Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 17

“Ndinibiza Abahlobo Bam”

“Ndinibiza Abahlobo Bam”

“Ndinibiza abahlobo bam, kuba ndinixelele yonke into endiyixelelwe nguTata.”—YOH. 15:15.

INGOMA 13 UKristu, Umzekelo Wethu

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Yintoni oyenzayo ukuze ube ngumhlobo womntu?

NGOKUQHELEKILEYO into yokuqala oyenzayo xa ufuna ukuba ngumhlobo womntu kukuchitha ixesha naye. Xa nincokola, nibaliselana ngezinto ezenzekileyo ebomini benu, niba ngabahlobo. Kodwa akukho lula ukuba ngumhlobo kaYesu. Ziintoni ezenza kube nzima?

2. Yeyiphi into yokuqala ebangela ukuba kube nzima ukuba ngabahlobo bakaYesu?

2 Into yokuqala ebangela kube nzima kukuba zange simbone uYesu. Namanye amaKristu awayephila ngexesha labapostile ayenaloo ngxaki. Kodwa umpostile uPetros wathi kuwo: “Nangona ningazange nambona uYesu, niyamthanda. Nangona ningamboni nangoku, niyazikholelwa kwaye niyazenza izinto awayezifundisa.” (1 Pet. 1:8) Le nto yenza kucace ukuba singakwazi ukuba ngabahlobo bakaYesu nangona singazange simbone.

3. Yeyiphi into yesibini eyenza kube nzima ukuba ngabahlobo bakaYesu?

3 Into yesibini eyenza kube nzima kukuba asinakuthetha noYesu. Xa sithandaza sithetha noYehova. Ewe kona, sithandaza egameni likaYesu kodwa asithethi naye. Phofu naye akafuni sithandaze kuye. Ngoba? Kaloku xa sithandaza siyakhonza ibe nguYehova yedwa esimele simkhonze. (Mat. 4:10) Kodwa zikhona izinto esinokuzenza ezibonisa ukuba siyamthanda uYesu.

4. Yeyiphi into yesithathu ebangela ukuba kube nzima ibe yintoni esiza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

4 Into yesithathu eyenza kube nzima kukuba uYesu uhlala ezulwini, ngoko asinakukwazi ukuchitha ixesha kunye naye. Kodwa nangona singenakukwazi ukuba kunye naye, zininzi izinto esinokuzazi ngaye. Siza kuthetha ngezinto ezine esinokuzenza ukuze sibe ngabahlobo bakhe, size siqhubeke singabo. Kodwa makhe siqale sithethe ngesizathu sokuba kubalulekile ukuba ngabahlobo bakaKristu.

KUTHENI KUFUNEKA SIBE NGABAHLOBO BAKAYESU?

5. Zeziphi izizathu ezibini ezenza kubaluleke ukuba ngumhlobo kaYesu? (Jonga ibhokisi ethi, “ Yiba Ngumhlobo KaYesu Ukuze Ukwazi Ukuba Ngumhlobo KaYehova” nethi, “ Lumkela Ukuthanda UYesu KunoYehova.”)

5 Ukuba sifuna ukuthandwa nguYehova simele sibe ngabahlobo bakaYesu. Ngoba? Nazi izizathu ezibini. Esokuqala, uYesu wathi kubafundi bakhe: “UTata uyanithanda, kuba niye nandithanda.” (Yoh. 16:27) Waphinda wathi: “Akukho mntu uya kuTata engayi ngam.” (Yoh. 14:6) Ukuzama ukuthandwa nguYehova ungakhange uqale ube ngumhlobo kaYesu, kufana nokufuna ukuba phakathi endlini ungangenanga ngomnyango. UYesu wasebenzisa umzekeliso ofanayo xa wathi yena ‘uyigeyithi ezingena kuyo iigusha.’ (Yoh. 10:7) Isizathu sesibini kukuba uYesu ulinganisa uTata wakhe kuyo yonke into ayenzayo. Wathi kubafundi bakhe: “Lowo undibonileyo mna umbonile noTata.” (Yoh. 14:9) Ngoko, eyona ndlela sinokumazi ngayo uYehova, kukufunda ngobomi bukaYesu. Njengoko sifunda ngoYesu siza kuya simthanda. Xa singabahlobo bakaYesu, siza kumthanda kakhulu uTata wakhe.

6. Sesiphi esinye isizathu esenza kubaluleke ukuba ngabahlobo bakaYesu? Cacisa.

6 Ukuze imithandazo yethu iphendulwe, kufuneka sibe ngabahlobo bakaYesu. Le nto ithetha ukuba akwanelanga nje ukuthi “egameni likaYesu” xa sigqibezela imithandazo yethu. Simele sazi ukuba uYehova umsebenzisa njani uYesu xa ephendula imithandazo yethu. UYesu wathi kubapostile bakhe: “Nantoni na eniyicela egameni lam, ndiza kuyenza.” (Yoh. 14:13) Nangona inguYehova omamela aze aphendule imithandazo yethu, usebenzisa uYesu xa eyiphendula. (Mat. 28:18) Ngaphambi kokuba uThixo aphendule imithandazo yethu, uye ajonge ukuba siyayenza na into eyathethwa nguYesu. Ngokomzekelo, uYesu wathi: “Ukuba niyabaxolela abantu izono zabo, noTata wenu osemazulwini uza kunixolela; kanti ukuba anibaxoleli, noTata wenu akazukunixolela.” (Mat. 6:14, 15) Ngoko kubalulekile ukuba abantu sibaphathe ngendlela uYehova noYesu abasiphatha ngayo.

7. Ngoobani abancedwa yintlawulelo?

7 Ngabantu abangabahlobo bakaYesu kuphela abaza kuncedwa yintlawulelo. Siyazi njani loo nto? UYesu wathi wayeza ‘kuncama ubomi bakhe, ebuncamela abahlobo bakhe.’ (Yoh. 15:13) Abantu abathembekileyo abafa ngaphambi kokuba uYesu eze emhlabeni, kuza kufuneka bafunde ngaye baze bamthande. Abanye babo bantu nguAbraham, uSara, uMoses noRahabhi. Nabo kuza kufuneka babe ngabahlobo bakaYesu ukuze bafumane ubomi obungunaphakade.—Yoh. 17:3; IZe. 24:15; Heb. 11:8-12, 24-26, 31.

8-9. Ngokutsho kukaYohane 15:4, 5, yintoni esinokuyenza xa singabahlobo bakaYesu ibe kutheni ibalulekile loo nto?

8 Kuyasivuyisa ukuwenza noYesu umsebenzi wokushumayela nokufundisa abantu iindaba ezilungileyo zoBukumkani. Xa wayelapha emhlabeni wayefundisa. Ukubuyela kwakhe ezulwini, uYesu oyintloko yebandla uye waqhubeka ekhokela kumsebenzi wokushumayela nokufundisa. Uyazibona ibe uyazithanda iinzame enizenzayo zokunceda abantu bazi yena noTata wakhe. Eyona ndlela sinokuwenza kakuhle ngayo lo msebenzi kuxa sincedwa nguYehova noYesu.—Funda uYohane 15:4, 5.

9 ILizwi LikaThixo litsho ngokucacileyo ukuba, ukuze sithandwe nguYehova simele sihlale singabahlobo bakaYesu. Ngoku makhe sithethe ngezinto ezine esinokuzenza ukuze sibe ngabahlobo bakaYesu.

SINAKO UKUBA NGABAHLOBO BAKAYESU

Unokuba ngumhlobo kaYesu (1) ngokumazi kakuhle, (2) ngokucinga uze wenze izinto njengaye, (3) ngokuxhasa abazalwana bakaKristu (4) nangokuzenza izinto ezithethwa yintlangano kaYehova (Jonga isiqendu 10-14) *

10. Yintoni esimele siqale siyenze ukuba sifuna ukuba ngabahlobo bakaYesu?

10 (1) Simele simazi uYesu. Xa sifunda incwadi kaMateyu, kaMarko, kaLuka nekaYohane, sinokumazi uYesu. Njengoko sicinga ngezinto esizifunde kwezi ncwadi ngobomi bukaYesu, siza kumthanda size simhloniphe ngenxa yendlela awayebaphatha ngayo abantu. Ngokomzekelo, wayeyiNkosi yabo kodwa zange abaphathe njengamakhoboka abafundi bakhe. Wayebaxelela izinto azicingayo nendlela aziva ngayo. (Yoh. 15:15) Wayeba buhlungu xa bebuhlungu aze akhale nabo. (Yoh. 11:32-36) Kwanabantu ababemchasa babebona ukuba uba ngumhlobo wabantu abayenzayo into abafundisa yona. (Mat. 11:19) Ukuba sibaphatha abantu ngendlela uYesu awayebaphethe ngayo abafundi bakhe, siza kuba ngabahlobo nabo, saneliseke size sonwabe. Loo nto iza kubangela ukuba simthande size simhloniphe kakhulu uKristu.

11. Yintoni eyesibini esimele siyenze ukuze sibe ngabahlobo bakaYesu, ibe kutheni ibalulekile nje loo nto?

11 (2) Cinga uze wenze izinto njengoYesu. Xa siyazi indlela awayecinga ngayo size sicinge njengaye, siza kuba ngabahlobo bakhe. (1 Kor. 2:16) Sinokwenza njani ukuze sifane noYesu? Nanku umzekelo. UYesu wayesoloko efuna ukunceda abantu kunesiqu sakhe. (Mat. 20:28; Roma 15:1-3) Loo nto yayimenza azincame ngenxa yabantu aze abaxolele. Wayengakhawulezi akhathazwe zizinto ezazithethwa ngabantu ngaye. (Yoh. 1:46, 47) Wayengagqibi ngabantu ngenxa yeempazamo abazenzayo. (1 Tim. 1:12-14) UYesu wathi: “Bonke baza kutsho bazi ukuba ningabafundi bam, ukuba niyathandana.” (Yoh. 13:35) Khawuzibuze, “Ngaba njengoYesu ndenza yonke into endinokukwazi ukuyenza ukuze ndihlalisane ngoxolo nabazalwana noodadewethu?”

12. Yintoni eyesithathu esinokuyenza ukuze sibe ngabahlobo bakaYesu, ibe sinokuyenza njani loo nto?

12 (3) Baxhase abazalwana bakaKristu. KuYesu, xa sixhasa abazalwana bakhe iba ngathi sixhasa yena. (Mat. 25:34-40) Eyona ndlela ibalulekileyo esinokubaxhasa ngayo, kukuba senze umsebenzi uYesu awawuyalela abalandeli bakhe wokuba bashumayele iindaba ezilungileyo baze benze abafundi. (Mat. 28:19, 20; IZe. 10:42) Abazalwana bakaKristu banokuwenza kakuhle lo msebenzi wokushumayela wenziwa ehlabathini lonke xa bencedwa ‘zezinye izimvu.’ (Yoh. 10:16) Ukuba ungomnye wezinye izimvu, qho xa ushumayela ubonisa ukuba uyamthanda uYesu nabazalwana bakhe.

13. Sinokuyenza njani into eyathethwa nguYesu kuLuka 16:9?

13 Enye indlela esinokuba ngabahlobo ngayo noYehova noYesu, kukuxhasa umsebenzi wokushumayela ngemali. (Funda uLuka 16:9.) Ngokomzekelo, sinokunikela ngemali kumsebenzi owenziwa ehlabathini lonke. Loo mali inceda ekushumayeleni kwiindawo ezikude ezingenamaNgqina, ekwakheni izakhiwo zentlangano nasekuthengeni izinto zokunceda abazalwana noodadewethu abehlelwe yintlekele. Sinokunikela nakwiindleko zebandla size sincede abantu abadinga uncedo. (IMize. 19:17) Ezi ziindlela esinokubaxhasa ngazo abazalwana bakaKristu.

14. AmaEfese 4:15, 16 abonisa ukuba yintoni eyesine esimele siyenze ukuze sibe ngabahlobo bakaYesu?

14 (4) Zenze izinto ezithethwa yintlangano kaYehova. Siqinisa ubuhlobo bethu noYesu oyintloko yebandla xa sisebenzisana nabantu abakhethileyo ukuba basihoye. (Funda amaEfese 4:15, 16.) Ngokomzekelo, ngoku sizama ukuqiniseka ukuba zonke iiHolo ZoBukumkani ziyasetyenziswa. Loo nto yenza ukuba kudityaniswe amabandla ize nentsimi yawo idityaniswe. Ngenxa yale nto, intlangano iye yonga imali eninzi enikelwayo. Kwakhona kuye kwafuneka abanye abavakalisi benze into abangayiqhelanga. Masithi bayacelwa ukuba baye kukhonza kwelinye ibandla. Mhlawumbi aba bavakalisi batshintsha ibandla ekudala bekulo yaye bashiya abazalwana noodade ababaqhelileyo. Uvuya kakhulu uYesu xa ebona aba bavakalisi bathembekileyo beyenza le nto.

SINOKUBA NGABAHLOBO BAKAYESU NGONAPHAKADE

15. Buza kuba njani ubuhlobo bethu noYesu kwixesha elizayo?

15 Abantu abathanjiswe ngomoya oyingcwele banethemba lokuba noYesu ngonaphakade belawula naye kuBukumkani BukaThixo. Baza kumbona, bathethe naye baze bachithe ixesha kunye naye. (Yoh. 14:2, 3) Nabo baza kuphila emhlabeni baza kuthandwa baze bahoywe nguYesu. Bona abasoze bambone kodwa ubuhlobo babo noYesu buza kuqina njengoko bephila ubomi ababulungiselelwe nguYehova noYesu.—Isa. 9:6, 7.

16. Zeziphi iintsikelelo esizifumanayo xa singabahlobo bakaYesu?

16 Xa sivuma ukuba ngabahlobo bakaYesu sifumana iintsikelelo ezininzi. Ngokomzekelo, siyibona ngoku indlela asithanda nasixhasa ngayo. Sinethemba lokuphila ngonaphakade. Eyona nto ibaluleke kakhulu kukuba, xa singabahlobo bakaYesu siza kuthandwa nguTata wakhe uYehova. Kuvuyisa nyhani ukuba ngabahlobo bakaYesu.

INGOMA 17 “Ndiyathanda”

^ isiqe. 5 Abapostile bahlala noYesu iminyaka emininzi bencokola kwaye besebenza naye. Loo nto yabenza bangabahlobo. UYesu ufuna sibe ngabahlobo bakhe, kodwa akukho lula kuthi njengakubapostile. Eli nqaku liza kuthetha ngezinto ezibangela ukuba kungabi lula lize lisicebise ngezinto esinokuzenza ukuze sibe ngabahlobo bakaYesu.

^ isiqe. 55 IMIFANEKISO: (1) Kunqulo lwentsapho sinokufunda ngobomi nangobulungiseleli bukaYesu. (2) Ebandleni, sinokuzama ukuxolelana nabazalwana bethu. (3) Sinokuxhasa abazalwana bakaKristu ngokuzinikela kumsebenzi wokushumayela. (4) Xa kudityaniswa amabandla, masisebenzisane nabadala.