Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 15

Ubajonga Njani Abantu Abakwintsimi Yenu?

Ubajonga Njani Abantu Abakwintsimi Yenu?

“Jongani amasimi, amhlophe, alungele ukuvunwa.” —YOH. 4:35.

INGOMA 64 Masincedise Ekuvuneni Sivuya

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1-2. UYesu wayethetha ngantoni kuYohane 4:35, 36?

UYESU wayehamba emasimini ekusenokwenzeka ukuba ayengawerhasi. (Yoh. 4:3-6) Kwakusashiyeke iinyanga ezine ngaphambi kokuba le rhasi ivunwe. UYesu wathetha into eyabothusa nyhani abantu. Wathi: “Jongani amasimi, amhlophe, alungele ukuvunwa.” (Funda uYohane 4:35, 36.) Wayetheth’ ukuthini?

2 UYesu wayengathethi ngokuvunwa kwerhasi, kodwa wayethetha ngabantu. Khawucinge ngento eyayisandokwenzeka. Nangona amaYuda ayengawaginyi ncam amaSamariya, uYesu washumayela kumfazi ongumSamariya ibe lo mfazi wammamela. Emva koko, waxelela amanye amaSamariya ngezinto azive kuYesu. Xa uYesu wayethetha ‘ngamasimi amhlophe’ alungele ukuvunwa, loo maSamariya eza kuye ukuze awafundise. (Yoh. 4:9, 39-42) Enye incwadi ecacisa iBhayibhile ithi: “Indlela abantu ababenomdla ngayo yayibonisa ukuba babefana nqwa namasimi alungele ukuvunwa.”

Yintoni esifanele siyenze xa sibona ukuba amasimi amhlophe, “alungele ukuvunwa”? (Jonga isiqendu 3)

3. Kuza kukunceda njani ukujonga abantu ngendlela uYesu awayebajonga ngayo abantu awayeshumayela kubo?

3 Wena ubajonga njani abantu oshumayela kubo? Ngaba xa ubajongile, ubona amasimi alungele ukuvunwa? Ukuba kunjalo, uza kwenza ezi zinto zintathu: Okokuqala, awuzukonqena ukushumayela. Kaloku ixesha lokuvuna liyaphela. Ngoko asinalo ixesha lokudlala. Okwesibini, uza kuvuya xa ubona abantu oshumayela kubo benomdla kwiindaba ezilungileyo. IBhayibhile ithi: “Abantu baba nemihlali ngexesha lokuvuna.” (Isa. 9:3) Okwesithathu, kwamntu odibana naye, uza kuba nethemba lokuba ngenye imini, naye uza kuba ngumfundi kaYesu. Ibe loo nto iza kukwenza uthethe ngezinto anomdla kuzo xa umshumayeza.

4. Yintoni esiza kuthetha ngayo kweli nqaku?

4 Kusenokwenzeka ukuba abanye abafundi bakaYesu babecinga ukuba amaSamariya awasoze abe ngabafundi bakhe. Kodwa uYesu akazange ayicinge nokuyicinga loo nto. Yena wayebona abafundi bangomso. Nathi kufuneka siyiqonde into yokuba, abantu esishumayela kubo banokuba ngabafundi bakaYesu ngomso. Umpostile uPawulos wasibonisa indlela esinokuyenza ngayo le nto. Yintoni esinokuyifunda kuye? Kweli nqaku, siza kuthetha ngezinto ezanceda uPawulos (1) wazazi izinto abantu abanomdla kuzo, (2) izinto abazikholelwayo (3) nento eyamenza wanethemba lokuba banokuba ngabafundi bakaYesu.

ZIINTONI ABAZIKHOLELWAYO

5. Yintoni eyayisenza uPawulos akwazi ukushumayela kwindlu awayekhonzela kuyo amaYuda?

5 Amaxesha amaninzi, uPawulos wayeshumayela kwizindlu awayekhonzela kuzo amaYuda. Ngokomzekelo, xa wayeseTesalonika, waya kwenye yezi zindlu “waza wachitha iisabatha ezintathu ethetha [namaYuda] ngeZibhalo.” (IZe. 17:1, 2) Mhlawumbi uPawulos wayeziva esekhaya xa ekwezi zindlu. Kaloku naye wayengumYuda. (IZe. 26:4, 5) Ngoko wayewazi kakuhle amaYuda, ibe loo nto yayimenza ashumayele kuwo ekhululekile.—Fil. 3:4, 5.

6. Abantu uPawulos awayeshumayela kubo kwindawo ekwakuthengiswa kuyo eAthene babohluke ngantoni kwabo bendlu awayekhonzela kuyo amaYuda?

6 UPawulos wachaswa eTesalonika naseBhereya, waza wabalekela eAthene. Nalapho “waqalisa ukuxoxa ngeZibhalo namaYuda nabanye abantu ababekhonza uThixo kwindlu awayekhonzela kuyo amaYuda.” (IZe. 17:17) Kodwa xa wayeshumayela kwindawo ekuthengiswa kuyo, wadibana nezifundiswa nabanye abantu abangengomaYuda ababesithi ufundisa ‘imfundiso entsha.’ Bathi kuye: “Ufundisa izinto esingazaziyo thina.”—IZe. 17:18-20.

7. KwiZenzo 17:22, 23, uPawulos washumayela njani kubantu abangengomaYuda?

7 Funda iZenzo 17:22, 23. Indlela uPawulos awayeshumayela ngayo kubantu abangengomaYuda eAthene yayingafani naleyo wayewashumayela ngayo kumaYuda. Mhlawumbi wazibuza, ‘Yintoni abayikholelwayo abantu balapha eAthene?’ Waqwalasela izinto ezazikufutshane naye, nendlela abantu ababekhonza ngayo. Emva koko, xa wayebafundisa ngeZibhalo, waqala wathetha ngezinto ababevumelana ngazo. Enye incwadi ecacisa iBhayibhile ithi: “Kuba wayengumKristu ongumYuda, wayesazi ukuba amaGrike awakhonzi uThixo wenene owayekhonzwa ngamaYuda namaKristu. Kodwa wazama ukubabonisa ukuba, lo Thixo wayeshumayela ngaye uyaziwa ngabantu baseAthene.” Ngoko uPawulos wayekwazi ukuyitshintsha indlela awayeyiqala ngayo incoko. Waxelela abantu baseAthene ukuba ubafundisa ngoThixo ‘ababengamazi’ nababezama ukumkhonza. Nangona babengazazi iZibhalo, uPawulos zange abancame. Kuye, babefana namasimi alungele ukuvunwa. Ngenxa yaloo nto, intshumayelo yakhe wayiqala ngento abanomdla kuyo.

Njengompostile uPawulos, qaphela, utshintshe indlela oshumayela ngayo, ube nethemba lokuba abantu oshumayela kubo banokuba ngabafundi bakaYesu bangomso (Funda isiqendu 8, 12, 18) *

8. (a) Ziintoni omele uziqaphele ukuze ubone ukuba abantu bakhonza phi? (b) Unokumphendula njani umntu othi unecawa yakhe?

8 Qaphela njengoPawulos. Zama ukujonga izinto abakholelwa kuzo abantu oshumayela kubo. Ngokomzekelo, xa usemzini, qaphela indlela loo mntu ayilungise ngayo indlu okanye imoto yakhe. Ngaba igama lakhe, indlela anxiba nazilungisa ngayo okanye indlela athetha ngayo iyakuxelela ukuba ukhonza phi? Mhlawumbi ukuxelele ukuba unecawa yakhe. Xa umntu esithi unecawa yakhe, uFlutura onguvulindlela okhethekileyo udla ngokuthi: “Andizanga kuzokunyanzela ngezinto endizikholelwayo, kodwa ndifuna sithethe nje ngale nto . . . ”

9. Zeziphi izinto eninokuvumelana ngazo nomntu okhonzayo?

9 Zeziphi izinto onokuthetha ngazo nomntu okhonzayo? Zama ukuthetha ngezinto enivumelana ngazo. Kusenokwenzeka ukuba naye ukhonza uThixo omnye, ukholelwa ukuba uYesu ungumsindisi nokuba eli hlabathi lonakeleyo siphila kulo liza kutshatyalaliswa kungekudala. Thetha ngezi zinto nivumelana ngazo, ukuze abe nomdla wokukumamela.

10. Yintoni esimele sizame ukuyenza, ibe ngoba?

10 Abanye abantu basenokungazikholelwa izinto ezifundiswa ezicaweni zabo. Ngoko nasemva kokuba umazile umntu ukuba ukhonza phi, zama ukwazi izinto yena azikholelwayo. UDonalta waseAlbania uthi, “Sidla ngokudibana nabantu abathi bayakhonza, kodwa kwabona baphinde bathi abakholelwa ncam ukuba uThixo ukhona.” Omnye umzalwana ongumvangeli wasemazweni eArgentina uqaphela ukuba abanye abantu bathi bayakholelwa kuBathathu Emnye, kodwa kwabona abayiginyi ncam into yokuba uTata, uNyana nomoya oyingcwele nguThixo omnye. Lo mzalwana uthi, “Le nto indinceda ndikwazi ukuthetha ngento esivumelana ngayo.” Ngoko zama ukwazi ezona zinto bakholelwa kuzo abantu. Xa usenza loo nto, uza kuba “zizinto zonke kuzo zonke iintlobo zabantu,” njengoPawulos.—1 Kor. 9:19-23.

ZIINTONI ABANOMDLA KUZO?

11. KwiZenzo 14:14-17, uPawulos washumayela njani kubantu baseListra?

11 Funda iZenzo 14:14-17. UPawulos wayezibona izinto abantu abanomdla kuzo, aze atshintshe indlela ashumayela ngayo. Ngokomzekelo, abantu awayethetha nabo eListra babengazazi kangako iZibhalo. Ngoko uPawulos wathetha ngezinto ababezazi. Wathetha nabo ngezivuno nangezinto ezaziza kubenza bonwabe. Wasebenzisa amagama nemizekelo ababeza kuyiqonda lula.

12. Unokumenza njani umntu abe nomdla wokufundelwa iBhayibhile?

12 Zama ukuqonda izinto abantu abanomdla kuzo uze utshintshe indlela oshumayela ngayo. Xa ufika emntwini okanye emzini wakhe, unokuzibona njani izinto anomdla kuzo? Nalapha, kufuneka ube ngumntu oqaphelayo. Mhlawumbi ufike lo mntu esegadini, efunda incwadi, elungisa imoto, okanye esenza enye into. Usenokuqala incoko ngale nto ayenzayo. (Yoh. 4:7) Neempahla azinxibileyo zisenokukuxelela ukuba lo mntu ngoweliphi ilizwe, usebenza phi okanye uthanda owuphi umdlalo. UGustavo uthi, “Ndakha ndancokola nomnye umfana owayenxibe isikipa esinomfanekiso womntu oculayo. Ndambuza ngesi sikipa, waza wandixelela isizathu sokuba ayithande kangaka le mvumi. Emva kokuba sincokole, waba sisifundo sam ibe ngoku ungumzalwana obhaptiziweyo.”

13. Unokuzibona njani izinto umntu anomdla kuzo uze utshintshe indlela oshumayela ngayo?

13 Xa ucela ukufundela umntu iBhayibhile, menze abe nomdla uze umbonise indlela aza kuncedakala ngayo. (Yoh. 4:13-15) Ngokomzekelo, uPoppy wakha wangena emzini webhinqa elalinomdla. Wabona kwisatifiketi esiseludongeni ukuba eli bhinqa linguprofesa wezemfundo. Walixelela ukuba nathi sifundisa abantu iBhayibhile emizini yabo nakwiintlanganiso zethu. Lavuma ukufundelwa, laya kwiintlanganiso ngosuku olulandelayo. Laza emva koko, laya kwindibano yesiphaluka. Kwagqitha nje unyaka, labhaptizwa. Khawuzibuze: ‘Zeziphi izinto anomdla kuzo amabuyelo am? Ndingawachazela njani ngesifundo seBhayibhile ukuze abe nomdla?

14. Yintoni omele ucinge ngayo xa ulungiselela ukuya kuqhuba seBhayibhile?

14 Qho xa uza kufunda nomntu, lungiselela ucinga ngaye. Cinga ngendawo akhulele kuyo nangezinto anomdla kuzo. Emva koko, khetha iZibhalo oza kuzifunda, iividiyo nemizekeliso oza kuyisebenzisa. Zibuze, ‘Yintoni eza kumenza azithande ezi zinto sifunda ngazo?’ (IMize. 16:23) Elinye ibhinqa laseAlbania elalifundelwa nguvulindlela ekuthiwa nguFlora lakha lathi, “Andiyiqondi ncam le yokuvuka kwabantu abaswelekileyo.” UFlora akazange alenze ukuba lide liyiqonde kwangaloo mini. Uthi: “Ndaqonda ukuba kuza kufuneka aqale amazi lo Thixo uthembisa ngovuko.” Ukususela ngoko, qho xa befunda uFlora wayeyigxininisa into yokuba uYehova uyasithanda, usisilumko ibe unamandla. Isifundo sakhe sade salukholelwa uvuko. Ngoku siliNgqina LikaYehova elikhutheleyo.

BANGANGABAFUNDI BAKAYESU BANGOMSO

15. IZenzo 17:16-18 zithi babenjani abantu baseAthene, ibe kwakutheni ukuze uPawulos angabancami?

15 Funda iZenzo 17:16-18. UPawulos akazange abancame abantu baseAthene nangona abaninzi kubo babenqula izithixo, beziphethe kakubi ngokwesondo, bekholelwa nezinto ezazifundiswa ngabahedeni. Akazange ayeke ukushumayela kubo nangona babemgezela. Ngaphambi kokuba abe ngumKristu, naye uPawulos wayekade ‘edelela uThixo, etshutshisa abantu bakhe.’ (1 Tim. 1:13) UYesu wambona uPawulos ukuba angangumfundi wakhe, ngoko naye uPawulos wayithemba into yokuba abantu baseAthene bangangabafundi ngeny’ imini. Nyhani ke wayengaphazami.—IZe. 9:13-15; 17:34.

16-17. Yintoni ebonisa ukuba abantu bangatshintsha nokuba bebekade bephila njani? Yenza umzekelo.

16 Ngexesha labapostile, iintlobo ezahlukahlukeneyo zabantu zaba ngabafundi bakaYesu. Xa uPawulos wayebhalela amaKristu awayekwisixeko saseKorinte esasihlala amaGrike, wathi amanye awo ayekhe azizaphuli-mthetho okanye aphila ngendlela eyothusayo. Waphinda wathi: “Abanye benu babekhe banjalo. Kodwa niye nahlanjwa nacoceka.” (1 Kor. 6:9-11) Ukuba yayinguwe, wawuza kuyibona into yokuba abo bantu banokutshintsha baze babe ngabafundi?

17 Namhlanje, baninzi abantu abanokutshintsha indlela abaphila ngayo baze babe ngabafundi bakaYesu. Ngokomzekelo, eOstreliya, uYukina onguvulindlela okhethekileyo uthi wabona ukuba zonke iintlobo zabantu zinokuyenza into efundiswa yiBhayibhile. Ngenye imini, ekwenye iofisi, wabona intombazana eyayineetatoo inxibe neempahla eziwakuwaku. Uthi: “Ndandiyonqena, kodwa ndade ndathetha nayo. Ndaqaphela ukuba yayinomdla kakhulu eBhayibhileni kangangokuba ezinye zeetatoo zayo yayiziivesi ezikwiiNdumiso.” Le ntombazana yafundelwa, yaza yaya kwiintlanganiso. *

18. Kutheni singamele sibagwebe abantu?

18 Ngaba uYesu wathi amasimi alungele ukuvunwa kuba ecinga ukuba baninzi abantu abaza kuba ngabalandeli bakhe. Akunjalo. KwiZibhalo kwakuprofetiwe ukuba bambalwa abantu abaza kuba nokholo kuye. (Yoh. 12:37, 38) Kwakhona, uYesu wayezazi izinto ezisezintliziyweni zabantu. (Mat. 9:4) Nangona wayehoye kakhulu abantu abanokholo kuye, wayeshumayela kubo bonke abantu. Thina ke asizazi izinto ezisezintliziyweni zabantu. Ngoko asinasizathu sokubagweba abantu esishumayela kubo. Masithethe nabo sinethemba lokuba baza kuba ngabafundi bakaYesu bangomso. UMarc ongumvangeli wasemazweni eBurkina Faso uthi: “Izifundo endicinga ukuba ziza kuba ngamaNgqina zivele ziyeke esithubeni. Kodwa ezi ndicinga ukuba azizukuhambela ndawo zivele ziqhube kakuhle. Ngoko ndifundile ukuba kubhetele siyeke umoya oyingcwele kaYehova usikhokele.”

19. Simele sibajonge njani abantu esishumayela kubo?

19 Ekuqaleni, kwintsimi yenu usenokucinga ukuba bambalwa abantu abafana namasimi alungele ukuvunwa. Kodwa ungaze uyilibale into uYesu awayixelela abafundi bakhe. Amasimi amhlophe. Loo nto ithetha ukuba alungele ukuvunwa. Abantu banokutshintsha babe ngabafundi bakaKristu. UYehova ubabona ‘bezizinto ezixabisekileyo.’ (Hag. 2:7) Ukuba abantu sibajonga ngendlela uYehova noYesu ababajonga ngayo, siza kuba nomdla wokwazi indlela abakhule ngayo nezinto abanomdla kuzo. Siza kubona abazalwana noodade bangomso.

INGOMA 57 Sishumayela Kwiintlobo Zonke Zabantu

^ isiqe. 5 Indlela esibajonga ngayo abantu esishumayela kubo ingasinceda njani xa sishumayela naxa sifundisa? Kweli nqaku, siza kuthetha ngendlela uYesu nompostile uPawulos ababebajonga ngayo abantu ababeshumayela kubo nezinto esinokuzifunda kubo. Babezazi izinto ababezikholelwa, izinto abanomdla kuzo, ibe babethetha nabo benethemba lokuba banokuba ngabafundi bangomso.

^ isiqe. 17 Amanqaku athi “IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu” athetha ngabanye abantu abatshintsha ubomi babo. Ngo-2017, la manqaku ayeka ukuvela kwiMboniselo. Ngoku afumaneka kujw.org/xh. Jonga kwindawo ethi INKCAZELO ENGAKUMBI NGATHI > AMAVA.

^ isiqe. 57 IMIFANEKISO: Indoda nomfazi abashumayela kwindlu ngendlu bafika (1) kwikhaya elicocekileyo, elihonjiswe ngeentyatyambo; (2) kwikhaya elihlala kwintsapho enabantwana abasebancinci; (3) kwikhaya elingacocekanga ngaphakathi nangaphandle; (4) nakwikhaya labantu abakhonzayo. Unokumfumana kowuphi umzi umntu onokuba ngumfundi kaKristu?