigqibo, ibe abacengi mntu. Kubonakala ngathi wonke umntu ufuna ukwenza unothanda okanye ukuphila ngendlela ayifunayo.

2 Kodwa indlela abayifuna ngayo inkululeko ayiyo. Abanye baye baqhankqalaze, batoyitoye, de bangene kumzabalazo besilwela amalungelo entlalo nawepolitiki. Kodwa ngaba ezo zinto ziyanceda? Hayi, kunoko zisuke zibe nemiphumo emibi, kufe nabantu. Yonke le nto ibonisa ukuba uKumkani uSolomon wayenyanisile xa wathi: “Ngexesha athi umntu alawule umntu iba kukwenzakala kwakhe.”—INtshu. 8:9.

3. Kufuneka senze ntoni ukuze sonwabe size saneliseke?

3 Umfundi kaKristu uYakobi wayichaza into enokwenza abantu bonwabe baze baneliseke nyhani. Wathi: “Umntu oqondela kumthetho ogqibeleleyo wenkululeko, nalowo uzingisayo kuwo, . . . uya kuba noyolo ekuwenzeni kwakhe.” (Yak. 1:25) UYehova, obeke lo mthetho ugqibeleleyo, uyazi kakuhle into abantu abayidingayo ukuze bonwabe baze baneliseke nyhani. Abantu bokuqala wabanika yonke into ababeyidinga ukuze bonwabe, nenkululeko leyo.

BABEKHE BAKHULULEKA NYHANI ABANTU

4. Babekhululeke kangakanani uAdam noEva? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

4 Xa sifunda izahluko ezibini zokuqala zeGenesis, kulula ukubona ukuba uAdam noEva babenayo le nkululeko abantu namhlanje abayinqwenelayo. Babengadingi zinto, bengoyiki nto, kungekho mntu ubacinezelayo. Babengenaxhala lakutya, lamsebenzi, lakugula nelokufa. (Gen. 1:27-29; 2:8, 9, 15) Kodwa ngaba loo nto yayithetha ukuba bangenza unothanda? Makhe sibone.

5. Yintoni efunekayo ukuze abantu bakhululeke?

5 Abantu abaninzi namhlanje bacinga ukuba, ukuze umntu abe ukhululeke nyhani kufuneka akwazi ukwenza nantoni na afuna ukuyenza, enoba iza kuba njani imiphumo. IThe World Book Encyclopedia ichaza inkululeko “njengokukwazi ukukhetha, uze uyenze loo nto uyikhethileyo.” Kodwa yongeza ithi: “Ngokomthetho, abantu bakhululeka xa bebekelwa imiqathango engacinezeliyo, eyimfuneko, nabaza kukwazi ukuyithobela.” Le nto ibonisa ukuba imiqathango iyafuneka ukuze loo nkululeko incede wonke umntu. Umbuzo ngulo ke ngoku: Ngubani onelungelo lokugqiba ukuba yeyiphi imiqathango engacinezeliyo, eyimfuneko, nabaza kukwazi ukuyithobela abantu?

6. (a) Kutheni inguYehova uThixo yedwa onenkululeko epheleleyo? (b) Injani inkululeko abantu abanayo, ibe kutheni?

6 Into ebalulekileyo esimele singayilibali kukuba nguYehova uThixo yedwa onenkululeko epheleleyo nengenamiqathango. Kutheni kunjalo nje? Kuba nguye uMdali wazo zonke izinto. (1 Tim. 1:17; ISityhi. 4:11) Usawakhumbula amazwi amnandi uKumkani uDavide awasichaza ngawo isikhundla esikhethekileyo nesiphakamileyo sikaYehova yedwa? (Funda eyoku-1 yeziKronike 29:11, 12.) Ngokwahlukileyo koko, zonke izidalwa zasezulwini nezasemhlabeni zona zinenkululeko elinganiselweyo. Kufuneka ziyiqonde into yokuba nguYehova uThixo onelungelo lokugqiba ukuba yintoni engacinezeliyo, eyimfuneko, nabaza kukwazi ukuyithobela abantu. Yiloo nto kanye uYehova uThixo awayenzayo kubantu bokuqala.

7. Zeziphi ezinye izinto esizenza singacinganga kodwa zisenze sonwabe?

7 Nangona uAdam noEva babekhululekile ukwenza izinto ezininzi, babenayo imiqathango abayibekelweyo. Eminye yayo babeyithobela ngokuzenzekelayo. Ngokomzekelo, babesazi ukuba ukuze baqhubeke bephila kwakufuneka baphefumle, batye, balale, njalo njalo. Ngaba babenokuthi abanankululeko kuba kufuneka benze ezo zinto? Hayi, kuba uYehova waqiniseka ukuba kumnandi yaye kuyanelisa ukwenza ezo zinto. (INdu. 104:14, 15; INtshu. 3:12, 13) Ngubani ongakuthandiyo ukusezela umoya otsho kamnandi, ukutya ukutya akuthandayo, ukulala kamnandi okosana? Nangona sinyanzelekile ukuba sizenze ezi zinto, asiziva sibekelwe imiqathango okanye sithwaliswe umthwalo. Asithandabuzi ukuba kwakunjalo nakuAdam noEva.

8. UYehova wabayalela ukuba benze ntoni uAdam noEva, ibe yayiyintoni injongo?

8 UYehova wayalela uAdam noEva ukuba bazalise umhlaba ngabantwana babo baze bawunyamekele. (Gen. 1:28) Ngaba lo myalelo wabahlutha inkululeko? Tu kaloku! Wawunceda abantu ukuba benze injongo yoMdali wabo, ekukwenza umhlaba wonke ube yiparadesi ehlala abantu abafezekileyo ngonaphakade. (Isa. 45:18) Namhlanje, xa umntu ekhetha ukungatshati, okanye atshate kodwa angabi nabantwana, akaphuli mthetho kaThixo. Kanti abaninzi bona bakhetha ukutshata nokuba nabantwana nangona kungasoloko kulula. (1 Kor. 7:36-38) Ngoba? Kuba kaloku, ngokuqhelekileyo, abantu baye bonwabe baze baneliseke xa betshatile okanye benabantwana. (INdu. 127:3) Ukuhlala kuka-Adam noEva nabantwana babo njengentsapho ngekwakubonwabise ngonaphakade.

INDLELA EYAPHELA NGAYO INKULULEKO

9. Kutheni umyalelo kaThixo okwiGenesis 2:17 wawungabacinezeli, uyimfuneko okanye benokukwazi ukuwuthobela?

9 UYehova waphinda wabanika omnye umyalelo uAdam noEva, wabachazela nesohlwayo ababeza kusifumana xa bewaphule, wathi: “Wona umthi wokwazi okulungileyo nokubi uze ungadli kuwo, kuba mhla uthe wadla kuwo uya kufa ngokuqinisekileyo.” (Gen. 2:17) Ngaba lo myalelo wawubacinezela, ungeyomfuneko okanye bengenakukwazi ukuwuthobela? Ngaba wabahlutha inkululeko? Hayi. Kaloku, abaphengululi beBhayibhile abaninzi baye bachaza indlela onengqondo novakala ngayo lo myalelo. Ngokomzekelo, omnye umphengululi uthi: “Umyalelo kaThixo [okwiGenesis 2:16, 17] unokuqondwa njengothetha ukuba nguThixo yedwa oyaziyo into ebalungeleyo . . . abantu ibe nguye yedwa oyaziyo into engabalungelanga . . . abantu. Ukuze bafumane izinto ‘ezibalungeleyo,’ kufuneka bamthembe yaye bamthobele uThixo. Ukuba abamthobeli, baza kuzibonela ukuba yintoni elungileyo . . . nengalunganga.” Soze bakwazi ukuyenza kakuhle le nto abantu.

Into abakhetha ukuyenza uAdam noEva yaba nemiphumo emibi (Jonga isiqendu 9-12)

10. Kutheni singafanele sibhidanise inkululeko yokuzikhethela nelungelo lokugqiba ukuba yintoni elungileyo nengalunganga?

10 Abanye abantu xa befunda umyalelo kaYehova awawunika uAdam bathi uAdam wavinjwa inkululeko yokwenza into ayithandayo. Babhidanisa ukusebenzisa inkululeko yokuzikhethela nelungelo lokugqiba ukuba yintoni elungileyo nengalunganga. UAdam noEva babenenkululeko yokukhetha ukumthobela okanye ukungamthobeli uThixo. Kodwa ke, nguYehova yedwa onelungelo lokugqiba ukuba yintoni elungileyo nengalunganga, ibe ‘umthi wokwazi okulungileyo nokubi’ owawuse-Eden wawumela loo nto. (Gen. 2:9) Simele siyamkele into yokuba asisoloko siyazi ukuba iza kuba njani imiphumo yezinto esizikhethayo; asikwazi ukuqiniseka ukuba iza kusoloko imihle. Yiloo nto sisoloko sibona abantu besenza izigqibo benenjongo ezintle, suke imiphumo ibe yintlungu yodwa. (IMize. 14:12) Ukungakwazi kwabantu ukwenza ezinye izinto kunendima enkulu kuloo nto. Ngokubanika umyalelo wakhe, uYehova wayebonisa uAdam noEva indlela yokusebenzisa inkululeko yenene. Kutheni sisitsho nje, ibe uAdam noEva benza ntoni bona?

11, 12. Kutheni into abakhetha ukuyenza uAdam noEva yaba nemiphumo emibi? Zekelisa.

11 Njengoko sisazi, uAdam noEva bakhetha ukungamthobeli uYehova. UEva waqhatheka ngamazwi kaSathana athi, “aya kuvuleka amehlo enu nize nibe njengoThixo, nazi okulungileyo nokubi.” (Gen. 3:5) Ngaba bade bayifumana ke loo nkululeko? Okubuhlungu kukuba, abazange bayifumane. Isigqibo sabo asizange sibanike le nto uSathana wayethe baza kuyifumana. Bafumanisa ukuba ukungammameli uYehova nokwenza unothanda kwakunemiphumo ebuhlungu. (Gen. 3:16-19) Ngoba? Kungenxa yokuba uYehova akazange abanike abantu ilungelo lokuzigqibela ngento elungileyo nengalunganga.—Funda iMizekeliso 20:24; noYeremiya 10:23.

12 Le nto inokufaniswa nomqhubi wenqwelo-moya. Ukuze ifike apho iya khona kufuneka alandele imiyalelo yendlela amele ahambe ngayo. Iinqwelo-moya zangoku zinezixhobo ezenza umqhubi akwazi ukubona indlela, nokuthetha nabantu abamchazela indlela amele ahambe kuyo ukuze ifike apho iya khona. Kodwa ke, ukuba umqhubi ukhetha ukungayimameli loo miyalelo, aze ahambe ngendlela efunwa nguye, isenokuba mibi imiphumo. UAdam noEva bakhetha ukwenza ngendlela yabo. Abazange bayithobele imiyalelo uThixo awabanika yona. Yaba yintoni imiphumo? Babangela kubekho isono nokufa kubo nakwinzala yabo. (Roma 5:12) Balahlekelwa yinkululeko yenene ababeyinikiwe ngenxa yokufuna ukuzilawula.

INDLELA YOKUFUMANA INKULULEKO YENENE

13, 14. Sinokuyifumana njani inkululeko yenene?

13 Abanye abantu bacinga ukuba okukhona benenkululeko kokukhona beza konwaba, kodwa inyaniso kukuba inkululeko engenamiqathango ineengxaki. Inkululeko inazo izinto ezintle kuyo; kodwa, ngaba wakhe wayicinga into yokuba ngekunjani kweli hlabathi ukuba ibingekho imiqathango? Ngenxa yeso sizathu, iThe World Book Encyclopedia ibonisa ukuba, xa abantu behlala kunye baye babe nemithetho ebanika inkululeko kodwa kwangaxeshanye ibeke imiqathango. Ayilulanga le nto. Cinga nje ngemiqulu emininzi yemithetho ebhalwe ngabantu, nangamagqwetha neejaji ezininzi eziye zifuneke ukuze icaciswe kwaye kuchazwe indlela esebenza ngayo.

14 Kwelinye icala uYesu wabonisa indlela elula yokufumana inkululeko yenene. Wathi: “Ukuba nithe nahlala kulo izwi lam, ngokwenene ningabafundi bam, niya kuyazi inyaniso, yaye inyaniso iya kunikhulula.” (Yoh. 8:31, 32) Wachaza izinto ezimbini ekufuneka umntu azenze ukuze afumane inkululeko yenene: Eyokuqala, kukwamkela izinto awazifundisayo, ize eyesibini ibe kukuba ngumfundi wakhe. Umntu owenza ezo zinto uza kufumana inkululeko yenene. Uza kukhululeka kwintoni? UYesu ucacisa athi: “Wonke umenzi wesono ulikhoboka lesono. . . . Ukuba uNyana uyanikhulula, okunene niya kukhululeka.”—Yoh. 8:34, 36.

15. Kutheni inkululeko eyathenjiswa nguYesu iyeyenene?

15 Kucacile ukuba, inkululeko uYesu awayithembisa abafundi bakhe ibhetele kakhulu kunenkululeko yezentlalo neyepolitiki ekhalelwa ngabantu kule mihla. Xa uYesu wathi: “Ukuba uNyana uyanikhulula, okunene niya kukhululeka,” wayethetha ngokukhululeka kweyona nto yakha yacinezela abantu, ukuba ‘likhoboka lesono.’ Isono asisibangeli ukuba senze nje izinto ezimbi, kodwa sisibangela singazenzi izinto esaziyo ukuba zilungile nesaziyo ukuba singakwazi ukuzenza. Ngaloo ndlela singamakhoboka esono, ibe imiphumo kukuphoxeka, intlungu nokufa. (Roma 6:23) Umpostile uPawulos wayiva kuye le ntlungu. (Funda amaRoma 7:21-25.) Inkululeko yenene eyayinikwe uAdam noEva siya kuyifumana kuphela xa kususwe isono.

16. Sinokwenza ntoni ukuze sikhululeke nyhani?

16 Amazwi kaYesu athi, “ukuba nithe nahlala kulo izwi lam,” abonisa ukuba kukho izinto ezifunekayo okanye imida esingamele siyitsibe ukuba sifuna asikhulule. Ekubeni sizinikele kuThixo, siyekile ukuzilawula, sikhethe ukulawulwa zizinto uYesu awasifundisa zona. (Mat. 16:24) Njengokuba uYesu wathembisayo, siya kukhululeka nyhani kuphela xa sizifumene zonke iintsikelelo zedini lentlawulelo.

17. (a) Yintoni enokusenza siyazi into esiyiphilelayo kwaye saneliseke? (b) Siza kufunda ngantoni kwinqaku elilandelayo?

17 Thina bafundi bakaYesu, xa sizithoba kwiimfundiso zakhe, siya kuyazi into esiyiphilelayo size saneliseke. Siza kutsho sibe nethemba lokukhululeka ngokupheleleyo, singabi ngamakhoboka esono nokufa. (Funda amaRoma 8:1, 2, 20, 21.) Inqaku elilandelayo liza kusifundisa indlela elumkileyo yokusebenzisa inkululeko esinayo ngoku, ukuze simzukise ngonaphakade uYehova, uThixo wenkululeko yenene.